Scripture Stories
Isahluko 14: U-Abhinadayi noKumkani uNowa


Isahluko 14

U-Abhinadayi noKumkani uNowa

Umfanekiso
UZenif

UZenif wayeyikumkani elungileyo yeqela lamaNifayithi. Xa wayeselekhulile, unyana wakhe uNowa waye waba yikumkani.

Umfanekiso
UNowa

UNowa wayengeyiyo ikumkani elungileyo njengo tata wakhe. Wayengumenzi wobubi kwaye wayengayithobeli imithetho kaThixo.

Umfanekiso
abantu benikela ngako konke okwabo kukumkani uNowa

Waye wanyanzela abantu bakhe ukuba bamnike inxalenye yeenkozo zabo, nemfuyo, negolide, kunye nesilivere yabo.

Umfanekiso
UNowa ehleli kwitafile yesidlo sasemini

Ukumkani uNowa wayesenza oku kuba wayelivila. Wenza amaNifayithi ukuba amnike yonke into awayeyiswele ukuze aphile.

Umfanekiso
ababingeleli abalungileyo kunye nabakhohlakeleyo

Waye watshintsha ababingeleli abalungileyo utata wakhe awayebabizile wafaka ababesenza ububi. Aba babingeleli babesenza ububi babefundisa abantu ukuba bone.

Umfanekiso
ibhothwe letrone kunye nabalindi

Ukumkani uNowa wayenezakhiwo ezintle ezininzi ezazenziwe, kuquka nebhotwe elikhulu elalinetrone. Izakhiwo zazihonjiswe ngegolide, nesilivere, kunye nangeenkuni ezinexabiso eliphezulu.

Umfanekiso
UNowa

Ukumkani uNowa wayebuthanda ubutyebi awayebuthathe kubantu bakhe. Yena nababingeleli bakhe babechitha ixesha labo besela iwayini kwaye besenza ububi.

Umfanekiso
U-Abhinadayi efundisa inguquko

UThixo waye wathumela umprofethi owayebizwa ngu-Abhinadayi kubantu bakaNowa. U-Abhinadayi wabalumkisa okokuba ukuba abaguquki, bayakuba zizicaka zamaLeymenayithi.

Umfanekiso
UNowa ehleli atefileni

Xa ukumkani uNowa weva izinto u-Abhinadayi wayezithethile, wabanomsindo. Waye wathumela amadoda ukuba azise u-Abhinadayi ebhotweni khon’ ukuze ambulale.

Umfanekiso
U-Abhinadayi ethetha nekumkani

U-Abhinadayi waye wathatyathwa wasiwa kwikumkani. Ukumkani uNowa kunye nababingeleli bakhe bambuza imibuzo emininzi. Baye bazama ukumqhatha ukuba atsho into egwenxa.

Umfanekiso
U-Abhinadayi ethetha nekumkani

U-Abhinadayi wayengoyiki ukuphendula imibuzo yabo. Wayesazi ukuba uThixo wayezakumnceda. Ababingeleli baye bakhwankqiswa ziimpendulo zika-Abhinadayi.

Umfanekiso
Ukumkani uNowa enomsindo

Ukumkani uNowa wabanomsindo kwaye wayalela ababingeleli bakhe ukuba babulale u-Abhinadayi. U-Abhinadayi wathi ukuba bakhe bamchukumisa, uThixo wayeyokubabulala.

Umfanekiso
UMoya oyiNgcwele ukhusela u-Abhinadayi

UMoya oyiNgcwele wamkhusela u-Abhinadayi khon’ ukuze agqibezele ukuthetha into iNkosi eyayifuna ukuba ayitsho. Ubuso buka-Abhinadayi babukhazimla. Ababingeleli babesoyika ukumchukumisa.

Umfanekiso
U-Abhinadayi uyathetha

Ethetha ngamandla asuka kuThixo, u-Abhinadayi wabaxelela abantu ngenkohlakalo yabo. Waye wabafundela imithetho kaThixo.

