Isahluko 34
UHilamani kunye nama-2000 aMajoni angaMagatyana
Xa iintshaba zabantu baka-Amon zahlasela amaNifayithi, abantu baka-Amon babefuna ukusophula isithembiso sabo kwaye bancede amaNifayithi ekulweni.
UHilamani kunye nezinye iinkokheli zamaNifayithi babengafuni ukuba abantu baka-Amon bophule isithembiso sabo kuThixo.
Oonyana abasakhulayo babantu baka-Amon babengasenzanga isithembiso. Bona babefuna ukunceda umkhosi wamaNifayithi ekulweleni inkululeko.
Amawaka amabini alamadodana akhetha ukukhusela ilizwe lawo. Wona acela uHilamani ukuba abe yinkokheli yawo.
La madodana ayekhaliphile, enobugorha, kwaye omelele. Ayekwanyanisekile ethembekile, kwaye eyigcinile imithetho kaThixo.
UHilamani wakhokela ama-2000 wamajoni wakhe angamagatyana ukuya emfazweni. Yena wayebabiza ngokuba ngoonyana bakhe, kwaye bona babembiza ngokuba ngutata wabo.
Nangona oonyana bakaHilamani babengazange bakhe balwe, bona babengoyiki. Oomama babo babebafundise ukuba babe nokholo kuThixo kwaye bazi ukuba yena wayeya kubanceda.
UHilamani noonyana bakhe balwa iimfazwe eziliqela namaLeymenayithi. La madodana ayithobela yonke imiyalelo kaHilamani.
Alwa ngobugorha kwaye anceda ekuqhubeleni utshaba kude. Emva kwemfazwe uHilamani wafumanisa ukuba bonke oonyana bakhe babonzakele kodwa kungekho namnye ubuleweyo.
Oku kwakungummangaliso. UHilamani wayonwabela kakhulu loo nto. Yena wayesazi ukuba la madodana ayekhuselwe ngenxa yokholo lwawo olukhulu kuThixo.