Scripture Stories
Isahluko 32: UKhapteni Moronayi kunye Nentshinga yeNkululeko


Isahluko 32

UKhapteni Moronayi kunye Nentshinga yeNkululeko

Umfanekiso
U-Amalikhaya ethetha

Indoda ekhohlakeleyo ebizwa u-Amalikhaya yayifuna ukuba yikumkani yamaNifayithi. Uninzi lwamaNifayithi lwaluyishiyile iCawe ukwenzela ukumlandela.

Umfanekiso
Amalikhaya

Ukuba u-Amalikhaya wayenokuba yikumkani, wayezakuzama ukutshabalalisa iBandla likaThixo kwaye athathe inkululeko yabantu.

Umfanekiso
UMoronayi ugade u-Amalikhaya

Xa uKhapteni uMoronayi, inkokheli yemikhosi yamaNifayithi esiva ngecebo lika-Amalikhaya lokuba yikumkani, waba nomsindo.

Umfanekiso
UMoroni ubhala kwintshinga

UMoronayi wakrazula isambatho sakhe ukuze enze intshinga. Kuyo wabhala umyalezo wokukhumbuza abantu ukuba bakhusele inkolo yabo, inkululeko, kunye noxolo.

Umfanekiso
UMoronayi ethandaza

UMoronayi waxhoma intshinga kwisibonda waze wayibiza ngokuba yintshinga yenkululeko. Waza enxibe isikrweqe sakhe, waguqa ukuze athandaze.

Umfanekiso
UMoronayi ethandaza

Yena wacela uThixo ukuba akhusele abo babekholelwa kuYesu Krestu kwaye wathandazela inkululeko kwilizwe elo, elibiza ngokuba lilizwe lenkululeko.

Umfanekiso
UMoronayi uphephezelisa intshinga

UMoronayi waya ebantwini. Ephephezelisa intshinga yenkululeko, wababiza ukuba beze bancede ukukhusela inkululeko yabo.

Umfanekiso
Abantu bangqunge uMoronayi

Abantu baza besuka kulo lonke ilizwe elo. Bona bathembisa ukuthobela imithetho kaThixo kwaye balwele inkululeko.

Umfanekiso
U-Amalikhaya nabalandeli bebaleka

Xa u-Amalikhaya wabona ubungakanani bamaNifayithi azimanya noMoronayi, woyika. Yena kunye nabalandeli bakhe bemka baya kuzimanya namaLeymenayithi.

Umfanekiso
UMoronayi kunye nomkhosi wakhe

UMoronayi kunye nomkhosi wakhe bazama ukubathintela, kodwa u-Amalikhaya kunye namanye wamadoda akhe ambalwa abaleka.

Umfanekiso
Intshinga ibhabha kwinqaba yokugada

UMoronayi waxhoma intshinga yenkululeko kuyo yonke inqaba kwilizwe lamaNifayithi. AmaNifayithi ayeyigcinile inkululeko yawo kwaye kwakhona enoxolo.