Isahluko 40
UMLEYMENAYITHI ONGUSAMUWELI UTHETHA MALUNGA NOYESU KRESTU
USamuweli, umprofethi womLeymenayithi, waya eZarahemla ukuya kushumayela kumaNifayithi akhohlakeleyo. Wawaxelela ukuba aguquke.
AmaNifayithi amphosela ngaphandle kwesixeko uSamuweli , waza waqalisa ukubuyela kwilizwe lakhe.
Kodwa iNkosi yaxelela uSamuweli ukuba abuyele eZarahemla kwaye axelele abantu izinto yona iNkosi eyayiza kuzifaka entliziyweni yakhe.
AmaNifayithi ayengavumi ukuba uSamuweli abuyele kwisixeko, ngoko waqabela phezulu kwedonga lwesixeko ukuze abashumayeze.
Waprofetha ukuba amaNifayithi ayeya kutshatyalaliswa kwiminyaka engama-400 ngaphandle kokuba angaguquka kwaye abe nokholo kuYesu Krestu.
USamuweli waxelela amaNifayithi ukuba uYesu Krestu wayeza kuzalwa kwiminyaka emihlanu kwaye wayeya kusindisa bonke abo bakholelwa kuye.
USamuweli wabaxelela malunga neempawu zokuzalwa kukaYesu. Inkwenkwezi entsha yayiza kuvela, kwaye kubusuku obuphambi kokuzalwa kukaYesu babungazokubakho bumnyama.
Waze uSamuweli wabaxelela ngeempawu zokufa kukaYesu. Kwakuza kubakho iintsuku ezintathu zobumnyama - ilanga, inyanga, neenkwenkwezi zazingazukukhanya.
Kwakuza kubakho iindudumo nokubaneka kunye neenyikima. Iintaba zaziya kudilika, kwaye izixeko ezininzi zaziya kutshatyalaliswa.
Amanye amaNifayithi amkholelwa uSamuweli kwaye aguquka ezonweni zawo. Asuka ayakukhangela uNifayi, umNifayithi onobulungisa owayeza kukwazi ukuwabhaptiza.
Intsalela yamaNifayithi yayingamkholelwa uSamuweli. Yona yamgibisela ngamatye kwaye yamdubula ngeentolo. Kodwa iNkosi yayimkhusele, kwaye akukho nalinye kuloomatye okanye iintolo eyamchanayo.
Bakubona abantu ukuba yena wayenga chaneki, abanye abaninzi ngakumbi bamkholelwa kwaye baya kuNifayi ukuya kubhaptizwa.
UNifayi naye wabafundisa abantu ngoYesu. Wayefuna ukuba bakholelwe kuYesu, baguquke, kwaye babhaptizwe.
Uninzi lwamaNifayithi, lwalungamkholelwa uSamuweli. Azama ukumbamba.
USamuweli watsiba eludongeni waze wabalekela kwilizwe lakhe.
USamuweli waqalisa ukufundisa amaLeymenayithi. Akuzange kuphinde kuviwe ngaye phakathi kwamaNifayithi.