Isahluko 14
U-Abhinadayi noKumkani uNowa
UNowa wayengeyiyo ikumkani elungileyo njengo tata wakhe. Wayengumenzi wobubi kwaye wayengayithobeli imithetho kaThixo.
Waye wanyanzela abantu bakhe ukuba bamnike inxalenye yeenkozo zabo, nemfuyo, negolide, kunye nesilivere yabo.
Ukumkani uNowa wayesenza oku kuba wayelivila. Wenza amaNifayithi ukuba amnike yonke into awayeyiswele ukuze aphile.
Waye watshintsha ababingeleli abalungileyo utata wakhe awayebabizile wafaka ababesenza ububi. Aba babingeleli babesenza ububi babefundisa abantu ukuba bone.
Ukumkani uNowa wayenezakhiwo ezintle ezininzi ezazenziwe, kuquka nebhotwe elikhulu elalinetrone. Izakhiwo zazihonjiswe ngegolide, nesilivere, kunye nangeenkuni ezinexabiso eliphezulu.
Ukumkani uNowa wayebuthanda ubutyebi awayebuthathe kubantu bakhe. Yena nababingeleli bakhe babechitha ixesha labo besela iwayini kwaye besenza ububi.
UThixo waye wathumela umprofethi owayebizwa ngu-Abhinadayi kubantu bakaNowa. U-Abhinadayi wabalumkisa okokuba ukuba abaguquki, bayakuba zizicaka zamaLeymenayithi.
Xa ukumkani uNowa weva izinto u-Abhinadayi wayezithethile, wabanomsindo. Waye wathumela amadoda ukuba azise u-Abhinadayi ebhotweni khon’ ukuze ambulale.
U-Abhinadayi waye wathatyathwa wasiwa kwikumkani. Ukumkani uNowa kunye nababingeleli bakhe bambuza imibuzo emininzi. Baye bazama ukumqhatha ukuba atsho into egwenxa.
U-Abhinadayi wayengoyiki ukuphendula imibuzo yabo. Wayesazi ukuba uThixo wayezakumnceda. Ababingeleli baye bakhwankqiswa ziimpendulo zika-Abhinadayi.
Ukumkani uNowa wabanomsindo kwaye wayalela ababingeleli bakhe ukuba babulale u-Abhinadayi. U-Abhinadayi wathi ukuba bakhe bamchukumisa, uThixo wayeyokubabulala.
UMoya oyiNgcwele wamkhusela u-Abhinadayi khon’ ukuze agqibezele ukuthetha into iNkosi eyayifuna ukuba ayitsho. Ubuso buka-Abhinadayi babukhazimla. Ababingeleli babesoyika ukumchukumisa.
Ethetha ngamandla asuka kuThixo, u-Abhinadayi wabaxelela abantu ngenkohlakalo yabo. Waye wabafundela imithetho kaThixo.
Waye wabaxelela ukuba uYesu Krestu wayezakuzalwa emhlabeni. UYesu wayezakwenza ukuba bakwazi ukuguquka, bavuswe kwabafileyo, kwaye baphile noThixo.
U-Abhinadayi waxelela abantu ukuba baguquke kwaye bakholelwe kuYesu Krestu okanye babengena kukwazi ukusindiswa.
Ukumkani uNowa kunye nabo bonke ngaphandle komnye wababingeleli bakhe wala ukumkholelwa u-Abhinadayi. UNowa wabaxelela ababingeleli bakhe ukuba babulale u-Abhinadayi. Baye bambophelela baze bamphosela entolongweni.
Omnye umbingeleli owathi wakholelwa u-Abhinadayi wayebizwa ngokuba ngu-Alma. Wacela ukumkani uNowa akhulule u-Abhinadayi ukuba ahambe.
Ukumkani waye wabanomsindo ku-Alma kwaye wabangela okokuba alahlelwe ngaphandle. Ngoko ke waye wathumela izicaka zakhe ukuba zimbulale. U-Alma waye wabaleka kwaye wazimela, kwaye izicaka zange zibenako ukumfumana.
Emveni kokuchitha iintsuku ezintathu entolongweni, u-Abhinadayi waye waziswa futhi phambi kokumkani uNowa. Ukumkani waye waxelela u-Abhinadayi okokuba arhoxise izinto awayezitshilo kuye nakubantu bakhe.
Ukumkani uNowa waxelela u-Abhinadayi okokuba ukuba wayengakuphiki konke awayekuthethile, wayeyakubulawa.
U-Abhinadayi wayesazi ukuba wayethethe inyaniso. Wayexolele okokuba afe kunokuba arhoxise izinto uThixo awayethe makazithethe.
Ukumkani uNowa wayalela ababingeleli bakhe ukuba babulale u-Abhinadayi. Baye bambophelela, bambetha ngesabhokhwe, kwaye bamtshisa bambulala. Phambili kokuba asweleke, u-Abhinadayi wathi umkukani uNowa naye wayeyakusweleka ngomlilo.
Abanye bamaNifayithi bamchasa ukumkani uNowa kwaye bazama ukumbulala. Umkhosi wamaLeymenayithi waza nawo uzokulwa nokumkani kunye nabalandeli bakhe.
Ukumkani nabalandeli bakhe baye bawabaleka amaLeymenayithi, kodwa amaLeymenayithi aye ababamba kwaye aqalisa ukubabulala. Ukumkani waye waxelela amadoda akhe okokuba ashiye iintsapho zawo kwaye aqhubeke ngokubaleka.
Uninzi lwamadoda lwalungafuni ukuhamba. Aye athinjwa ngamaLeymenayithi.
Uninzi lwamadoda olwabaleka nokumkani uNowa lwazisola. Ayefuna ukubuyela ngasemva ayokunceda abafazi bawo nabantwana bawo kunye nabantu bawo.
Ukumkani uNowa wayengafuni okokuba amadoda abuyele kwiintsapho zawo. Waye wawayalela ukuba ahlale naye.
Amadoda aye abanomsindo kuKumkani uNowa. Baye bamtshisa bambulala, njengoko u-Abhinadayi wayeprofethile. Ngoko ke aye abuyela kwiintsapho zawo.