Isahluko 32
UKhapteni Moronayi kunye Nentshinga yeNkululeko
Ukuba u-Amalikhaya wayenokuba yikumkani, wayezakuzama ukutshabalalisa iBandla likaThixo kwaye athathe inkululeko yabantu.
Xa uKhapteni uMoronayi, inkokheli yemikhosi yamaNifayithi esiva ngecebo lika-Amalikhaya lokuba yikumkani, waba nomsindo.
UMoronayi wakrazula isambatho sakhe ukuze enze intshinga. Kuyo wabhala umyalezo wokukhumbuza abantu ukuba bakhusele inkolo yabo, inkululeko, kunye noxolo.
UMoronayi waxhoma intshinga kwisibonda waze wayibiza ngokuba yintshinga yenkululeko. Waza enxibe isikrweqe sakhe, waguqa ukuze athandaze.
Yena wacela uThixo ukuba akhusele abo babekholelwa kuYesu Krestu kwaye wathandazela inkululeko kwilizwe elo, elibiza ngokuba lilizwe lenkululeko.
UMoronayi waya ebantwini. Ephephezelisa intshinga yenkululeko, wababiza ukuba beze bancede ukukhusela inkululeko yabo.
Abantu baza besuka kulo lonke ilizwe elo. Bona bathembisa ukuthobela imithetho kaThixo kwaye balwele inkululeko.
Xa u-Amalikhaya wabona ubungakanani bamaNifayithi azimanya noMoronayi, woyika. Yena kunye nabalandeli bakhe bemka baya kuzimanya namaLeymenayithi.
UMoronayi kunye nomkhosi wakhe bazama ukubathintela, kodwa u-Amalikhaya kunye namanye wamadoda akhe ambalwa abaleka.
UMoronayi waxhoma intshinga yenkululeko kuyo yonke inqaba kwilizwe lamaNifayithi. AmaNifayithi ayeyigcinile inkululeko yawo kwaye kwakhona enoxolo.