Isahluko 3
ULihayi Uyahamba eYerusalem
Usapho lukaLihayi lwaqokelela ukutya kunye neentente. Bashiya indlu yabo kunye negolide yabo kunye nesilivere yabo kwaye basingisa entlango.
ULihayi kunye nenkosikazi yakhe, uSaraya, babenoo-nyana abane. Amagama abo yayingu Leymeni, Lemuweli, Sem, kunye noNifayi.
Emva kokuhamba iintsuku ezintathu, usapho lukaLihayi lwagxumeka iintente kwintlambo ekufuphi nomlambo.
ULihayi waze wakha isibingelelo samatye kwaye wenza umnikelo kuThixo. Yena wabulela uThixo ngokusindisa usapho lwakhe ekutshatyalalisweni.
ULihayi wawuthiya umlambo Leymeni kunye nentlambo Lemuweli. ULihayi wayefuna oonyana bakhe ukuba bafane nomlambo kunye nentlambo, bahlale bempompozela kuThixo kwaye bagcine imithetho ngenzondelelo.
ULeymeni noLemuweli babecinga utata wabo wayesisiyatha ngokushiya iYerusalem kunye nobutyebi babo. Bona babengakholelwa ukuba iYerusalem yayiya kutshatyalaliswa.
UNifayi wayefuna ukuziqonda izinto uLihayi awayezibonile. Yena wathandazela ukwazi ukuba utata wakhe wenza okulungileyo ngokuhamba eYerusalem.
UYesu Krestu watyelela uNifayi kwaye wamxelela ukuba amazwi kaLihayi ayeyinyaniso. UNifayi wakholelwa kwaye akazange avukele njengokuba uLeymeni noLemuweli benza njalo.
UNifayi waxelela abantakwabo into uYesu awayemxelele yona. USem wakholelwa kuNifayi, kodwa uLeymeni noLemuweli zange bakholelwe.
INkosi yathembisa uNifayi ukuba yena uya kusikeleleka ngenxa yokholo lwakhe. Yena uya kuba yinkokheli phezu kwabantakwabo.