Scripture Stories
Isahluko 6: Iphupha likaLihayi


Isahluko 6

Iphupha likaLihayi

Umfanekiso

ULihayi waxelela usapho lwakhe ngombono obalulekileyo owathi wabanawo ephupheni. Iphupha likaLihayi lamenza wavuyela uNifayi noSem kodwa wayekhathazekile ngoLeymeni noLemuweli.

Umfanekiso

Ephupheni lakhe uLihayi wabona indoda eyayinxibe isambatho esimhlophe eyathi yaxelela uLihayi ukuba ayilandele. ULihayi wayilandela indoda waya kwintlango emnyama nenesithukuthezi.

Umfanekiso

Emva kokuhamba ebumnyameni iiyure ezininzi, uLihayi wathandazela uncedo.

Umfanekiso
umthi

Ngoko ke waye wabona umthi onesiqhamo esimhlophe. Esi siqhamo sinambitheka kamnandi senza abo bathe basitya ukuba bavuye.

Umfanekiso

ULihayi wasitya isiqhamo, kwaye samzalisa ngovuyo. Wanqwenela usapho lwakhe ukuba lusingcamle isiqhamo kuba esazi ukuba sasiya kubenza bavuye nabo.

Umfanekiso

ULihayi wabona umlambo owawubaleka kufuphi nomthi. Emantla omlambo wabona uSaraya, noSem, kunye noNifayi.

Umfanekiso

ULihayi waye wabiza inkosikazi yakhe noonyana bakhe ukuba baze bangcamle isiqhamo. USaraya, noSem, kunye noNifayi baya ukuyo kungcamla isiqhamo, kodwa uLeymeni noLemuweli abazange bafune.

Umfanekiso

ULihayi waye wabona intonga yesinyithi kunye nendlela ecutheneyo nekwamxinwa eyayikhokelela emthini.

Umfanekiso

Wabona abantu abaninzi ababehamba kuloo ndlela okanye ababesingise kuyo. Ngenxa yenkungu yobumnyama, abanye babhadula endleleni kwaye balahleka.

Umfanekiso

Abanye babambelela ngokuqinileyo kwintonga yesinyithi bade bagqitha ebumnyameni ukuya emthini. Baye bangcamla isiqhamo.

Umfanekiso

Abantu ababekwisakhiwo esikhulu kwelinye icala lomlambo bahlekisa ngabo batye isiqhamo. Abanye abatye isiqhamo baba neentloni baze bawushiya umthi.

Umfanekiso

ULihayi wabona abantu abaninzi ephupheni lakhe. Abanye babambelela nkqi kwintonga yesinyithi kwaye bahamba ebumnyameni ukuya emthini. Bona basingcamla isiqhamo. Abanye baya kwisakhiwo esikhulu okanye batshona emlanjeni okanye balahleka. ULeymeni noLemuweli abazange basitye isiqhamo. ULihayi wakhathazeka ngabo waze wazama ukubanceda ukuba bathobele imithetho kaThixo.