Scripture Stories
Isahluko 53: UMoronayi neeMfundiso Zakhe


Isahluko 53

UMoronayi neeMfundiso Zakhe

Umfanekiso
UMoronayi ubhala kumacwecwe

Emveni kokuba uMormoni eswelekile, uMoronayi wasala yedwa. Wagqibezela iimbali ezingcwele utata wakhe ayemnike zona.

Umfanekiso
UMoronayi ebona uJoseph Smith

UMoronayi wayesazi ukuba ngenye imini amacwecwe egolide ayeyakukhutshwa ngaphantsi komhlaba.

Umfanekiso
isibini neNcwadi kaMormoni

Amazwi akumacwecwe egolide achaza ngoYesu Krestu. Asinika ubungqina kwaye afundisa abantu ngokuphila ngobulungisa.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ethimba amaNifayithi

AmaLeymenayithi anenkohlakalo abulala onke amaNifayithi awayengamkhanyeli uYesu Krestu.

Umfanekiso
UMoronayi ezimela amaLeymenayithi

UMoronayi wayengasokuze amkhanyele uYesu Krestu. Wayehamba ejikeleza, ezimela amaLeymenayithi.

Umfanekiso
UMoronayi ubhala kumacwecwe egolide

UMoronayi wabhala ngokongezelekileyo kumacwecwe egolide, ebhalela ngakumbi amaLeymenayithi emihla yokugqibela.

Umfanekiso
abafana besikelela umthendeleko

Wabhala izinto ezininzi ezibalulekileyo, eziquka amazwi emithandazo yomthendeleko.

Umfanekiso
indoda iyabhaptizwa

UMoronayi wabhala wathi abantu abanokuthi babhaptizwe ngabo kuphela abazimiseleyo ukuguquka ezonweni zabo baze bakhonze uYesu Krestu.

Umfanekiso
UYesu Krestu

UMoronayi wayefuna wonke umntu akholelwe kuYesu Krestu kwaye azi ngaye. Wathi yonke into elungileyo ivela kuKrestu.

Umfanekiso
UMoronayi ubhala kumacwecwe

UMoronayi wabhala ngelithi ukuba abantu bayamthanda uThixo kwaye bayamlandela, banganako ukugqibelela.

Umfanekiso
Moronayi

UMoronayi wayesazi ukuba emveni kokuba efile uyakuvuswa kwaye aphile noBawo Osemazulwini kunye noYesu Krestu.