Scripture Stories
Isahlulo 50: AmaYeredayithi Ashiya iBhabheli


Isahluko 50

AmaYeredayithi Ashiya iBhabheli

Umfanekiso
UYerede nomntakwabo bethetha

UYerede nomntakwabo babengamadoda anobulingisa awayehlala kwisixeko esasibizwa iBhabheli. Babephila kumakhulu-khulu eminyaka phambi kwamaNifayithi.

Umfanekiso
abantu abakhohlakeleyo eBhabheli

Uninzi lwabantu eBhabheli lwalukhohlakele. Bazama ukwakha inqaba bezama ukufika ezulwini. INkosi yabanomsindo yatshintsha ulwimi lwabo.

Umfanekiso
UYerede ethetha nomntakwabo

UYerede wacela umntakwabo athandaze acele iNkosi ukuba ingalutshintshi ulwimi lweentsapho nezihlobo zabo.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede ethandaza

Umntakwabo Yerede wathandaza, yaza iNkosi yawuphendula umthandazo wakhe. UYerede, umntakwabo, neentsapho nezihlobo zabo babesavisisana ngentetho.

Umfanekiso
UYerede nosapho behamba

INkosi yamxelela umntakwabo Yerede ukuba ahlanganise usapho lwakhe nezihlobo zakhe balishiye ilizwe. Bathabatha imfuyo yabo nazo zonke iintlobo zeembewu.

Umfanekiso
AmaYeredayithi ehamba

INkosi yathi izakuwakhokela amaYeredayithi ukuya kwilizwe ledinga.

Umfanekiso
AmaYeredayithi

AmaYeredayithi abambisa iintaka neentlanzi ukuba ahambe nazo.

Umfanekiso
Iinyosi zobusi

Bathatha amabubu eenyosi zobusi.

Umfanekiso
AmaYeredayithi ehamba

AmaYeredayithi ahamba esingisa entlango. INkosi yathetha nabo kwilifu kwaye yabaxelela ukuba yeyiphi indlela amabayithathe.

Umfanekiso
AmaYeredayithi

INkosi yathi abantu abahlala kwilizwe ledinga kufuneka bamkhonze uThixo okanye baya kutshatyalaliswa.

Umfanekiso
AmaYeredayithi ehleli enkampini ngaselunxwemeni lolwandle

Athi akufika elunxwemeni amaYeredayithi, agxumeka iintente zawo. Ahlala ngaselwandle iminyaka emine.