Isahluko 15
U-Alma Uyafundisa kwaye Uyabhaptiza
U-Alma waye wabaleka kwizicaka zikaKumkani uNowa kwaye wazimela kangangeentsuku ezininzi. Xeshikweni wayezimele, waye wabhala phantsi izinto umprofethi u-Abhinadayi awazifundisayo.
U-Alma waye waguquka ezonweni zakhe kwaye wahamba waya kumaNifayithi ngokufihlakeleyo, wawafundisa umyalezo ka-Abhinadayi. U-Alma waxelela abantu okokuba babenokholo kuYesu Krestu kwaye baguquke.
Emini u-Alma wayezimela kudada lwemithana emincinane kufuphi nechibi elalibizwa ngokuba ngaManzi aseMormoni.
Abo babethe bakholelwa kwiimfundiso zika-Alma baya eManzini aseMormoni kwaye babhaptizwa. U-Alma wabhaptiza abantu abangama-204 eBandleni likaKrestu.
U-Alma wamisela ababingeleli ukuze bafundise abantu. Wayalela ababingeleli ukuba bafundise inguquko kunye nokholo kuYesu Krestu. Waye wabaxelela okokuba kwakungafuneki ukuba baxambulisane kodwa bamanyane.
Abantu baka-Alma babethandana kwaye bencedana. Babesabelana ngento yonke ababenayo kwaye babenombulelo wokokuba babefundile ngoYesu Krestu, uMkhululi wabo.
Izicaka zikaKumkani uNowa zaye zabona u-Alma efundisa abantu. Ukumkani waye wathi u-Alma wayemjikelisa ngamaNifayithi, ngoko ke waye wathumela umkhosi ukuze ubabulale.
UThixo waye wamlumkisa u-Alma okokuba umkhosi kaKumkani uNowa wawusiza. Abantu baye baqokelela iintsapho zabo, imfuyo yabo, kunye nezinye izinto zabo bafudukela entlango.
UThixo waye wabomeleza abantu baka-Alma khon’ ukuze bakwazi ukubaleka kumkhosi kaNowa. Umkhosi waye wabakhangela kodwa awuzange ubafumane.
Emveni kokuhamba entlango kangangeentsuku ezisibhozo, abantu baka-Alma baye bafika kwindawo entle eyayimpompoza amanzi acwengileyo kuyo. Apho baye batyala izityalo kwaye bakha nezakhiwo.
Abantu babefuna ukuba u-Alma abeyikumkani yabo, kodwa u-Alma wathi uThixo wayengafuni ukuba babenekumkani. UThixo wayefuna okokuba bakhululeke.