Scripture Stories
Isahluko 20: U-Alma noNehore


Isahluko 20

U-Alma noNehore

Umfanekiso
U-Alma Omncinane kwakunye nabanye

Phambi kokuba uKumkani uMozaya asweleke, amaNifayithi onyula abagwebi ukuba babakhokele. U-Alma Omncinane waba ngumgwebi wokuqala oyintloko. Waya ekwayinkokheli yeBandla.

Umfanekiso
UNehore efundisa ubuxoki

Indoda enkulu, enamadla egama linguNehore yaqalisa ukufundisa ubuxoki. Yathi umntu wonke uyakuthi asindiswe kungakhathaliseki nokuba ulungile okanye akalunganga. Abantu abaninzi bamkholelwa uNehore.

Umfanekiso
UGidiyon noNehore

UNehore wafundisa okuchasene neBandla likaThixo, kodwa indoda elilungisa egama linguGidiyon yalikhusela lona. UNehore waxambulisana noGidiyon, kodwa uGidiyon wathetha ngamazwi kaThixo.

Umfanekiso
UNehore ebulala uGidiyon

UNehore waba nomsindo kwaye watsala ikrele lakhe waza wabulala uGidiyon.

Umfanekiso
UNehore ethatyathywa ngu-Alma

UNehore waye wabanjwa wasiwa ku-Alma ayoku kugwetywa. UNehore wazithethelela ngokukhalipha.

Umfanekiso
U-Alma noNehore

Kodwa u-Alma wathi uNehore wayenetyala kuba wafundisa abantu ukuba babenobugwenxa kwaye wayebulele uGidiyon.

Umfanekiso
Alma

U-Alma wathi uNehore kwakufuneka ohlwayelwe ukubulala uGidiyon. Ngokomthetho, uNehore kwakufuneka afe.

Umfanekiso
UNehore ebhujiswa

UNehore wathatyathwa wasiwa kwinduli ekufuphi waza wabulawa. Phambi kokuba asweleke wathi yonke into ebeyifundisa yayingalunganga. Kodwa abantu abaninzi babesazikholelwa iimfundiso ezingendawo zikaNehore.

Umfanekiso
abantu begculelwa

Aba bantu babethanda ubutyebi kwaye babengayithobeli imithetho kaThixo. Babehlekisa ngamalungu eBandla bexambulisana kwaye besilwa nawo.

Umfanekiso
isibini senziwa intlekisa

Abantu abangamalungisa baqhubeka bethobela imithetho kwaye babengakhalazi noxa abalandeli bakaNehore babebavisa ubuhlungu.

Umfanekiso
Amadoda esabelana

Amalungu eBandla ayesabelane ngento yonke wayenayo namahlwempu, kwaye ekhathalele abagulayo. Ayeyithobela imithetho, kwaye uThixo wayewasikelela.