Scripture Stories
Isahluko 34: UHilamani kunye nama-2000 aMajoni angaMagatyana


Isahluko 34

UHilamani kunye nama-2000 aMajoni angaMagatyana

Umfanekiso
Abagadi eludongeni

Abantu baka-Amon babethembise uThixo ukuba babengasayi kulwa kwakhona. Bona babehlala kufuphi namaNifayithi, kwaye amaNifayithi ayebakhusela.

Umfanekiso
Amadoda athetha noHilamani

Xa iintshaba zabantu baka-Amon zahlasela amaNifayithi, abantu baka-Amon babefuna ukusophula isithembiso sabo kwaye bancede amaNifayithi ekulweni.

Umfanekiso
UHilamani uthetha neqela

UHilamani kunye nezinye iinkokheli zamaNifayithi babengafuni ukuba abantu baka-Amon bophule isithembiso sabo kuThixo.

Umfanekiso
Oonyana babantu baka-Amon

Oonyana abasakhulayo babantu baka-Amon babengasenzanga isithembiso. Bona babefuna ukunceda umkhosi wamaNifayithi ekulweleni inkululeko.

Umfanekiso
Ama-2000 amajoni

Amawaka amabini alamadodana akhetha ukukhusela ilizwe lawo. Wona acela uHilamani ukuba abe yinkokheli yawo.

Umfanekiso
Amajoni amathathu

La madodana ayekhaliphile, enobugorha, kwaye omelele. Ayekwanyanisekile ethembekile, kwaye eyigcinile imithetho kaThixo.

Umfanekiso
UHilamani namajoni wakhe

UHilamani wakhokela ama-2000 wamajoni wakhe angamagatyana ukuya emfazweni. Yena wayebabiza ngokuba ngoonyana bakhe, kwaye bona babembiza ngokuba ngutata wabo.

Umfanekiso
UHilamani ukhokela amajoni wakhe

Nangona oonyana bakaHilamani babengazange bakhe balwe, bona babengoyiki. Oomama babo babebafundise ukuba babe nokholo kuThixo kwaye bazi ukuba yena wayeya kubanceda.

Umfanekiso
Amajoni ayalwa

UHilamani noonyana bakhe balwa iimfazwe eziliqela namaLeymenayithi. La madodana ayithobela yonke imiyalelo kaHilamani.

Umfanekiso
Amajoni emva kwedabi

Alwa ngobugorha kwaye anceda ekuqhubeleni utshaba kude. Emva kwemfazwe uHilamani wafumanisa ukuba bonke oonyana bakhe babonzakele kodwa kungekho namnye ubuleweyo.

Umfanekiso
UHilamani kunye nejoni

Oku kwakungummangaliso. UHilamani wayonwabela kakhulu loo nto. Yena wayesazi ukuba la madodana ayekhuselwe ngenxa yokholo lwawo olukhulu kuThixo.