Scripture Stories
Isahluko 31: UKhapteni uMoronayii Uhlula uZerahemna


Isahluko 31

UKhapteni UMORONAYI Uhlula uZerahemna

Umfanekiso
AmaLeyimenaythi ethetha

UZerahemna inkokheli yamaLeymenayithi, wayefuna abantu bakhe baqhubeke bezonda amaNifayithi kwaye nokuwenza amakhoboka abo.

Umfanekiso
amajoni AmaNifaythi

AmaNifayithi wona ayefuna ukugcina umhlaba wawo kunye neentsapho zawo zikhululekile. Ayekwafuna ukukhululeka ekunqeleni uThixo.

Umfanekiso
UKhapteni uMoronayi

UKhapteni uMoronayi wayeyinkokheli yomkhosi wamaNifayithi. Xa amaLeymenayithi ayesiza kulwa, uMoronayi nemikhosi yakhe badibana nawo kwilizwe laseYershan.

Umfanekiso
UKhapteni uMoronayi nomkhosi

UKhapteni uMoronayi wayelungiselele umkhosi wakhe ngezixhobo, amakhaka, izikrweqe neempahla ezilushiqa.

Umfanekiso
umkhosi wamaLeyimenythi

AmaLeymenayithi ayenomkhosi omkhulu kodwa ayesoyika xa ayebona izikrweqe zamaNifayithi-amaLeymenayithi ayenxibe impahla encinane.

Umfanekiso
AmaLeymenaythi ezimela entlango

Umkhosi wamaLeymenayithi awuzange ubenobunganga bokulwa nomkhosi kaKhapteni Moronayi. AmaLeymenayithi abalekela entlango kwaye agqiba kwelokuba ahlasele isixeko samaNifayithi esahlukileyo.

Umfanekiso
UAlma ethandaza

UMoronayi wathumela iintlola ukuba zijonge amaLeymenayithi. Waye wacela u-Alma athandazele uncedo kwiNkosi. INkosi yaye yaxelela u-Alma apho amaLeymenayithi ayezakuhlasela khona.

Umfanekiso
UMoronayi ematshisa umkhosi wakhe

Xa uMoronayi wayefumana umyalezo ka-Alma, waye washiya amanye amajoni ukuba akhusele iYershan kwaye wahamba naseleyo wayokuqubisana namaLeymenayithi.

Umfanekiso
Amajoni kaMoronayi ezimela

Amajoni kaKhapteni Moronayi azimela macala omabini omlambo iTsidon, alindela ukuthiyela umkhosi wamaLeymenayithi.

Umfanekiso
umlo emlanjeni

Umlo waqalisa, kwaye amaLeymenayithi azama ukubaleka ngokuwela umlambo, kodwa uninzi lwamaNifayithi lwaluwalindile kwelinye icala.

Umfanekiso
AmaNifayithi edubula amatola

Besilwa nzima kunanga phambili, uZarahemna nomkhosi wakhe babulala amaNifayithi amaninzi. AmaNifayithi akhalela eNkosini efuna uncedo.

Umfanekiso
AmaNifayithi ejongene namaLemenayithi

INkosi yawomeleza umkhosi wamaNifayithi. Umkhosi wawangqonga amaLeymenayithi, kwaye uMoronayi wayalela umlo ukuba ume.

Umfanekiso
U-Alma ethetha noZerahemna

UMoronayi waxelela uZerahemna ukuba amaNifayithi ayengafuni ukubulala amaLeymenayithi okanye awenze amakhoboka awo.

Umfanekiso
UMoronayi ethetha

UMoronayi wathi amaLeymenayithi ayengenako ukutshabalalisa ukholo lwamaNifayithi kuYesu Krestu. Wathi uThixo wayeyakuqhubeka nokuwanceda amaNifayithi alwe ukuba ayenyanisekile.

Umfanekiso
UMoronayi eyalela uZerahemna

UMoronayi wayalela uZerahemna ukuba anikezele ngezixhobo zakhe. Wathi amaLeymenayithi akasayi kubulawa xa enokuthembisa ukuba awasokuze aphinde alwe namaNifayithi.

Umfanekiso
UZerahemna enika uMoronayi izixhobo

UZerahemna wanikezela ngezixhobo zakhe kuMoronayi kodwa akathembisa kungalwi. UMoronayi waphindisela izixhobo emva khon’ukuze amaLeymenayithi abenokukwazi ukuzikhusela.

Umfanekiso
ijoni lomNifayithi lisophula ikrele likaZerahemna

UZerahemna wabalekela kuMoronayi azakumbulala, kodwa ijoni lomNifayithi labetha kwaye lophula ikrele likaZerahemna.

Umfanekiso
ijoni lisika isikhumba esigqume isikhakayi sikaZerahemna

Laze ijoni lasika isikhumba esigqume ukhakhayi lukaZerahemna, lasibeka kwincam yekrele laso, laze lasiphakamisela phezulu.

Umfanekiso
UmLeyimenathi usika isikhumba esigqume ukhakhayi

Wabaxelela ukuba amaLeymenayithi ayakuwa njenge sikhumba esigqume ukhakhayi, ngaphandle kokuba anikezele ngezixhobo zawo kwaye athembise ukungaze aphinde alwe nabo.

Umfanekiso
UmLeyimenayithi unikezela izixhobo

AmaLeymenayithi amaninzi abeka izixhobo zawo ezinyaweni zikaMoronayi aza athembisa ngokungalwi. Avunyelwa ukuba ahambe ngokukhululekileyo.

Umfanekiso
AmaLeyimenayithi esilwa

Ngogcwabevu, uZerahemna wawalukuhla aseleyo amajoni ukuba alwe. Amajoni kaMoronayi abulala uninzi lwawo.

Umfanekiso
UZerahemna ucenga uMoronayi

Xa uZerahemna ebona ukuba yena kunye namadoda akhe babezakubulawa, wacenga uMoronayi ukuba abenenceba kubo. Waze wathembisa ukungaze aphinde alwe namaNifayithi kwakhona.

Umfanekiso
AmaLeyimenayithi ehamba esuka kwaManifayithi

UMoronayi wawumisa umlo kwaye wathatha izixhobo zamaLeymenayithi. Emveni kokuba ethembise ukungalwi, amaLeymenayithi aye ahamba.