Scripture Stories
Isahluko 22: Ubuvangeli buka-Alma e-Amoniha


Isahluko 22

Ubuvangeli buka-Alma e-Amoniha

Umfanekiso
U-Alma noNifayiha

U-Alma wakhathazeka ngobungendawo bamaNifayithi, ngoko wagqiba ekubeni achithe ixesha lakhe lonke eshumayela ivangeli. Wakhetha uNifayiha ukuba athathe indawo yakhe njengomgwebi oyintloko.

Umfanekiso
U-Alma ehleli phantsi

U-Alma wafundisa ivangeli kulo lonke ilizwe. Ngeli lixa ezama ukufundisa e-Amoniha, abantu abazange bammamele. Bamphosela ngaphandle kwesixeko.

Umfanekiso
U-Alma

U-Alma wayekhathazekile kuba abantu base-Amoniha babenobugwenxa. Wahamba waya kwesinye isixeko.

Umfanekiso
ingelosi ithetha no-Alma

Ingelosi yabonakala kwaye yamthuthuzela u-Alma. Ingelosi yamxelela ukuba abuyele e-Amoniha kwaye ashumayele kwakhona. U-Alma wakhawuleza ukubuyela.

Umfanekiso
U-Alma ecela indoda ukutya

U-Alma wayelambile. Xa engena kwisixeko, wacela ukutya kwindoda ethile. Ingelosi yayixelele le ndoda ukuba u-Alma uyeza kwaye wayengumprofethi kaThixo.

Umfanekiso
U-Amyuleki esondla u-Alma

Le ndoda, ingu-Amyuleki, yathatha u-Alma yamsa endlwini yayo ukuyomondla. U-Alma wahlala no-Amyuleki nosapho lwakhe iintsuku ezininzi. Wambulela uThixo ngosapho luka-Amyuleki waza walusikelela.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bethetha

U-Alma waxelela u-Amyuleki ngobizo lwakhe lokufundisa abantu base-Amoniha. U-Amyuleki wahamba no-Alma ukuya kufundisa abantu. UMoya oyiNgcwele wabancedisa.

Umfanekiso
U-Alma eshumayela

U-Alma waxelela abantu ukuba baguquke okanye uThixo wayezakuba tshabalalisa. Wathi uYesu Krestu uyakuza kwaye asindise abo bathe banokholo kuye baze baguquka.

Umfanekiso
abantu benomsindo ku-Alma

Abantu base-Amoniha baye banomsindo. Bazama ukuphosela u-Alma entolongweni kodwa iNkosi yamkhusela.

Umfanekiso
U-Amyuleki no-Alma befundisa

Ngoko ke u-Amyuleki waqalisa ukufundisa. Uninzi lwabantu lwalumazi u-Amyuleki: wayengafani nongaziwayo njengaye u-Alma. Waye wabaxelela ngengelosi awayethe wayibona.

Umfanekiso
U-Amyuleki no-Alma

U-Amyuleki wathi u-Alma wayengumprofethi kaThixo kwaye wayethetha inyaniso. Abantu bamangaliswa ukuva ubungqina buka-Amyuleki.

Umfanekiso
U-Ziyezirom kunye no-Amyuleki no-Alma

Abanye babantu baye banomsindo, ngakumbi indoda enye engendawo egama lingu Ziyezirom. Bazama ukwenzela u-Amyuleki iyelenqe ngemibuzo, kodwa wabaxelela ukuba wayelazi icebo labo.

Umfanekiso
U-Ziyezirom uthetha no-Alma

UZiyezirom wayefuna ukutshabalalisa yonke into eyayilungile. Wayezakubangela iingxaki, kwaye abantu babezakumhlawula imali ukusombulula iingxaki angunobangela wazo.

Umfanekiso
U-Ziyezirom kunye no-Amyuleki no-Alma

UZiyezirom wayengenako ukukhohlisa u-Amyuleki, ngoko ke waze wamnika imali ukuba makathi akekho uThixo. U-Amyuleki wayesazi ukuba uThixo uyaphila kwaye wathi uZiyezirom naye wayekwazi oku nto nje wayethanda imali ukwedlula uThixo.

Umfanekiso
U-Ziyezirom kunye nabanye

Ngoko ke u-Amyuleki wafundisa uZiyezirom ngoYesu nangovuko kunye nobomi obungunaphakade. Abantu baye bakhwankqiseka. UZiyezirom waye waqalisa ukungcangcazela esoyika.

Umfanekiso
U-Alma efundisa uZiyezirom

UZiyezirom wayesazi ukuba u-Alma no-Amyuleki babenamandla kaThixo ngokuba babezazi iingcinga zakhe. UZiyezirom wabuza imibuzo waza wamamela ngelixa u-Alma wayemfundisa ivangeli.

