Isahluko 2
ULihayi Ulumkisa Abantu
Umfanekiso
ULihayi kunye nentsika yomlilo
ULihayi wayengumprofethi. Wathandazela ukuba abantu baguquke. Xeshikweni wayethandaza, kwavela intsika yomlilo. UThixo wamxelela kwaye wambonisa uLihayi izinto ezininzi.
Umfanekiso
ULihayi ubona umbono
ULihayi wabuyela ekhaya kwaye wabanombono. Wabona uThixo engqungwe ziingelosi ezininzi. Iingelosi zazicula kwaye zidumisa uThixo.
Umfanekiso
Umbono kaLihayi
Kumbono wakhe uLihayi wanikwa incwadi eyayichaza ngezinto ezaziza kukwenzeka kwixesha elizayo. Yena wafunda ukuba iYerusalem yayizokutshatyalaliswa kuba abantu babengabenzi bobubi.
Umfanekiso
ULihayi uthetha nabantu
ULihayi waxelela abantu ukuba iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa. Kwaye wabaxelela nangokuza kukaYesu. Abantu babanomsindo kwaye bazama ukumbulala uLihayi, kodwa iNkosi yamkhusela.