Isahluko 51
AmaYeredayithi Ahamba Esingisa Kwilizwe Ledinga
Umntakwabo Yerede waguquka wathandaza. INkosi yamxolela umntakwabo Yerede kodwa yathi angaphinde one.
INkosi yamxelela umntakwabo Yerede ukuba makakhe izikhephe ezincinane ukuze athathe abantu bakhe abase kwilizwe ledinga.
INkosi yamxelela ukuba umntakwabo Yerede ukuba makazakhe njani na izikhephe ezincinane.
Izikhephe zenziwa zavaleka vinci ukwenzela ukuba kungangeni manzi ngaphakathi.
Umntakwabo Yerede wayezibuza ukuba abantu bakhe babezakuphefumla njani kwizikhephe ezincinci. Waye wabuza iNkosi ukuba enze ntoni.
INkosi yamxelela ukuba enze isikroba ngaphezulu nangaphantsi kuzo zonke izikhephe ezincinci. Isikroba sasingavulwa ukuze kungene umoya siphinde sivalwe ukuze kungangeni manzi.
Umntakwabo Yerede waxelela iNkosi ukuba izikhephe ezincinci zimnyama ngaphakathi. INkosi yamcela ukuba makacinge indlela yokukhanyisa ngaphakathi kwezikhephe.
Ukukhanya kwakungena kuvela emlilweni okanye efestileni ngoba zazizakophuka.
Umntakwabo Yerede waya entabeni wenza amatye amancinane ali-16. Amatye ayebonakala ingathi yiglasi ecwengileyo. Wenzela isikhephe ngasinye amatye amabini.
Umntakwabo Yerede wathabatha lamatye waya nawo phezulu kwentaba, apho wathandaza kwiNkosi.
Umntakwabo Yerede wacela iNkosi ukuba iwachukumise amatye ukwenzela ukuba akhanyise ngaphakathi kwezikhephe.
INkosi yachukumisa ilitye ngalinye ngomnwe wayo.
Ngenxa yokuba umntakwabo Yerede wayenokholo olukhulu, wawubona umnwe weNkosi. Wawukhangeleka njengomnwe womntu.
Yaze iNkosi yazibonakalisa kumntakwabo Yerede.
UYesu wathi abo bantu bakholelwa kuye bayakuba nobomi obungunaphakade.
UYesu wafundisa waze wabonisa umntakwabo Yerede izinto ezininzi. UYesu wamxelela ukuba makabhale izinto azibonileyo nazivileyo.
Umntakwabo Yerede wawathwala amatye wehla nawo entabeni. Wabeka ilitye elinye ekupheleni kwesikhephe ngasinye. Akhanyisa ngaphakathi kwezikhephe.
AmaYeredayithi angena kwizikhephe nemfuyo yawo kunye nokutya. INkosi yenza umoya onamandla ukuba utyhalele izikhephe kwilizwe ledinga.
INkosi yabakhusela kulwandle elinobundlongo-ndlongo. Bayibulela iNkosi baze bavuma iindumiso.
Emveni kweentsuku ezingama-344 beselwandle, izikhephe zafika elunxwemeni lwelizwe ledinga.
Xa amaYeredayithi aphuma ezikhepheni, aguqa phantsi akhala iinyembezi zovuyo.
AmaYeredayithi akha izindlu aze atyala nezityalo kwilizwe ledinga. Afundisa abantwana bawo ukuba bayimamele iNkosi kwaye bawathobele amazwi ayo.