Scripture Stories
Isahluko 52: Intshabalalo yamaYeredayithi


Isahluko 52

Intshabalalo yamaYeredayithi

Umfanekiso
Ikumkani yamaYeredayithi

AmaYeredayithi anda ngokwenani kwaye abanobutyebi. Akhetha ikumkani ukuba ibe yinkokheli yawo.

Umfanekiso
amaYeredayithi akhohlakeleyo

Iminyaka emininzi yadlula, amaYeredayithi aze akhohlakala. INkosi yathumela abaprofethi ukubaxelela ukuba mabaguquke okanye bazakutshabalala.

Umfanekiso
AmaYeredeyithi ebaleka

Abantu abazange babamamele abaprofethi. Bazama ukubabulala.

Umfanekiso
Idabi

Kwakukho iimfazwe nembalela elizweni. AmaYeredayithi amaninzi afa.

Umfanekiso
U-Etere eshumayela

INkosi yathumela omnye umprofethi obizwa ngo-Etere. Wayeshumayela ukusukela ekuseni kude kube ngorhatya, exelela amaYeredayithi ukuba mawakholelwe kuThixo kwaye aguquke.

Umfanekiso
U-Etere eshumayela ebantwini

U-Etere waxelela amaYeredayithi ukuba anokukholelwa kuThixo, ngenye imini ayezakuphila noBawo Osezulwini kwilizwe elingcono.

Umfanekiso
AmaYeredayithi enyanzelisa u-Etere ukuba makahambe

U-Etere waxelela amaYeredayithi izinto ezininzi ezibalulekileyo, kodwa akazange akholelwe kuye. Amenza ukuba ahambe esixekweni.

Umfanekiso
U-Etere ezimele kumqolomba

U-Etere wayezimela emqolombeni ngexesha lasemini ukwenzela ukuba angabulawa. Ebusuku wayephuma phandle kwaye abone into eyayisenzeka kumaYeredayithi.

Umfanekiso
U-Etere ubhala kumacwecwe

Wagqiba ukubhala imbali yamaYeredayithi lo gama ezimele.

Umfanekiso
U-Etere ethetha noKoriyantamri

INkosi yathumela u-Etere kuKoriyantamri, owayengu kumkani wamaYeredayithi akhohlakeleyo. U-Etere wamxelela ukuba makaguquke okanye uyokuba nelishwa lokubona bonke abantu bakhe bebulawa.

Umfanekiso
abalindi beleqa u-Etere

UKoriyantamri nabantu bakhe abazange baguquke. Wazama ukubulala u-Etere, kodwa u-Etere wabaleka wazimela emqolombeni.

Umfanekiso
indoda ilele nekrele

Abantu babekhohlakele ngeyona ndlela iNkosi yawuqalekisa umhlaba. Babengakwazi ukuzibeka phantsi izixhobo okanye amakrele abo ngoba ngemini elandelayo ezo zinto zaziyakube zimkile.

Umfanekiso
idabi

Onke amaYeredayithi alwa kwiimfazwe, kuquka nabafazi kunye nabantwana. UKoriyantamri wayekhokela omnye umkhosi nenye indoda eyayibizwa ngoShiz yayikhokela omnye umkhosi.

Umfanekiso
UKoriyantamri noShiz bayalwa

UKoriyantamri noShiz babengamadoda akhohlakeleyo bobabini. UMoya oyiNgcwele wayewashiyile amaYeredayithi ngenxa yenkohlakalo yawo. USathana wayenamandla phezu kwawo.

Umfanekiso
UKoriyantamri

AmaYeredayithi alwa kwada kwashiyeka uKoriyantamri noShiz kuphela. Ukuwa isiqaqa uShiz ngenxa yokopha, uKoriyantamri wamnqumla intloko yakhe.

Umfanekiso
UKoriyantamri nabantu baseZarahemla

Isiprofetho sika-Etere sazaliseka: UKoriyantamri wayengumYeredayithi wokugqibela ophilayo. Wafunyanwa ngabantu baseZarahemla.

Umfanekiso
U-Etere ubhala kumacwecwe

U-Etere wagqibezela ukubhala imbali yamaYeredayithi. Ayetshatyalalisiwe ngenxa yenkohlakalo yawo. Iimbali zamaYeredayithi zafunywana kamva ngamaNifayithi.