Isahluko 44
UYesu Krestu Usikelela Abantwana
Umfanekiso
UYesu uthandaza nabantwana
UMsindisi waxelela abantu ukuba baguqe phantsi. Waza waguqa kwaye wathandaza kuBawo oseZulwini
Umfanekiso
Abantu bayancuma
Umthandazo woMsindisi wawumangalisa kangangokuba wawungena kubhalwa. Wona wazalisa amaNifayithi ngovuyo.
Umfanekiso
UYesu uthetha nabantu
Emva komthandazo wakhe uYesu wathi amaNifayithi ayeza kusikelelwa ngenxa yokholo lwawo.
Umfanekiso
UYesu
Weva uthando olukhulu kunye nolonwabo kangangokuba walila.
Umfanekiso
UYesu usikelela abantwana
Waza wathatha abantwana kwaye wabasikelela bonke. Wabathandazela kuBawo oseZulwini kwaye wakhala kwakhona.
Umfanekiso
UYesu nabantwana
UYesu waxelela amaNifayithi ukuba ajonge abantwana bawo.
Umfanekiso
Iingelosi zirhangqe abantwana
Njengoba abantu babebukele, iingelosi zeza phantsi zisuka ezulwini kwaye zarhangqa abantwana. Abantwana kunye neengelosi baberhangqwe ngumlilo.