Isahluko 37
UNifayi noLihayi entolongweni
UHilamani wafundisa oonyana bakhe ukuba bakholelwe kuYesu Krestu. Bona bafunda ukuba ukuxolelwa kwezono kuza ngokholo kunye nenguquko.
UNifayi noLihayi bahamba befundisa ilizwi likaThixo kuwo amaNifayithi kunye namaLeymenayithi. Amawaka abantu abhaptizwa.
Xa uNifayi noLihayi babesiya kwilizwe likaNifayi, umkhosi wamaLeymenayithi wabaphosela entolongweni kwaye awabanika kutya iintsuku ezininzi.
AmaLeymenayithi aya entolongweni eyokubulala uNifayi noLihayi kodwa awakwazi ngoba babekhuselwe sisangqa somlilo owawunokutshisa nabani na owayenokuzama ukubachukumisa.
UNifayi noLihayi abazange batshiswe ngumlilo. Bawaxelela amaLeymenayithi ukuba bakhuselwe ngamandla kaThixo.
Umhlaba kunye neendonga zentolongo zaqalisa ukushukuma. Ilifu elimnyama lagubungela abantu entolongweni, yaye babesoyika.
Ilizwi elisuka ngasentla kobubumnyama lavakala. Lalizolile ngokungathi kukusebeza, kodwa wonke umntu waliva.
Ilizwi laxelela abantu ukuba baguquke kwaye bayeke ukuzama ukubulala uNifayi noLihayi.
Ilizwi lathetha izihlandlo ezintathu, kwaye umhlaba kunye neendonga zentolongo zaqhubeka ukushukuma. AmaLeymenayithi ayengenakho ukubaleka ngoba kwakumnyama kakhulu kwaye ayesoyika kakhulu.
UmNifayithi owayekade elilungu leBandla wabona ukuba ubuso bukaNifayi noLihayi babukhazimla ebumnyameni.
UNifayi noLihayi babejonge ezulwini kwaye bethetha. Le ndoda yaxelela amaLeymenayithi ukuba ajonge. Bona babezibuza ukuba ngubani lo uNifayi noLihayi babethetha naye.
Indoda, eyayibizwa u-Aminadabhi, yaxelela amaLeymenayithi ukuba uNifayi noLihayi babethetha neengelosi.
AmaLeymenayithi abuza u-Aminadabhi ukuba lisuswa njani ilifu elimnyama. Yena wabaxelela ukuba baguquke kwaye bathandaze bade babenokholo kuYesu Krestu.
AmaLeymenayithi athandaza lada ilifu elimnyama lahamba.
Emva kokuba bumkile ubumnyama, abantu babona intsika yomlilo ibarhangqile. Umlilo awuzange ubatshise okanye utshise iindonga zentolongo.
AmaLeymenayithi abanovuyo olukhulu, kwaye uMoya kaThixo wazizalisa iintliziyo zawo.
Ilizwi lasebeza, lisithi wona ayeya kuthuthuzeleka ngenxa yokholo lwawo kuYesu Krestu.
AmaLeymenayithi ajonga phezulu ukuze abone apho lalivele khona ilizwi. Abona iingelosi zisehlela phantsi ukusuka ezulwini.
Malunga nama-300 abantu abona kwaye eva oko kwenzekayo entolongweni. Bona bahamba kwaye baxelela abanye.
Uninzi lwamaLeymenayithi lwakholelwa kwaye lwafihla izixhobo zawo.
AmaLeymenayithi ayeka ukuzonda amaNifayithi kwaye awanika kwakhona umhlaba awayewuthathile. AmaLeymenayithi abanobulungisa ukodlula amaNifayithi.
AmaLeymenayithi amaninzi ahamba noNifayi kunye noLihayi aya kufundisa amaNifayithi namanye amaLeymenayithi.