Scripture Stories
Isahluko 1: Sayifumana Kanjani iNcwadi kaMormoni


Isahluko 1

Sayifumana Kanjani iNcwadi kaMormoni

Umfanekiso
UJoseph ujonge icawe

Xa uJoseph Smith wayeneminyaka eli-14, amabandla amaninzi ayebanga ukuba yayingawo awenyaniso, kwaye wayengazi ukuba angenele kweliphi.

Umfanekiso
UJoseph ufunda ibhayibhile

Ngenye imini uJoseph wafunda uYakobi 1:5 ebhayibhileni: “Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo.” UJoseph wayefuna ukwazi ukuba yayileliphi elona bandla elalilungile, ngoko ke wagqiba kwelokuba makacele kuThixo.

Umfanekiso
UJoseph ehlathini

Ngentsasa yentwasahlobo uJoseph waya ehlathini elalikufutshane nakwikhaya lakhe eyokuthandaza.

Umfanekiso
UJoseph uyathandaza

Njengoko wayeguqe phantsi kwaye eqalisa ukuthandaza, uSathana wazama ukumnqanda. UJoseph wathandaza ngamandla, ecela uBawo Osezulwini ukuba amncede.

Umfanekiso
UBawo Osezulwini kunye noYesu

UBawo Osezulwini kunye noYesu Krestu baza kuJoseph ngentsika yokukhanya. UBawo Osezulwini walatha kuYesu kwaye wathi: Lo nguNyana Wam Wentanda. Mve Yena!”

Umfanekiso
UYesu

UJoseph wabuza ukuba kumele angenelele eliphi ibandla. UYesu wamxelela ukuba angangeneleli nalinye kuwo kuba onke ayebugwenxa.

Umfanekiso
abantu bahleka uJoseph

Xa uJoseph wayexelela abanye abantu into awayeyibonile kwaye nawayeyivile, bona bamhleka. Iinkokheli zamabandla asekuhlaleni zamtshutshisa.

Umfanekiso
UJoseph uyathandaza

Iminyaka emithathu yaye yagqitha. Ngobunye ubusuku uJoseph wayethandazela ukuba axolelwe izono zakhe kwaye ayazi ukuba kumele enze ntoni na.

Umfanekiso
UMoronayi uvela kuJoseph

Ingelosi eyayibizwa uMoronayi yavela kwaye yaxelela uJoseph ngencwadi eyayibhalwe kumacwecwe egolide. UJoseph kwakumele ukuba awaguqulele la macwecwe kulwimi lwesiNgesi.

Umfanekiso
UJoseph ebhedini

Emveni kokuba uMoronayi emkile, uJoseph wacinga ngento uMoronayi awayemxelele yona. UMoronayi waphinda wabuya amatyeli amabini kobo busuku.

Umfanekiso
UJoseph uphakamisa ilitye

Ngosuku olulandelayo uJoseph waya kwincopho yeNduli iKhumora, awayethe wayibona kumbono. Apho wafumana ilitye elikhulu. Walisusa ilitye ngenduku.

Umfanekiso
UJoseph ujonga amacwecwe wegolide

Ngaphantsi kwelitye kwakukho ityesi yelitye. Njengoko uJoseph wajonga ngaphakathi kwityesi yelitye,wawabona amacwecwe egolide.

Umfanekiso
UMoronayi uvela kuJoseph

UMoronayi wavela kwaye waxelela uJoseph ukuba angawathathi amacwecwe kodwa kwakumele ukuba abuye rhoqo ngolusuku lunye lufanayo enyakeni kangangeminyaka emine. Tyeli ngalinye uJoseph wayesiya apho, uMoronayi wayemfundisa.

Umfanekiso
UMoronayi uvela kuJoseph

Emva kweminyaka emine ekugqibeleni uJoseph wavunyelwa ukuba makawathathe amacwecwe egolide. Wasebenzisa iYurimi neTumim ukuguqulela amanye awo.

Umfanekiso
UJoseph kunye nombhali

Ababhali banceda uJoseph ngokubhala amazwi njengoko wayewaguqulela kumacwecwe egolide.

Umfanekiso
UJoseph kunye nesishicileli

UJoseph wawathatha amagama awayeguqulelwe wawasa kumshicileli kwaye aze enziwa ukuba abe yincwadi.

Imbali yeBandla 1:71

Umfanekiso
Incwadi kaMormoni

Incwadi ibizwa ngokuba yiNcwadi kaMormoni. Yona ichaza ngabantu ababehlala kwelaseMelika eminyakeni yakudala. Kwaye ikwabalisa ngoYesu Krestu, uNyana kaThixo.