Scripture Stories
Isahluko 27: UKorihor


Isahluko 27

UKorihor

Umfanekiso
UKorihor ehamba

Indoda egama linguKorihor yeza eZarahemla. Yona yayingakholelwa kuYesu Krestu kwaye yayishumayela ukuba oko kwakutshiwo ngabaprofethi ngoMsindisi kwakungeyonyaniso.

Umfanekiso
UKorihor efundisa abantu

UKorihor waxelela abantu ukuba babenobudenge ngokukholelwa ukuba uYesu wayezakuza emhlabeni kwaye afele izono zabo.

Umfanekiso
amakhwenkwe esona

Wathi abantu babengena kohlwayelwa izono zabo ngoba abukho ubomi emveni kokufa. Abantu abaninzi bamkholelwa uKorihor. Baze babangabenzi bobubi.

Umfanekiso
UKorihor

UKorihor wazama ukushumayeza abantu baka-Amon, kodwa abazange bamamele. Bambophelela bamsa ku-Amon, owathi wamlahlela ngaphandle kwesixeko.

Umfanekiso
UKorihor ehenjiswa

UKorihor waya kwilizwe likaGidiyon, kodwa abantu bakhona nabo abazange bammamele. Umgwebi oyintloko wamthumela ku-Alma.

Umfanekiso
U-Alma noKorihor

U-Alma wambuza uKorihor ukuba wayekholelwa na kuThixo. UKorihor wathi akunjalo. U-Alma wangqina ukuba ukhona uThixo kwaye uKrestu uzakuza.

Umfanekiso
UKorihor no-Amon

UKorihor wayefuna ukuba u-Alma enze ummangaliso ukuze abonise ukuba ukhona uThixo. UKorihor wathi uyakuthi akholelwe kuThixo ukuba angabona umqondiso wamandla kaThixo.

Umfanekiso
U-Alma ebambe izibhalo

U-Alma waxelela uKorihor ukuba usele eyibonile imiqondiso emininzi yamandla kaThixo ngezibhalo kwanobungqina babaprofethi bonke.

Umfanekiso
U-Alma ethetha noKorihor

U-Alma wathi ihlabathi kwanayo yonke into ekulo kwakunye nentshukumo yeeplanethi esibhakabhakeni ikwa zimpawu zokuba ukhona uThixo.

Umfanekiso
UKorihor no-Alma

UKorihor kwakhona walile ukukholwa. U-Alma waye wakhathazeka ngenxa yobungendawo bukaKorihor kwaye wamlumkisa ukuba umphefumlo wakhe ungatshatyalaliswa.

Umfanekiso
U-Alma ebambe izibhalo

UKorihor wayesafuna umqondiso wokubonisa ukuba ukhona uThixo. U-Alma wathi umqondiso osuka kuThixo wawungowokuba uKorihor akasayi kukwazi ukuthetha.

Umfanekiso
UKorihor

Emveni kokuba u-Alma ethethe oku, uKorihor akakwazanga kuthetha.

Umfanekiso
UKorihor ebhala emhlabeni

UKorihor wabhala ukuba wayesazi ukuba lo mqondiso wawusuka kuThixo kwaye wayesoloko esazi ukuba uThixo ukhona. Wacela u-Alma ukuba athandaze kwaye asuse isiqalekiso.

Umfanekiso
U-Alma ethetha

U-Alma wayesazi ukuba uKorihor angakwazi ukuthetha wayeyakuphinda axokise abantu. U-Alma wathi iNkosi yayizakugqiba ngokwayo ukuba uKorihor angakwazi ukuthetha kwakhona.

Umfanekiso
UKorihor ecela ukutya

INkosi ayizange ibuyisele ukuthetha kukaKorihor. UKorihor wahamba-hamba kwindlu ngendlu, ecela ukutya.

Umfanekiso
umgwebi oyintloko ubhala incwadana

Umgwebi oyintloko wathumela imbalelwano kulo lonke ilizwe exela okwenzeke kuKorihor. Waye waxelela abo bathe bamkholelwa uKorihor ukuba mabaguquke. Abantu baye baguquka.

Umfanekiso
UKorihor efile emhlabeni

UKorihor wahamba waya kuhlala namaZoramayithi. Ngenye imini lo gama wayengqiba, waye wasutywa kukufa.