Isahluko 38
Ukubulawa koMgwebi oyiNtloko
UNifayi wayekhathazekile kukubona inkohlakalo engaka phakathi kwabantu.
Ngenye imini yena wayethandaza kwinkcochoyi eyayisemyezweni wakhe. Umyezo wakhe wayesecaleni kohola wendlela eya emarikeni eZarahemla.
Abantu abagqitha ngohola wendlela bamva uNifayi ethandaza. Iqela elikhulu labantu abaninzi laqokelelana, lizibuza ukuba kwakutheni wayekhathazeke kangaka.
Akubona abantu uNifayi, wabaxelela ukuba wayekhathazekile ngenxa yenkohlakalo yabo. Wabaxelela ukuba mabaguquke.
Wawalumkisa ngelithi ukuba ayengaguquki, iintshaba zawo zazizakuthatha amakhaya awo kunye nezixeko zawo kwaye iNkosi yayingazukuwanceda ukuba alwe neentshaba zawo.
UNifayi wathi amaNifayithi ayekhohlakele ukogqitha amaLeymenayithi ngoba amaNifayithi ayefundisiwe imithetho kodwa ayengayithobeli.
Wathi ukuba amaNifayithi awaguquki, ayeya kutshatyalaliswa.
Abanye babagwebi abakhohlakeleyo babekhona apho. Bona babefuna ukuba abantu bohlwaye uNifayi ngenxa yokuthetha ngokuphikisana nabo kunye nomthetho wabo.
Abanye abantu bavumelana nabagwebi abakhohlakeleyo. Abanye bamkholelwa uNifayi; abo bamkholelwayo babesazi ukuba wayengumprofethi kwaye wayethetha inyaniso.
UNifayi wabaxelela abantu ukuba babe vukele umbuso ngokuphikisana noThixo kwaye babeya kohlwaywa msinyane ukuba babengaguquki.
UNifayi waxelela abantu ukuba bahambe bayokufuna umgwebi wabo oyintloko. Lowo babeya kumfumana elele kwigazi lakhe, ebulewe ngumntakwabo ngokuba efuna isikhundla sakhe.
Amadoda amahlanu asuka apho kweloqela abaleka ukuyokubona umgwebi oyintloko. Ayengakholelwa ukuba uNifayi wayengumprofethi kaThixo.
Bakumbona uSezoram, umgwebi oyintloko, elele egazini lakhe, bawela emhlabeni benoloyiko. Ngoku babesazi ukuba uNifayi waye ngumprofethi.
Izicaka zikaSezoram zazisele zimfumene umgwebi oyintloko, sele zibaleka ukuyokuxelela abantu. Zabuya zaze zafumana lamadoda mahlanu elele phantsi.
Abantu babecinga ukuba ngalamadoda mahlanu abulele uSezoram.
Bawaphosela entolongweni lamadoda mahlanu bakugqiba bathumela ilizwi kwisixeko sonke ukuba umgwebi oyintloko wayebulewe kwaye ababulali basentolongweni.
Ngosuku olulandelayo abantu baya apho umgwebi oyintloko wayeza kungcwatyelwa khona. Abagwebi ababekhona kwisitiya sikaNifayi babuza ukuba aphi lamadoda mahlanu.
Abagwebi bacela ukubona abatyholwa ngokuba ngababulali.
Kwafunyaniswa ukuba aba batyholwa ngokubulala yayi ngalamadoda mahlanu ayebaleke esuka kwisitiya sikaNifayi ukuya kumgwebi oyintloko.
Lamadoda mahlanu athi amfumene umgwebi oyintloko elele egazini lakhe, njengoko uNifayi wayetshilo. Baze abagwebi batyhola uNifayi ngokuthumela umntu ukuba abulale uSezoram.
Esazi ukuba uNifayi wayengumprofethi, lamadoda mahlanu axambulisana nabagwebi, kodwa babengafuni ukuwamamela. Bona babembophelele uNifayi.
Abagwebi bamthembisa uNifayi ukumnika imali kunye nokusindisa ubomi bakhe ukuba wayenokuvuma ukuthi nguye owenze iyelenqe lokubulala umgwebi oyintloko.
UNifayi waxelela abagwebi ukuba baguquke kwinkohlakalo yabo. Waze wabaxelela ukuba baye kuSeyantam, umntakwabo uSezoram.
UNifayi wabaxelela ukuba babuze uSeyantam ukuba yena kunye noNifayi babenze iyelenqe lokubulala uSezoram. UNifayi wathi uSeyantam wayezokuthi “hayi”
Emva koko abagwebi babeza kubuza uSeyantam ukuba wayembulele na umntakwabo. USeyantam kwakhona wayezokuthi “hayi”, kodwa abagwebi babeya kufumana igazi kwimibhinqo yesambatho sakhe.
UNifayi wathi uSeyantam wayezakungcangcazela kwaye akhangeleke empatsha-mpatsha aze ekugqibeleni avume ukuba umbulele umntakwabo.
Abagwebi baya kumzi kaSeyantam, yaze yonke into yenzeka njengoko uNifayi wayethe yayizakwenzeka. UNifayi nalamadoda mahlanu bakhululwa.
Njengoko abantu babemshiya uNifayi, abanye bathi wayengumprofethi, abanye bathi unguthixo. UNifayi wagoduka, esakhathazekile ngenxa yenkohlakalo yabo.