Scripture Stories
Isahluko 11: U-Enoshe


Isahluko 11

U-Enoshe

Umfanekiso
UYakobi unika u-Enoshe amacwecwe

U-Enoshe wayengunyana kaYakobi. Wayegcine amacwecwe kwaye wayebhala kuwo emveni kokuba utata wakhe eswelekile

Umfanekiso
U-Enoshe ezingela

Ngenye imini u-Enoshe wayezingela ehlathini. Apho wacinga khona ngeemfundiso zikatata wakhe waza wafuna ukuxolelwa izono zakhe.

Umfanekiso
U-Enoshe ethandaza

U-Enoshe waguqa wathandaza kuThixo. Wathandaza imini yonke kwaye wayesathandaza ngelixa kwakufika ubusuku.

Umfanekiso
U-Enoshe ethandaza

UThixo waye waxelela u-Enoshe ukuba ngenxa yokholo lwakhe kuYesu Krestu, izono zakhe zazixolelwe.

Umfanekiso
U-Enoshe ethandaza

U-Enoshe ngoko ke wayefuna ukuba iNkosi isikelele amaNifayithi. Waye wawathandazela, yaye iNkosi yathi yayi yakuwa sikelela ukuba aye athobela imithetho yayo.

Umfanekiso
AmaLemenayithi

U-Enoshe wayefuna kwakhona ukuba iNkosi isikelele amaLeymenayithi. Wathandaza ngokholo olukhulu, yaze iNkosi yathembisa ukwenza oko u-Enoshe wayethe wayicela kona.

Umfanekiso
AmaLemenayithi alwa namaNifayithi

Nangona amaLeymenayithi ayesilwa namaNifayithi kwaye ezama ukutshabalalisa iimbali zawo, u-Enoshe waye wathandazela ukuba abengabantu abalungileyo.

Umfanekiso
U-Enoshe ethandaza

U-Enoshe wathandazela ukuba iimbali ezo wayezigcinile zikhuseleke. INkosi yaye yathembisa ukuba ngenye imini yayizakuwanika amaLeymenayithi iimfundiso ezo zazikwiimbali.

Umfanekiso
U-Enoshe eshumayeza amaNifayithi

U-Enoshe waye washumayela kumaNifayithi. Wayefuna ukuba akholelwe kuThixo kwaye agcine imithetho.

Umfanekiso
AmaLemenayithi esebenza

AmaNifayithi aye azama ukufundisa ivangeli kumaLeymenayithi, kodwa akazange amamele. AmaLeymenayithi ayewacaphukela amaNifayithi.

Umfanekiso
U-Enoshe ebhala

U-Enoshe waye wachitha ubomi bakhe efundisa abantu ngoYesu kunye nangevangeli. Wayemkhonza uThixo kwaye wayemthanda iintsuku zakhe zonke zokuphila.