Scripture Stories
Isahluko 47: UYesu Krestu uSikelela Abafundi Bakhe


Isahluko 47

UYesu Krestu uSikelela Abafundi Bakhe

Umfanekiso
UYesu kunye nabafundi

Ngenye imini abafundi bahlangana ndawonye bethandaza, uYesu Krestu wafika kubo.

Umfanekiso
UKrestu uthetha nabafundi

Abafundi bambuza ukuba balibize ngantoni iBandla. UYesu wathi lingathiywa ngaye ngoba liBandla lakhe.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabafundi

UYesu wacacisela abafundi bakhe ukuba uBawo oseZulwini wayemthumele emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe esenzela abantu.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabafundi bakhe

Wathi wonke umntu oguqukayo, abhaptizwe egameni lakhe, kwaye athobela imithetho yakhe uyakufunyaniswa engenatyala phambi koBawo oseZulwini.

Umfanekiso
UKrestu uthetha nabafundi bakhe

UMsindisi wabaxelela abafundi bakhe ukuba benze izinto abambona ezenza. Wayewubekile umzekelo esenzela bona.

Umfanekiso
UKrestu uthetha malunga nezibhalo

Wakwabaxelela ukuba babhale phantsi konke abakubonayo nabakuvayo ukuze abanye bazi ngako.

Umfanekiso
UKrestu nomfundi

UYesu wabuza abafundi bakhe ukuba babenqwenela ntoni esuka kuye. Isithoba sabo sasifuna ukuba naye emva kokuba ubomi baso emhlabeni buphelile.

Umfanekiso
UYesu nabafundi

UYesu wabathembisa ukuba xa benama–72 eminyaka yobudala, babezakuya kuye ezulwini.

Umfanekiso
UYesu nabafundi abathathu

Abanye abathathu abafundi babengafuni ukumcela oko babekufuna, kodwa uYesu wayekwazi. Babefuna ukuhlala emhlabeni kwaye bafundise ivangeli kude kubuye uYesu kwakhona.

Umfanekiso
UMsindisi nabafundi

UMsindisi wabathembisa ukuba babengasokuze bave zintlungu okanye intsizi kwaye babengazokufa. Babeza kufundisa abantu ivangeli ade abuye.

Umfanekiso
UYesu uyanduluka

UYesu wachukumisa bonke abafundi ngaphandle kwesithathu esasizakuhlala emhlabeni. Waza wahamba.

Umfanekiso
Abafundi abathathu bathatyathelwa ezulwini

Abafundi abathathu banyukela emazulwini, apho babona baza beva izinto ezininzi ezimangalisayo. Bakwazi ukuqonda ngcono izinto zikaThixo.

Umfanekiso
Abafundi abathathu

Imizimba yabo yatshintshwa ukuze bangafi.

Umfanekiso
Abafundi babhaptiza abanye

Abafundi abathathu babuyela emhlabeni baza baqalisa ukushumayela nokubhaptiza.

Umfanekiso
Abafundi abathathu kumhadi onzulu

AmaNifayithi akhohlakeleyo aphosela abafundi abathathu entolongweni, nakwimihadi enzulu, kodwa amandla kaThixo abanceda ukuba babe nokuqhwesha.

Umfanekiso
Abafundi batyhalelwa kwiziko lesinyithi

Bakutyhalelwa kwiziko lesinyithi nakwimiqolomba enezilo zasendle, babekhuselwe kwangamandla kaThixo.

Umfanekiso
Abafundi bashumayeza abantu

Ababafundi abathathu baqhubeka ukushumayela ivangeli kaYesu Krestu kumaNifayithi. Basashumayela nangoku ivangeli yakhe.