Scripture Stories
Isahluko 26: Abantu baka-Amon


Isahluko 26

Abantu baka-Amon

Umfanekiso
UMozaya efundisa amaLeyimenathi

Oonyana bakaMozaya bafundisa ivangeli kumaLeymenayithi. Amawaka wamaLeymenayithi aguquka kwaye azibandakanya neBandla.

Umfanekiso
Antayi-Nifayi-Lihayi

Loo maLeymenayithi athi azibandakanya neBandla azibiza ngokuba angama Antayi-Nifayi-Lihayi okanye abantu baka-Amon. Babelungile, bengabantu abasebenza nzima.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi elungiselela ukulwa

AmaLeymenayithi awayengazange aguquke abanomsindo kubantu baka-Amon alungiselela ukulwa nabo.

Umfanekiso
abantu baka-Amon

Abantu baka-Amon babesazi ukuba amaLeymenayithi angendawo ayezakuza ezokubabulala kodwa bagqiba kwelokuba bangalwisani nabo. Babeguqukile ekubulaleni.

Umfanekiso
abantu bengcwaba izixhobo

Bangcwaba izixhobo zabo nzulu emhlabeni kwaye bathembisa uThixo ukuba abasoze baphinde babulale kwakhona.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi esiza nabantu bethandaza

Xa amaLeymenayithi angendawo esiza kwaye eqalisa ukubabulala, bona baqubudela emhlabeni baze bathandaza.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi emi engqunge abantu baka-Amon

Akubona ukuba abantu baka-Amon abalwisani, uninzi lwamaLeymenayithi lwayeka ukubabulala.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi ebeka phantsi izixhobo

AmaLeymenayithi ayelusizi kuba aye abulala. Aziphosa phantsi izixhobo zawo kwaye azimanya nabantu baka-Amon. Zange aphinde alwe kwakhona.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi ebulala abantu baka-Amon

Uninzi lwamaLeymenayithi lwaza kubulala abantu baka-Amon. Nangoko abazange baphindise, kwaye uninzi lwabulawa.

Umfanekiso
UAmon ethandaza

Kuba engafuni abantu awayebathanda batshatyalaliswe, u-Amon wathandazela uncedo. INkosi yamxelela ukuba athathe abantu bakhe alishiye elo lizwe.

Umfanekiso
abantu baka-Amon namaNifayithi aseZarahemla

AmaNifayithi eZarahemla anika u-Amon nabantu bakhe umhlaba waseYershan kwaye abakhusela. Baye baba ngabahlobo.