Scripture Stories
Isahluko 38: Ukubulawa koMgwebi oyiNtloko


Isahluko 38

Ukubulawa koMgwebi oyiNtloko

Umfanekiso
amaNifayithi akhohlakeleyo ayathetha

Amadoda akhohlakeleyo aye aba ngabagwebi ngaphezu kwamaNifayithi. Wona ohlwaya abantu abangamalungisa kodwa hayi abantu abakhohlakeleyo.

Umfanekiso
Nifayi

UNifayi wayekhathazekile kukubona inkohlakalo engaka phakathi kwabantu.

Umfanekiso
Indlela eya eZarahemla

Ngenye imini yena wayethandaza kwinkcochoyi eyayisemyezweni wakhe. Umyezo wakhe wayesecaleni kohola wendlela eya emarikeni eZarahemla.

Umfanekiso
UNifayi uyathandaza

Abantu abagqitha ngohola wendlela bamva uNifayi ethandaza. Iqela elikhulu labantu abaninzi laqokelelana, lizibuza ukuba kwakutheni wayekhathazeke kangaka.

Umfanekiso
UNifayi uthetha nabantu

Akubona abantu uNifayi, wabaxelela ukuba wayekhathazekile ngenxa yenkohlakalo yabo. Wabaxelela ukuba mabaguquke.

Umfanekiso
AmaNifayithi amamele uNifayi

Wawalumkisa ngelithi ukuba ayengaguquki, iintshaba zawo zazizakuthatha amakhaya awo kunye nezixeko zawo kwaye iNkosi yayingazukuwanceda ukuba alwe neentshaba zawo.

Umfanekiso
UNifayi uyathetha

UNifayi wathi amaNifayithi ayekhohlakele ukogqitha amaLeymenayithi ngoba amaNifayithi ayefundisiwe imithetho kodwa ayengayithobeli.

Umfanekiso
UNifayi uyathetha

Wathi ukuba amaNifayithi awaguquki, ayeya kutshatyalaliswa.

Umfanekiso
Abantu banomsindo

Abanye babagwebi abakhohlakeleyo babekhona apho. Bona babefuna ukuba abantu bohlwaye uNifayi ngenxa yokuthetha ngokuphikisana nabo kunye nomthetho wabo.

Umfanekiso
Amadoda exambulisana

Abanye abantu bavumelana nabagwebi abakhohlakeleyo. Abanye bamkholelwa uNifayi; abo bamkholelwayo babesazi ukuba wayengumprofethi kwaye wayethetha inyaniso.

Umfanekiso
UNifayi uyathetha

UNifayi wabaxelela abantu ukuba babe vukele umbuso ngokuphikisana noThixo kwaye babeya kohlwaywa msinyane ukuba babengaguquki.

Umfanekiso
UNifayi uyolatha

UNifayi waxelela abantu ukuba bahambe bayokufuna umgwebi wabo oyintloko. Lowo babeya kumfumana elele kwigazi lakhe, ebulewe ngumntakwabo ngokuba efuna isikhundla sakhe.

Umfanekiso
Amadoda ayabaleka

Amadoda amahlanu asuka apho kweloqela abaleka ukuyokubona umgwebi oyintloko. Ayengakholelwa ukuba uNifayi wayengumprofethi kaThixo.

Umfanekiso
Umgwebi oyintloko ubhubhile

Bakumbona uSezoram, umgwebi oyintloko, elele egazini lakhe, bawela emhlabeni benoloyiko. Ngoku babesazi ukuba uNifayi waye ngumprofethi.

Umfanekiso
Amadoda ayolatha

Izicaka zikaSezoram zazisele zimfumene umgwebi oyintloko, sele zibaleka ukuyokuxelela abantu. Zabuya zaze zafumana lamadoda mahlanu elele phantsi.

Umfanekiso
Amadoda anomsindo

Abantu babecinga ukuba ngalamadoda mahlanu abulele uSezoram.

Umfanekiso
Amadoda ayathetha

Bawaphosela entolongweni lamadoda mahlanu bakugqiba bathumela ilizwi kwisixeko sonke ukuba umgwebi oyintloko wayebulewe kwaye ababulali basentolongweni.

Umfanekiso
Amadoda ayathetha

Ngosuku olulandelayo abantu baya apho umgwebi oyintloko wayeza kungcwatyelwa khona. Abagwebi ababekhona kwisitiya sikaNifayi babuza ukuba aphi lamadoda mahlanu.

Umfanekiso
Abagwebi bayathetha

Abagwebi bacela ukubona abatyholwa ngokuba ngababulali.

Umfanekiso
Amadoda phambi kwabagwebi

Kwafunyaniswa ukuba aba batyholwa ngokubulala yayi ngalamadoda mahlanu ayebaleke esuka kwisitiya sikaNifayi ukuya kumgwebi oyintloko.

Umfanekiso
Amadoda phambi komgwebi oyintloko

Lamadoda mahlanu athi amfumene umgwebi oyintloko elele egazini lakhe, njengoko uNifayi wayetshilo. Baze abagwebi batyhola uNifayi ngokuthumela umntu ukuba abulale uSezoram.

Umfanekiso
Amadoda amahlanu abotshelelwe

Esazi ukuba uNifayi wayengumprofethi, lamadoda mahlanu axambulisana nabagwebi, kodwa babengafuni ukuwamamela. Bona babembophelele uNifayi.

Umfanekiso
Umgwebi uthetha noNifayi

Abagwebi bamthembisa uNifayi ukumnika imali kunye nokusindisa ubomi bakhe ukuba wayenokuvuma ukuthi nguye owenze iyelenqe lokubulala umgwebi oyintloko.

Umfanekiso
UNifayi ubotshelelwe

UNifayi waxelela abagwebi ukuba baguquke kwinkohlakalo yabo. Waze wabaxelela ukuba baye kuSeyantam, umntakwabo uSezoram.

Umfanekiso
Abagwebi bathetha noSeyantam

UNifayi wabaxelela ukuba babuze uSeyantam ukuba yena kunye noNifayi babenze iyelenqe lokubulala uSezoram. UNifayi wathi uSeyantam wayezokuthi “hayi”

Umfanekiso
Amadoda abamba isambatho sikaSeyantam

Emva koko abagwebi babeza kubuza uSeyantam ukuba wayembulele na umntakwabo. USeyantam kwakhona wayezokuthi “hayi”, kodwa abagwebi babeya kufumana igazi kwimibhinqo yesambatho sakhe.

Umfanekiso
Seyantam

UNifayi wathi uSeyantam wayezakungcangcazela kwaye akhangeleke empatsha-mpatsha aze ekugqibeleni avume ukuba umbulele umntakwabo.

Umfanekiso
USeyantam uyathatyathwa

Abagwebi baya kumzi kaSeyantam, yaze yonke into yenzeka njengoko uNifayi wayethe yayizakwenzeka. UNifayi nalamadoda mahlanu bakhululwa.

Umfanekiso
Nifayi

Njengoko abantu babemshiya uNifayi, abanye bathi wayengumprofethi, abanye bathi unguthixo. UNifayi wagoduka, esakhathazekile ngenxa yenkohlakalo yabo.