Scripture Stories
Amagama Okwaziwa


Amagama Okwaziwa

a A

abagwebi

inkokheli egqiba ngentsingiselo yomthetho okanye nendlela abantu mabayigcine ngayo

amacwecwe

amaphekepheke esinyithi anciphileyo apho abantu babebhala iimfundiso zikaThixo neembali zabantu khona

Umfanekiso
amacwecwe

amacwecwe

Amacwecwe egolide

iimbali ezibhalwe kumacwecwe anciphileyo egolide. UMoronayi wawafihla la macwecwe kwiNduli yaseKhumora, waza uJoseph Smith mva wawafumana khona.

Umfanekiso
Amacwecwe egolide

Amacwecwe egolide

Amacwecwe obhedu

iimbali zemiyalelo kaThixo nokusebenzisana kwakhe nezinyanya zikaLihayi

Umfanekiso
Amacwecwe obhedu

Amacwecwe obhedu

amakhoboka

abantu abanyanzeliswa ukuba basebenzele abanye abantu

amandla

umoya wobubi okanye wobuhle,ngamanye amaxesha luncedo olukhethekileyo okanye amandla avela kuThixo

b

bethelela emnqamlezweni

ukubulala ngokuxhoma umntu emnqamlezweni

e

entlango

umhlaba ovulekileyo ongenazixeko okanye abantu

G g

Guquka

ukuziva buhlungu ngesenzo okanye ingcinga kwaye uthembise ukungasiphindi

guqulela

ukutshintsha amagama kolunye ulwimi uwasa kolunye

i I

idini

ukunikela ngento exabisekileyo kuThixo

igqudu

isixhobo esisetyenziselwa ukubetha izilwanyana okanye abantu

Umfanekiso
igqudu

igqudu

iindaba ezilungileyo

imiyalezo yethemba nentuthuzelo esuka kuThixo

ijoni

umntu olwa emkhosini

ikhaka

inxalenye yesikrweqe ekhusela umzimba ongentla wejoni kwizixhobo kumakrele nakwezinye izixhobo

ikhakhayi

ukususa umphezulu wentloko yomntu

ikrele

isitshetshe sesinyithi esisetyenziselwa ukusika okanye ukuhlaba

Umfanekiso
ikrele

ikrele

ilungu

umntu ozimanye nebandla okanye iqela

imbalela

ukuswela ukutya ngenxa yokunganethi kwemvula okanye ngenxa yeembewu ezingakhuliyo

imfama

ukungakwazi ukubona

imfazwe

idabi phakathi kweentshaba okanye imikhosi echaseneyo

indlu yesikhungo

uhlobo lwesakhiwo apho abantu bahlanganela ukukhonza khona uThixo

ingelosi

isithunywa esisuka kuThixo

inkokheli

umntu okhokela iqela labantu

inkululeko

ukukwazi ukwenza ukhetho

inkululeko

inkululeko yokwenza ukhetho

inqaba

isakhiwo eside okanye iqonga abantu abanokuma kulo

Umfanekiso
inqaba
intolongo

indawo esetyenziselwa ukubamba abantu abenze ulwaphulo-mthetho

intonga yesinyithi

isifaniso esiqulatha ilizwi likaThixo ephupheni likaLihayi

intshinga yenkululeko

umyalezo owabhalwa nguKhapteni uMoronayi ekhuthaza abantu bakhe ukuba mabakhusele inkululeko yabo

Umfanekiso
intshinga yenkululeko

intshinga yenkululeko

inyani

into eyenzeka ngokwenene okanye into elungileyo

iphupha

ibali eliqhubekeka engqondweni yomntu xa elele

isambatho

ingubo ende ebhabhazelayo

isaphetha

induku ende enomtya kwisiphelo ngasinye esetyenziselwa ukudubula iintolo

Umfanekiso
isaphetha

isaphetha

isibingelelo

indawo engcwele ephakamileyo eyenzwe ngomhlaba okanye ngamatye apho kwenziwa imithandazo okanye amadini anikelwa kuThixo

Umfanekiso
isibingelelo

isibingelelo

isihlalo-sokugweba

isikhundla kurhulumente wamaNifayithi esasibanjwa ngumgwebi oyintloko

isikrweqe

isigqumi esinxitywa ngamajoni ukuzikhusela edabini

Umfanekiso
isikrweqe

isikrweqe

isilingi

isixhobo esisetyenziselwa ukuphosa amatye

Umfanekiso
isilingi

isilingi

isithembiso

ukuzibophelela ukwenza into okanye ekubeni yinto

isithixo

into ekhonzwa ngabantu engeyiyo ekaThixo

isixhobo

into esetyenziselwa ukubulala okanye ukulimaza abanye abantu, enjenge krele okanye umkhonto

Isono

ukwaphula umthetho

itempile

indlu kaThixo

Umfanekiso
itempile

itempile

itolo

isixhobo esinecala elibukhali esisentyenziswa ekuzingeleni okanye emfazweni

Umfanekiso
itolo

itolo

Ivangeli

iimfundiso zikaYesu Krestu

iyelenqe

ukwenza icebo elingcolileyo ngokuchasene nomnye umntu

izicaka

abantu abakhonza okanye abasebenzela umntu onjenge kumkani

i

izikhephe ezincinci

isikhephe esikhulu esenzelwe ukuthwala abantu okanye iimpahla

Umfanekiso
izikhephe ezincinci

izikhephe ezincinci

izulu

indawo apho uBawo Osezulwini noYesu Krestu bahlala khona

k K

khalipha

ukwazi nokukhusela into elungileyo

Kholelwa

ukuva okanye ukwazi ukuba into ilungile

kumkani

inkokheli yeqela labantu

L

Liyahona

ibhola yobhedu uThixo awayeyinike usapho lukaLihayi ukulubonisa indlela emaluyihambe entlango. Yayisebenza xa usapho lukaLihayi lunobulungisa kuphela.

