Isahluko 33
Abathandi-kumkani baphikisana nabathandi-nkululeko
Wathi wakwala uPhahorani, abantu babanomsindo kwaye bafuna ukumsusa uPhahorani ukuba abe ngumgwebi oyintloko. Babefuna ukuba nekumkani, hayi abagwebi.
Ababebizwa ngokuba ngabathandi-kumkani, babenqwenela ukuba omnye wabo angaba ngukumkani kwaye abe negunya phezu kwabantu.
AmaNifayithi ayefuna ukugcina uPhahorani engumgwebi oyintloko ayebizwa ngokuba ngabathandi-nkululeko. Bona babefuna ukuphila ngokukhululeka kwaye banqule ngokokukhetha kwabo.
Abantu bonyula phakathi kwabathandi-nkululeko kunye nabathandi-kumkani. Uninzi lwabo lonyula abathandi-nkululeko.
Ngaxesha nye, u-Amalikhaya wayeqokelela umkhosi omkhulu wamaLeymenayithi ukuze uhlasele amaNifayithi.
Xa abathandi-kumkani besiva ukuba amaLeymenayithi ayesiza, bavuya kwaye bala ukuncedisa ukukhusela ilizwe labo.
UKhapteni Moronayi wacatshukiswa kukungalwi kwabathandi-kumkani. Wasebenza nzima ukugcina amaNifayithi ekhululekile.
Wacela kumphathi welizwe igunya lokwenza abathandi-kumkani balwe namaLeymenayithi okanye babulawe.
Akuba umphathi welizwe, uPhahorani, enike uMoronayi eli gunya, uMoronayi wawukhokela umkhosi wakhe ukuya kubathandi-kumkani.
Uninzi lwabathandi-kumkani lwabulawa, abanye bafakwa entolongweni. Intsalela yavuma ukuncedisa ekukhuseleni ilizwe layo kumaLeymenayithi.