Scripture Stories
Isahluko 51: AmaYeredayithi Ahamba Esingisa Kwilizwe Ledinga


Isahluko 51

AmaYeredayithi Ahamba Esingisa Kwilizwe Ledinga

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede nelifu

Ngelixesha amaYeredayithi ayehleli ngaselwandle, umntakwabo Yerede walibala ukuthandaza. INkosi yaza ngelifu izokumxelela ukuba makaguquke.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede ethandaza

Umntakwabo Yerede waguquka wathandaza. INkosi yamxolela umntakwabo Yerede kodwa yathi angaphinde one.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede ethandaza

INkosi yamxelela umntakwabo Yerede ukuba makakhe izikhephe ezincinane ukuze athathe abantu bakhe abase kwilizwe ledinga.

Umfanekiso
umntakwabo Yerede ethetha neNkosi

INkosi yamxelela ukuba umntakwabo Yerede ukuba makazakhe njani na izikhephe ezincinane.

Umfanekiso
AmaYeredayithi esakha izikhephe ezincinci

Izikhephe zenziwa zavaleka vinci ukwenzela ukuba kungangeni manzi ngaphakathi.

Umfanekiso
umntakwabo Yerede ethetha neNkosi

Umntakwabo Yerede wayezibuza ukuba abantu bakhe babezakuphefumla njani kwizikhephe ezincinci. Waye wabuza iNkosi ukuba enze ntoni.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede evala umngxuma

INkosi yamxelela ukuba enze isikroba ngaphezulu nangaphantsi kuzo zonke izikhephe ezincinci. Isikroba sasingavulwa ukuze kungene umoya siphinde sivalwe ukuze kungangeni manzi.

Umfanekiso
umntakwabo Yerede ethetha neNkosi

Umntakwabo Yerede waxelela iNkosi ukuba izikhephe ezincinci zimnyama ngaphakathi. INkosi yamcela ukuba makacinge indlela yokukhanyisa ngaphakathi kwezikhephe.

Umfanekiso
umntakwabo Yerede emamele iNkosi

Ukukhanya kwakungena kuvela emlilweni okanye efestileni ngoba zazizakophuka.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede esenza amatye eglasi

Umntakwabo Yerede waya entabeni wenza amatye amancinane ali-16. Amatye ayebonakala ingathi yiglasi ecwengileyo. Wenzela isikhephe ngasinye amatye amabini.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede ekhwela intaba

Umntakwabo Yerede wathabatha lamatye waya nawo phezulu kwentaba, apho wathandaza kwiNkosi.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede ethandaza

Umntakwabo Yerede wacela iNkosi ukuba iwachukumise amatye ukwenzela ukuba akhanyise ngaphakathi kwezikhephe.

Umfanekiso
UKrestu echukumisa ilitye ngalinye

INkosi yachukumisa ilitye ngalinye ngomnwe wayo.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede

Ngenxa yokuba umntakwabo Yerede wayenokholo olukhulu, wawubona umnwe weNkosi. Wawukhangeleka njengomnwe womntu.

Umfanekiso
UKrestu nomntakwabo Yerede

Yaze iNkosi yazibonakalisa kumntakwabo Yerede.

Umfanekiso
UYesu Krestu

UYesu wathi abo bantu bakholelwa kuye bayakuba nobomi obungunaphakade.

Umfanekiso
UYesu efundisa umntakubo Yerede

UYesu wafundisa waze wabonisa umntakwabo Yerede izinto ezininzi. UYesu wamxelela ukuba makabhale izinto azibonileyo nazivileyo.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede esehla entabeni

Umntakwabo Yerede wawathwala amatye wehla nawo entabeni. Wabeka ilitye elinye ekupheleni kwesikhephe ngasinye. Akhanyisa ngaphakathi kwezikhephe.

Umfanekiso
Izikhephe emanzini

AmaYeredayithi angena kwizikhephe nemfuyo yawo kunye nokutya. INkosi yenza umoya onamandla ukuba utyhalele izikhephe kwilizwe ledinga.

Umfanekiso
Umntakwabo Yerede

INkosi yabakhusela kulwandle elinobundlongo-ndlongo. Bayibulela iNkosi baze bavuma iindumiso.

Umfanekiso
izikhephe zifika kwilizwe ledinga

Emveni kweentsuku ezingama-344 beselwandle, izikhephe zafika elunxwemeni lwelizwe ledinga.

Umfanekiso
AmaYeredayithi ethandaza

Xa amaYeredayithi aphuma ezikhepheni, aguqa phantsi akhala iinyembezi zovuyo.

Umfanekiso
owasetyhini ephethe ingqolowa

AmaYeredayithi akha izindlu aze atyala nezityalo kwilizwe ledinga. Afundisa abantwana bawo ukuba bayimamele iNkosi kwaye bawathobele amazwi ayo.