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Abanye abantu bakholelwa ku-Alma no-Amyuleki kwaye baqalisa ukuguquka nokufunda izibhalo.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bebotshiwe

Kodwa uninzi lwabantu lwalufuna ukubulala u-Alma no-Amyuleki. Bawabophelela omabini lamadoda baze bawasa kumgwebi oyintloko.

Umfanekiso
UZiyezirom ethethelela u-Alma no-Amyuleki

UZiyezirom waye wazisola kuba wayenobugwenxa kwaye wayefundise abantu ubuxoki. Wabacenga abantu ukuba bavumele u-Alma no-Amyuleki bahambe.

Umfanekiso
amakholwa ephoselwa ngaphandle

UZiyezirom namanye amadoda aye azikholelwa iimfundiso zika-Alma no-Amyuleki baye baphoselwa ngaphandle kwesixeko. Abantu abangendawo baphosa amatye kubo.

Umfanekiso
amadoda etshisa abafazi kunye nezibhalo

Ngoko ke abantu abangendawo baqokelela abafazi kunye nabantwana ababekholelwa baza babaphosela emlilweni kunye nezibhalo zabo.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bebukele umlilo

U-Alma no-Amyuleki banyanzeleka ukuba babukele abafazi nabantwana besitsha emlilweni. U-Amyuleki wayefuna ukusebenzisa amandla kaThixo ukubasindisa.

Umfanekiso
U-Alma ethetha no-Amyuleki

U-Alma waxelelela u-Amyuleki ukuba waye ngazukukunqanda ukufa kwaba bantu kungekudala babezakuba kunye noThixo baze abangendawo bohlwaywe.

Umfanekiso
U-Alma ebethwa ngempama

Umgwebi oyintloko waye waqhwaba u-Alma no-Amyuleki amatyeli amaninzi kwaye wabanxwala kuba bengasindisanga abafazi nabantwana abatshayo. Wandula wabaphosela entolongweni.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki entolongweni

Amanye amadoda agwenxa aza entolongweni kwaye ahlukumeza u-Alma no-Amyuleki ngeendlela ezininzi, kuquka nokubalambisa kwanokubatshicela.

Umfanekiso
Umgwebi oyintloko kunye no-Alma no-Amyuleki

Umgwebi oyintloko wathi ukuba u-Alma no-Amyuleki bathe basebenzisa amandla kaThixo ukuzikhulula, angakholelwa. Wabaqhwaba kwakhona.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bethandaza

U-Alma no-Amyuleki baphakama. U-Alma wathandaza wacela kuThixo ukuba abenze bomelele ngenxa yokholo lwabo kuKrestu.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki besophula iintambo

Amandla kaThixo azalisa u-Alma no-Amyuleki, kwaye baziqhawula iintambo ababebotshwe ngazo. Amadoda angendawo oyika kwaye azama ukubaleka kodwa awela phantsi.

Umfanekiso
iindonga zentolongo zisiwa phantsi

Umhlaba washukuma, iindonga zentolongo zawela amadoda angendawo. INkosi yakhusela u-Alma no-Amyuleki kwaye abengenzakala.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki bephuma kwiindinga eziqhekekileyo

Abantu base-Amoniha beza kubona ukuba kwenzeka ntoni. Xa babebona u-Alma no-Amyuleki bephuma ngaphandle kwentolongo edilikileyo, ngenxa yoloyiko babaleka.

Umfanekiso
U-Alma no-Amyuleki

INkosi yaxelela u-Alma no-Amyuleki ukuba baye eTsidom. Apho bafumana abantu abangamalungisa. UZiyezirom naye wayelapho kwaye wayegula kakhulu.

Umfanekiso
U-Alma esikelela uZiyezirom

UZiyezirom wavuya akubona u-Alma no-Amyuleki. Wayexhalabile ukuba babebulewe ngenxa yento awayethe wayenza. Wabacela ukuba bamphilise.

Umfanekiso
UZiyezirom

UZiyezirom waye kholelwa kuYesu Krestu kwaye waguquka kwizono zakhe. Xa u-Alma wayemthandazela, uZiyezirom waphiliswa ngoko nangoko.

Umfanekiso
U-Ziyezirom ebhaptizwa

UZiyezirom wabhaptizwa waza waqalisa ukushumayela ivangeli. Abanye abaninzi baye babhaptizwa nabo.

Umfanekiso
abantu abafileyo esitalatweni

Abangendawo base-Amoniha babulawa ngumkhosi wamaLeymenayithi, njengoko u-Alma waprofetha.