Isahluko 1
Sayifumana Kanjani iNcwadi kaMormoni
Ngenye imini uJoseph wafunda uYakobi 1:5 ebhayibhileni: “Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo.” UJoseph wayefuna ukwazi ukuba yayileliphi elona bandla elalilungile, ngoko ke wagqiba kwelokuba makacele kuThixo.
Ngentsasa yentwasahlobo uJoseph waya ehlathini elalikufutshane nakwikhaya lakhe eyokuthandaza.
Njengoko wayeguqe phantsi kwaye eqalisa ukuthandaza, uSathana wazama ukumnqanda. UJoseph wathandaza ngamandla, ecela uBawo Osezulwini ukuba amncede.
UBawo Osezulwini kunye noYesu Krestu baza kuJoseph ngentsika yokukhanya. UBawo Osezulwini walatha kuYesu kwaye wathi: Lo nguNyana Wam Wentanda. Mve Yena!”
UJoseph wabuza ukuba kumele angenelele eliphi ibandla. UYesu wamxelela ukuba angangeneleli nalinye kuwo kuba onke ayebugwenxa.
Xa uJoseph wayexelela abanye abantu into awayeyibonile kwaye nawayeyivile, bona bamhleka. Iinkokheli zamabandla asekuhlaleni zamtshutshisa.
Iminyaka emithathu yaye yagqitha. Ngobunye ubusuku uJoseph wayethandazela ukuba axolelwe izono zakhe kwaye ayazi ukuba kumele enze ntoni na.
Ingelosi eyayibizwa uMoronayi yavela kwaye yaxelela uJoseph ngencwadi eyayibhalwe kumacwecwe egolide. UJoseph kwakumele ukuba awaguqulele la macwecwe kulwimi lwesiNgesi.
Emveni kokuba uMoronayi emkile, uJoseph wacinga ngento uMoronayi awayemxelele yona. UMoronayi waphinda wabuya amatyeli amabini kobo busuku.
Ngosuku olulandelayo uJoseph waya kwincopho yeNduli iKhumora, awayethe wayibona kumbono. Apho wafumana ilitye elikhulu. Walisusa ilitye ngenduku.
Ngaphantsi kwelitye kwakukho ityesi yelitye. Njengoko uJoseph wajonga ngaphakathi kwityesi yelitye,wawabona amacwecwe egolide.
UMoronayi wavela kwaye waxelela uJoseph ukuba angawathathi amacwecwe kodwa kwakumele ukuba abuye rhoqo ngolusuku lunye lufanayo enyakeni kangangeminyaka emine. Tyeli ngalinye uJoseph wayesiya apho, uMoronayi wayemfundisa.
Emva kweminyaka emine ekugqibeleni uJoseph wavunyelwa ukuba makawathathe amacwecwe egolide. Wasebenzisa iYurimi neTumim ukuguqulela amanye awo.
Ababhali banceda uJoseph ngokubhala amazwi njengoko wayewaguqulela kumacwecwe egolide.
UJoseph wawathatha amagama awayeguqulelwe wawasa kumshicileli kwaye aze enziwa ukuba abe yincwadi.
Imbali yeBandla 1:71
Incwadi ibizwa ngokuba yiNcwadi kaMormoni. Yona ichaza ngabantu ababehlala kwelaseMelika eminyakeni yakudala. Kwaye ikwabalisa ngoYesu Krestu, uNyana kaThixo.