Scripture Stories
Isahluko 28: AmaZoramayithi kunye neRameyamptam


Isahluko 28

AmaZoramayithi kunye neRameyamptam

Umfanekiso
AmaZoramayithi enqula izithixo

AmaZoramayithi ayekhe angamalungu eBandla likaThixo kodwa aye abangabenzi bobubi enqula izithixo.

Umfanekiso
U-Alma nabanye abavengeli

AmaNifayithi ayefuna ukuwathintela amaZoramayithi ekuzimanyeni namaLeymenayithi, ngoko u-Alma waye wahamba nabanye abavangeli ukuya kushumayela ilizwi likaThixo kumaZoramayithi.

Umfanekiso
abavengeli namaZoramayithi

Aba bavengeli bamangala kwaye bakhathazeka yindlela amaZoramayithi ayenqula ngayo emabandleni awo, awabiza izindlu zesikhungo.

Umfanekiso
indoda ime eqongeni

Embindini wendlu yesikhungo, amaZoramayithi aye akha iqonga eliphezulu elibizwa iRameyamptam. Kwakukho igumbi lomntu omnye onokuma ngaphezulu.

Umfanekiso
indoda ezandla zijolise emoyeni

AmaZoramayithi ayethatha amathuba okuma khona, ebhekisa ezulwini kwaye ngengxolo ecengceleza umthandazo omnye.

Umfanekiso
indoda ezandla zijolise emoyeni

Kulo mthandazo, amaZoramayithi ayesithi uThixo akanawo umzimba; ungumoya kuphela. Kwaye ayesithi akusayi kubakho Krestu.

Umfanekiso
indoda ithandaza eqongeni

AmaZoramayithi ayecinga ukuba uThixo wayekhethe wona kuphela ukuba asindiswe ebukumkanini basezulwini. Anikela imibulelo ngokuba angabantu abazintandane.

Umfanekiso
amaZoramayithi ehamba

Emveni kokuba umZoramayithi ngamnye ethandazile, bahamba baya emakhaya kwaye abangaze baphinde bathandaze okanye bathethe ngoThixo kwakhona kangangeveki yonke.

Umfanekiso
amaZoramayithi nobutyebi

Izityebi zamaZoramayithi zazithanda igolide nesilivere, kwaye zaziqhayisa ngobutyebi bazo behlabathi. U-Alma wakhathazeka akubona indlela ababesenza ububi ngayo.

Umfanekiso
U-Alma ethandaza

U-Alma wathandazela yena kunye namaqabane akhe ukuba babenamandla, intuthuzelo, kunye nempumelelo emsebenzini wabo.

Umfanekiso
abavangeli bethandaza

Emveni kokucela uncedo ekubuyiseleni amaZoramayithi kwakhona enyanisweni, u-Alma kunye nabanye abavangeli bazaliswa nguMoya Oyingcwele.

Umfanekiso
abavangeli befumana ukutya

Abavangeli baye bahamba iindlela ezahlukeneyo ukuyokushumayela. UThixo wabasikelela ngokutya kwane mpahla kwanokubomeleza emisebenzini yabo.

Umfanekiso
abavangeli befundisa abantu abangamahlwempu

AmaZoramayithi awayengamahlwempu ayengavumelekanga phakathi kwamabandla. Aba bantu baqalisa ukumamela abavangeli.

Umfanekiso
U-Alma eshumayela

Abaninzi babuza u-Alma ukuba benzeni na. U-Alma wabaxelela ukuba kwakungafuneki ukuba babe ngaphakathi kwebandla ukuze bathandaze okanye banqule uThixo.

Umfanekiso
U-Amyuleki efundisa abantu

Wabaxelela ukuba babenokholo kuThixo. Waza u-Amyuleki wabafundisa ngoYesu Krestu kwanangecebo likaThixo labantwana bakhe.

Umfanekiso
amakholwa eshiya isixeko

Abavangeli baye bahamba, kwaye amaZoramayithi awayethe abakholelwa aye aphoselwa ngaphandle kwesixeko. Abakholwayo bahamba bayokuhlala kwilizwe likaYershan kunye nabantu baka-Amon.

Umfanekiso
abantu bebukele abanye behamba

Nangona amaZoramayithi angendawo ayegrogrisa abantu baka-Amon, abantu baka-Amon banceda amaZoramayithi angamalungisa kwaye bawanika ukutya, iimpahla, kwakunye nomhlaba.