Isahluko 47
UYesu Krestu uSikelela Abafundi Bakhe
Abafundi bambuza ukuba balibize ngantoni iBandla. UYesu wathi lingathiywa ngaye ngoba liBandla lakhe.
UYesu wacacisela abafundi bakhe ukuba uBawo oseZulwini wayemthumele emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe esenzela abantu.
Wathi wonke umntu oguqukayo, abhaptizwe egameni lakhe, kwaye athobela imithetho yakhe uyakufunyaniswa engenatyala phambi koBawo oseZulwini.
UMsindisi wabaxelela abafundi bakhe ukuba benze izinto abambona ezenza. Wayewubekile umzekelo esenzela bona.
Wakwabaxelela ukuba babhale phantsi konke abakubonayo nabakuvayo ukuze abanye bazi ngako.
UYesu wabuza abafundi bakhe ukuba babenqwenela ntoni esuka kuye. Isithoba sabo sasifuna ukuba naye emva kokuba ubomi baso emhlabeni buphelile.
UYesu wabathembisa ukuba xa benama–72 eminyaka yobudala, babezakuya kuye ezulwini.
Abanye abathathu abafundi babengafuni ukumcela oko babekufuna, kodwa uYesu wayekwazi. Babefuna ukuhlala emhlabeni kwaye bafundise ivangeli kude kubuye uYesu kwakhona.
UMsindisi wabathembisa ukuba babengasokuze bave zintlungu okanye intsizi kwaye babengazokufa. Babeza kufundisa abantu ivangeli ade abuye.
UYesu wachukumisa bonke abafundi ngaphandle kwesithathu esasizakuhlala emhlabeni. Waza wahamba.
Abafundi abathathu banyukela emazulwini, apho babona baza beva izinto ezininzi ezimangalisayo. Bakwazi ukuqonda ngcono izinto zikaThixo.
Imizimba yabo yatshintshwa ukuze bangafi.
Abafundi abathathu babuyela emhlabeni baza baqalisa ukushumayela nokubhaptiza.
AmaNifayithi akhohlakeleyo aphosela abafundi abathathu entolongweni, nakwimihadi enzulu, kodwa amandla kaThixo abanceda ukuba babe nokuqhwesha.
Bakutyhalelwa kwiziko lesinyithi nakwimiqolomba enezilo zasendle, babekhuselwe kwangamandla kaThixo.
Ababafundi abathathu baqhubeka ukushumayela ivangeli kaYesu Krestu kumaNifayithi. Basashumayela nangoku ivangeli yakhe.