Umfanekiso
UMariya, noYosefu, kunye nosana uYesu

Waye wabaxelela ukuba uYesu Krestu wayezakuzalwa emhlabeni. UYesu wayezakwenza ukuba bakwazi ukuguquka, bavuswe kwabafileyo, kwaye baphile noThixo.

Umfanekiso
UYesu Krestu

U-Abhinadayi waxelela abantu ukuba baguquke kwaye bakholelwe kuYesu Krestu okanye babengena kukwazi ukusindiswa.

Umfanekiso
U-Abhinadayi usiwa entolongweni

Ukumkani uNowa kunye nabo bonke ngaphandle komnye wababingeleli bakhe wala ukumkholelwa u-Abhinadayi. UNowa wabaxelela ababingeleli bakhe ukuba babulale u-Abhinadayi. Baye bambophelela baze bamphosela entolongweni.

Umfanekiso
U-Alma ethatha nokumkani uNowa

Omnye umbingeleli owathi wakholelwa u-Abhinadayi wayebizwa ngokuba ngu-Alma. Wacela ukumkani uNowa akhulule u-Abhinadayi ukuba ahambe.

Umfanekiso
U-Alma uyazimela

Ukumkani waye wabanomsindo ku-Alma kwaye wabangela okokuba alahlelwe ngaphandle. Ngoko ke waye wathumela izicaka zakhe ukuba zimbulale. U-Alma waye wabaleka kwaye wazimela, kwaye izicaka zange zibenako ukumfumana.

Umfanekiso
U-Abhinadayi phambili koKumkani uNowa

Emveni kokuchitha iintsuku ezintathu entolongweni, u-Abhinadayi waye waziswa futhi phambi kokumkani uNowa. Ukumkani waye waxelela u-Abhinadayi okokuba arhoxise izinto awayezitshilo kuye nakubantu bakhe.

Umfanekiso
Ukumkani uNowa enomsindo

Ukumkani uNowa waxelela u-Abhinadayi okokuba ukuba wayengakuphiki konke awayekuthethile, wayeyakubulawa.

Umfanekiso
U-Abhinadayi ethatha

U-Abhinadayi wayesazi ukuba wayethethe inyaniso. Wayexolele okokuba afe kunokuba arhoxise izinto uThixo awayethe makazithethe.

Umfanekiso
U-Abhinadayi uyatshiswa

Ukumkani uNowa wayalela ababingeleli bakhe ukuba babulale u-Abhinadayi. Baye bambophelela, bambetha ngesabhokhwe, kwaye bamtshisa bambulala. Phambili kokuba asweleke, u-Abhinadayi wathi umkukani uNowa naye wayeyakusweleka ngomlilo.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi alwa nabantu bakaNowa

Abanye bamaNifayithi bamchasa ukumkani uNowa kwaye bazama ukumbulala. Umkhosi wamaLeymenayithi waza nawo uzokulwa nokumkani kunye nabalandeli bakhe.

Umfanekiso
Ukumkani kunye nabalandeli bayabaleka

Ukumkani nabalandeli bakhe baye bawabaleka amaLeymenayithi, kodwa amaLeymenayithi aye ababamba kwaye aqalisa ukubabulala. Ukumkani waye waxelela amadoda akhe okokuba ashiye iintsapho zawo kwaye aqhubeke ngokubaleka.

Umfanekiso
AmaLemenayithi athimba abantu

Uninzi lwamadoda lwalungafuni ukuhamba. Aye athinjwa ngamaLeymenayithi.

Umfanekiso
Amadoda aqumbele uNowa

Uninzi lwamadoda olwabaleka nokumkani uNowa lwazisola. Ayefuna ukubuyela ngasemva ayokunceda abafazi bawo nabantwana bawo kunye nabantu bawo.

Umfanekiso
UNowa kunye namanye amadoda

Ukumkani uNowa wayengafuni okokuba amadoda abuyele kwiintsapho zawo. Waye wawayalela ukuba ahlale naye.

Umfanekiso
amadoda atshisa ukumkani uNowa

Amadoda aye abanomsindo kuKumkani uNowa. Baye bamtshisa bambulala, njengoko u-Abhinadayi wayeprofethile. Ngoko ke aye abuyela kwiintsapho zawo.