Scripture Stories
Isahluko 19: Oonyana bakaMozaya Baba Ngabavangeli


Isahluko 19

Oonyana bakaMozaya Baba Ngabavangeli

Umfanekiso
abane oonyana bakaMozaya

UMozaya wayenoonyana abane: u-Amon, u-Aron, u-Omna noHimnayi. Babekunye no-Alma Omncinane ngelixa ingelosi yayibonakala kuye.

Umfanekiso
oonyana bakaMozaya

Oonyana bakaMozaya baye baguquka ezonweni zabo kwaye bezisola ngenkathazo abathi bayibanga. Babesazi ukuba ivangeli iyinyani, kwaye babefuna ukuyifundisa kwabanye.

Umfanekiso
oonyana bakaMozaya bethetha

Nyana ngamnye kaMozaya wala ukuba yikumkani. Endaweni yoko, bafuna ukuba ngabavangeli kumaLeymenayithi kwaye babelane ngeentsikelelo zevangeli nabo.

Umfanekiso
UKumkani uMozaya ethandaza

UKumkani uMozaya wathandazela ukwazi ukuba abavumele na oonyana bakhe ukuba bahambe. UThixo wamxelela ukuba abayeke bahambe, kwaye bayakukhuselwa. AmaLeymenayithi amaninzi ayakukholelwa kumyalezo wabo.

Umfanekiso
oonyana abane bethandaza

Oonyana bakaMozaya bahamba bayakufundisa amaLeymenayithi. Bazila ukutya futhi kwaye bathandaza ukuba babengabavangeli abalungileyo.