Scripture Stories
Isahluko 33: Abathandi-kumkani baphikisana nabathandi-nkululeko


Isahluko 33

Abathandi-kumkani baphikisana nabathandi-nkululeko

Umfanekiso
UPhahorani uthetha nabanye

Amanye amaNifayithi ayefuna umgwebi oyintloko, uPhahorani, ukuba atshintshe eminye yemithetho.

Umfanekiso
Abantu banomsindo

Wathi wakwala uPhahorani, abantu babanomsindo kwaye bafuna ukumsusa uPhahorani ukuba abe ngumgwebi oyintloko. Babefuna ukuba nekumkani, hayi abagwebi.

Umfanekiso
Amadoda amabini ayathetha

Ababebizwa ngokuba ngabathandi-kumkani, babenqwenela ukuba omnye wabo angaba ngukumkani kwaye abe negunya phezu kwabantu.

Umfanekiso
Iqela lamadoda liyathandaza

AmaNifayithi ayefuna ukugcina uPhahorani engumgwebi oyintloko ayebizwa ngokuba ngabathandi-nkululeko. Bona babefuna ukuphila ngokukhululeka kwaye banqule ngokokukhetha kwabo.

Umfanekiso
Abantu bafolile elonyulweni

Abantu bonyula phakathi kwabathandi-nkululeko kunye nabathandi-kumkani. Uninzi lwabo lonyula abathandi-nkululeko.

Umfanekiso
UMkhosi wamaLeymenayithi

Ngaxesha nye, u-Amalikhaya wayeqokelela umkhosi omkhulu wamaLeymenayithi ukuze uhlasele amaNifayithi.

Umfanekiso
Abathandi-kumkani

Xa abathandi-kumkani besiva ukuba amaLeymenayithi ayesiza, bavuya kwaye bala ukuncedisa ukukhusela ilizwe labo.

Umfanekiso
UMoronayi ugade abathandi-kumkani

UKhapteni Moronayi wacatshukiswa kukungalwi kwabathandi-kumkani. Wasebenza nzima ukugcina amaNifayithi ekhululekile.

Umfanekiso
UMoronayi uthetha nomphathi welizwe

Wacela kumphathi welizwe igunya lokwenza abathandi-kumkani balwe namaLeymenayithi okanye babulawe.

Umfanekiso
umphathi welizwe uthetha noMoronayi

Akuba umphathi welizwe, uPhahorani, enike uMoronayi eli gunya, uMoronayi wawukhokela umkhosi wakhe ukuya kubathandi-kumkani.

Umfanekiso
AmaNifayithi namaLeymenayithi ayalwa.

Uninzi lwabathandi-kumkani lwabulawa, abanye bafakwa entolongweni. Intsalela yavuma ukuncedisa ekukhuseleni ilizwe layo kumaLeymenayithi.