Umfanekiso
Liyahona

Liyahona

p

philisa

ukwenza umntu ogulayo okanye owonzakeleyo ngcono okanye agqibelele.

profetha

ukucacisa isiganeko phambi kokuba senzeke

q

qhwesha

ukubaleka komnye umntu

s

sikelela

ukunika umntu into enenzuzo kuye. Ukusikelela umthendeleko kukucela uThixo amkele isonka namanzi njengemizekeliso kaYesu Krestu.

T t

Thandaza

ukuthetha noThixo, unikezela ngemibulelo kwaye nokucela iintsikelelo

thembakala

ukuqhubekeka uthobela imithetho

Thobela

ukwenza into oyiceliweyo okanye oyiyalelweyo

tshabalalisa

ukuphelisa into nya, efana nesixeko okanye ubomi

u U

ubhaptizo

ummiselo apho umntu onegunya likaThixo ufaka omnye ngokupheleleyo phantsi kwamanzi aze amphakamisele ngaphandle kwakhona. Ubhaptizo luyafuneka ukuze ubelilungu lebandla likaYesu Krestu.

Umfanekiso
ubhaptizo

ubhaptizo

Ubomi obungunaphakade

ukuphila noThixo ngokunaphakade

ububingeleli

igunya lokwenza ngegama likaThixo

ubukhoboka

ukungakhululeki, ukusebenza ilanga lonke ukwenzela omnye umntu inzuzo

ubulungisa

Into eyekaThixo. Abantu abanobulingisa ngabo balandela imithetho kaThixo.

ubungqina

umzwa okanye ubungqina ukuba ivangeli yinyani

ubuthulu

ukungakwazi ukuva

ukhapetni

inkokheli yomkhosi

ukholo

ukukholelwa kuYesu Krestu

ukohlwaya

ukubangela okanye ukuvumela izinto ezimbi zenzeke emntwini. Abantu bayohlwaywa rhoqo xa bengamthobeli uThixo.

ukuba

ukuthatha into eyeyomnye umntu

ukukhohlakala

into engeyiyo ekaThixo. Umntu okhohlakeleyo othanda uSathana kwaye akayigcini imithetho kaThixo.

ukumisela

ukunikezela ngamandla negunya lobubingeleli

Umfanekiso
ukumisela

ukumisela

ukungcola

into embi

ukunxila

ukuphulukana nokuziphatha ngenxa yokusela utywala obuninzi

ukuqonda

ukwazi okanye ukuva uluvo

ukuthobela

ukufundiseka nokukhangela ukwenza intando kaThixo

ukutshutshisa

ukutsho izinto ezingeyonyani ngomntu ukuzama ukumonzakalisa

ukuxuluba

ukuphosa amatye emntwini ade afe

ukuzila

ukuhlala ngaphandle kokutya namanzi lo gama ukhangela uncedo lomoya

ukuzimanya

ukuzenza inxalenye neqela

ukwakha

ukwenza into okanye ukwakha into

umbono

uhlobo lwesityhilelo

umfundi

umntu olandela uYesu kwaye ozama ukufana naye

umkhonto

intonga enencam, ebukhali esetyenziselwa ukuhlaba

Umfanekiso
umkhonto

umkhonto

umkhosi

iqela lamajoni azilungiselele ukulwa

ummangaliso

isiganeko esingaqhelekanga esibonisa amandla kaThixo

ummiselo

umsitho ongcwele okanye isenzo esineentsingiselo zomoya, njengo bhaptizo okanye umthendeleko

umnqophiso

isithembiso phakathi koThixo nomntu

Umoya Omkhulu

igama likaThixo kumaLeymenayithi

umprofethi

umntu obizwe nguThixo ukuze axele intando kaThixo ebantwini

umthendeleko

ummiselo ongcwele apho amadoda anobubingeleli asikelela kwaye agqithise isonka namanzi kubanye abantu. Umthendeleko ukhumbuza abantu ngoYesu Krestu.

umthetho

into uThixo ayixelela abantu bakhe ukuba bayenze khon’ ukuze babenokonwaba

umthi wobomi

umthi kwiphupha likaLihayi osingisela uthando lukaThixo

umvangeli

umntu ofundisa abanye ngevangeli kaYesu Krestu

umvukeli-mbuso

ukungathobeli okanye ukwenza okuchasene nemithetho

unqulo

ukuthanda okanye ukulandela umntu okanye into

uvuko

ukubuyisela umntu okanye into kwakhona ebomini

Uxolo

umzwa ozolileyo okanye ixesha elingenazimfazwe

uzaliswa nguMoya oyiNgcwele

ukubano Moya OyiNgcwele uxelela ingqondo okanye intliziyo yomntu into eyiyinyaniso

x

xolela

ukulibala izinto ezimbi umntu othe wazenza kwaye umthande lomntu

Y

Yurim neTumim

izixhobo ezikhethekileyo uThixo azinika abaprofethi ukubanceda baguqulele kwaye nokuba bafumane isityhilelo