Scripture Stories
Isahluko 37: UNifayi noLihayi entolongweni


Isahluko 37

UNifayi noLihayi entolongweni

Umfanekiso
UHilamani kunye noonyana

UNifayi kunye noLihayi babengoonyana bakaHilamani. UHilamani wayefuna bona babenobulungisa njengoLihayi kunye noNifayi abashiya iYerusalem.

Umfanekiso
UHilamani efundisa oonyana

UHilamani wafundisa oonyana bakhe ukuba bakholelwe kuYesu Krestu. Bona bafunda ukuba ukuxolelwa kwezono kuza ngokholo kunye nenguquko.

Umfanekiso
abantu bayabhaptizwa

UNifayi noLihayi bahamba befundisa ilizwi likaThixo kuwo amaNifayithi kunye namaLeymenayithi. Amawaka abantu abhaptizwa.

Umfanekiso
UNifayi noLihayi babotshelelwe

Xa uNifayi noLihayi babesiya kwilizwe likaNifayi, umkhosi wamaLeymenayithi wabaphosela entolongweni kwaye awabanika kutya iintsuku ezininzi.

Umfanekiso
UNifayi noLihayi emlilweni

AmaLeymenayithi aya entolongweni eyokubulala uNifayi noLihayi kodwa awakwazi ngoba babekhuselwe sisangqa somlilo owawunokutshisa nabani na owayenokuzama ukubachukumisa.

Umfanekiso
UNifayi noLihayi emlilweni

UNifayi noLihayi abazange batshiswe ngumlilo. Bawaxelela amaLeymenayithi ukuba bakhuselwe ngamandla kaThixo.

Umfanekiso
Iindonga zentolongo ziyashukuma

Umhlaba kunye neendonga zentolongo zaqalisa ukushukuma. Ilifu elimnyama lagubungela abantu entolongweni, yaye babesoyika.

Umfanekiso
Amajoni ebumnyameni

Ilizwi elisuka ngasentla kobubumnyama lavakala. Lalizolile ngokungathi kukusebeza, kodwa wonke umntu waliva.

Umfanekiso
Abantu ebumnyameni

Ilizwi laxelela abantu ukuba baguquke kwaye bayeke ukuzama ukubulala uNifayi noLihayi.

Umfanekiso
Amajoni aphantsi

Ilizwi lathetha izihlandlo ezintathu, kwaye umhlaba kunye neendonga zentolongo zaqhubeka ukushukuma. AmaLeymenayithi ayengenakho ukubaleka ngoba kwakumnyama kakhulu kwaye ayesoyika kakhulu.

Umfanekiso
Ubuso bukaNifayi noLihayi buyakhazimla

UmNifayithi owayekade elilungu leBandla wabona ukuba ubuso bukaNifayi noLihayi babukhazimla ebumnyameni.

Umfanekiso
UNifayi noLihayi bayakhazimla

UNifayi noLihayi babejonge ezulwini kwaye bethetha. Le ndoda yaxelela amaLeymenayithi ukuba ajonge. Bona babezibuza ukuba ngubani lo uNifayi noLihayi babethetha naye.

Umfanekiso
U-Aminadabhi uthetha namadoda

Indoda, eyayibizwa u-Aminadabhi, yaxelela amaLeymenayithi ukuba uNifayi noLihayi babethetha neengelosi.

Umfanekiso
U-Aminadabhi uyathetha

AmaLeymenayithi abuza u-Aminadabhi ukuba lisuswa njani ilifu elimnyama. Yena wabaxelela ukuba baguquke kwaye bathandaze bade babenokholo kuYesu Krestu.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ayathandaza

AmaLeymenayithi athandaza lada ilifu elimnyama lahamba.

Umfanekiso
Umlilo urhangqe amadoda

Emva kokuba bumkile ubumnyama, abantu babona intsika yomlilo ibarhangqile. Umlilo awuzange ubatshise okanye utshise iindonga zentolongo.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi

AmaLeymenayithi abanovuyo olukhulu, kwaye uMoya kaThixo wazizalisa iintliziyo zawo.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi amathathu

Ilizwi lasebeza, lisithi wona ayeya kuthuthuzeleka ngenxa yokholo lwawo kuYesu Krestu.

Umfanekiso
iingelosi

AmaLeymenayithi ajonga phezulu ukuze abone apho lalivele khona ilizwi. Abona iingelosi zisehlela phantsi ukusuka ezulwini.

Umfanekiso
AmaLeymenathi ayathetha

Malunga nama-300 abantu abona kwaye eva oko kwenzekayo entolongweni. Bona bahamba kwaye baxelela abanye.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi afihla izixhobo

Uninzi lwamaLeymenayithi lwakholelwa kwaye lwafihla izixhobo zawo.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi namaNifayithi ayathetha

AmaLeymenayithi ayeka ukuzonda amaNifayithi kwaye awanika kwakhona umhlaba awayewuthathile. AmaLeymenayithi abanobulungisa ukodlula amaNifayithi.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi namaNifayithi ayahamba

AmaLeymenayithi amaninzi ahamba noNifayi kunye noLihayi aya kufundisa amaNifayithi namanye amaLeymenayithi.