Isahluko 11
U-Enoshe
Ngenye imini u-Enoshe wayezingela ehlathini. Apho wacinga khona ngeemfundiso zikatata wakhe waza wafuna ukuxolelwa izono zakhe.
U-Enoshe waguqa wathandaza kuThixo. Wathandaza imini yonke kwaye wayesathandaza ngelixa kwakufika ubusuku.
UThixo waye waxelela u-Enoshe ukuba ngenxa yokholo lwakhe kuYesu Krestu, izono zakhe zazixolelwe.
U-Enoshe ngoko ke wayefuna ukuba iNkosi isikelele amaNifayithi. Waye wawathandazela, yaye iNkosi yathi yayi yakuwa sikelela ukuba aye athobela imithetho yayo.
U-Enoshe wayefuna kwakhona ukuba iNkosi isikelele amaLeymenayithi. Wathandaza ngokholo olukhulu, yaze iNkosi yathembisa ukwenza oko u-Enoshe wayethe wayicela kona.
Nangona amaLeymenayithi ayesilwa namaNifayithi kwaye ezama ukutshabalalisa iimbali zawo, u-Enoshe waye wathandazela ukuba abengabantu abalungileyo.
U-Enoshe wathandazela ukuba iimbali ezo wayezigcinile zikhuseleke. INkosi yaye yathembisa ukuba ngenye imini yayizakuwanika amaLeymenayithi iimfundiso ezo zazikwiimbali.
U-Enoshe waye washumayela kumaNifayithi. Wayefuna ukuba akholelwe kuThixo kwaye agcine imithetho.
AmaNifayithi aye azama ukufundisa ivangeli kumaLeymenayithi, kodwa akazange amamele. AmaLeymenayithi ayewacaphukela amaNifayithi.
U-Enoshe waye wachitha ubomi bakhe efundisa abantu ngoYesu kunye nangevangeli. Wayemkhonza uThixo kwaye wayemthanda iintsuku zakhe zonke zokuphila.