Isahluko 27
UKorihor
UKorihor waxelela abantu ukuba babenobudenge ngokukholelwa ukuba uYesu wayezakuza emhlabeni kwaye afele izono zabo.
Wathi abantu babengena kohlwayelwa izono zabo ngoba abukho ubomi emveni kokufa. Abantu abaninzi bamkholelwa uKorihor. Baze babangabenzi bobubi.
UKorihor wazama ukushumayeza abantu baka-Amon, kodwa abazange bamamele. Bambophelela bamsa ku-Amon, owathi wamlahlela ngaphandle kwesixeko.
UKorihor waya kwilizwe likaGidiyon, kodwa abantu bakhona nabo abazange bammamele. Umgwebi oyintloko wamthumela ku-Alma.
U-Alma wambuza uKorihor ukuba wayekholelwa na kuThixo. UKorihor wathi akunjalo. U-Alma wangqina ukuba ukhona uThixo kwaye uKrestu uzakuza.
UKorihor wayefuna ukuba u-Alma enze ummangaliso ukuze abonise ukuba ukhona uThixo. UKorihor wathi uyakuthi akholelwe kuThixo ukuba angabona umqondiso wamandla kaThixo.
U-Alma waxelela uKorihor ukuba usele eyibonile imiqondiso emininzi yamandla kaThixo ngezibhalo kwanobungqina babaprofethi bonke.
U-Alma wathi ihlabathi kwanayo yonke into ekulo kwakunye nentshukumo yeeplanethi esibhakabhakeni ikwa zimpawu zokuba ukhona uThixo.
UKorihor kwakhona walile ukukholwa. U-Alma waye wakhathazeka ngenxa yobungendawo bukaKorihor kwaye wamlumkisa ukuba umphefumlo wakhe ungatshatyalaliswa.
UKorihor wayesafuna umqondiso wokubonisa ukuba ukhona uThixo. U-Alma wathi umqondiso osuka kuThixo wawungowokuba uKorihor akasayi kukwazi ukuthetha.
Emveni kokuba u-Alma ethethe oku, uKorihor akakwazanga kuthetha.
UKorihor wabhala ukuba wayesazi ukuba lo mqondiso wawusuka kuThixo kwaye wayesoloko esazi ukuba uThixo ukhona. Wacela u-Alma ukuba athandaze kwaye asuse isiqalekiso.
U-Alma wayesazi ukuba uKorihor angakwazi ukuthetha wayeyakuphinda axokise abantu. U-Alma wathi iNkosi yayizakugqiba ngokwayo ukuba uKorihor angakwazi ukuthetha kwakhona.
INkosi ayizange ibuyisele ukuthetha kukaKorihor. UKorihor wahamba-hamba kwindlu ngendlu, ecela ukutya.
Umgwebi oyintloko wathumela imbalelwano kulo lonke ilizwe exela okwenzeke kuKorihor. Waye waxelela abo bathe bamkholelwa uKorihor ukuba mabaguquke. Abantu baye baguquka.
UKorihor wahamba waya kuhlala namaZoramayithi. Ngenye imini lo gama wayengqiba, waye wasutywa kukufa.