Scripture Stories
Isahluko 44: UYesu Krestu Usikelela Abantwana


Isahluko 44

UYesu Krestu Usikelela Abantwana

Umfanekiso
UYesu kunye nabantwana

UYesu Krestu waxelela amaNifayithi ukuba azise abantwana bawo kuye. Abantwana bahlala phantsi ecaleni koYesu.

Umfanekiso
UYesu uthandaza nabantwana

UMsindisi waxelela abantu ukuba baguqe phantsi. Waza waguqa kwaye wathandaza kuBawo oseZulwini

Umfanekiso
Abantu bayancuma

Umthandazo woMsindisi wawumangalisa kangangokuba wawungena kubhalwa. Wona wazalisa amaNifayithi ngovuyo.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabantu

Emva komthandazo wakhe uYesu wathi amaNifayithi ayeza kusikelelwa ngenxa yokholo lwawo.

Umfanekiso
UYesu

Weva uthando olukhulu kunye nolonwabo kangangokuba walila.

Umfanekiso
UYesu usikelela abantwana

Waza wathatha abantwana kwaye wabasikelela bonke. Wabathandazela kuBawo oseZulwini kwaye wakhala kwakhona.

Umfanekiso
UYesu nabantwana

UYesu waxelela amaNifayithi ukuba ajonge abantwana bawo.

Umfanekiso
Iingelosi zirhangqe abantwana

Njengoba abantu babebukele, iingelosi zeza phantsi zisuka ezulwini kwaye zarhangqa abantwana. Abantwana kunye neengelosi baberhangqwe ngumlilo.