Scripture Stories
Isahluko 40: USamuweli ongumLeymenayithi uthetha malunga noYesu Krestu


Isahluko 40

UMLEYMENAYITHI ONGUSAMUWELI UTHETHA MALUNGA NOYESU KRESTU

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ayahamba

AmaLeymenayithi athobela imithetho kaThixo. Abanobulungisa ukodlula amaNifayithi.

Umfanekiso
USamuweli eshumayela kumaNifayithi

USamuweli, umprofethi womLeymenayithi, waya eZarahemla ukuya kushumayela kumaNifayithi akhohlakeleyo. Wawaxelela ukuba aguquke.

Umfanekiso
USamuweli ubaleka abalindi bamaNifayithi

AmaNifayithi amphosela ngaphandle kwesixeko uSamuweli , waza waqalisa ukubuyela kwilizwe lakhe.

Umfanekiso
USamuweli uyathandaza

Kodwa iNkosi yaxelela uSamuweli ukuba abuyele eZarahemla kwaye axelele abantu izinto yona iNkosi eyayiza kuzifaka entliziyweni yakhe.

Umfanekiso
USamuweli ushumayela eseludongeni

AmaNifayithi ayengavumi ukuba uSamuweli abuyele kwisixeko, ngoko waqabela phezulu kwedonga lwesixeko ukuze abashumayeze.

Umfanekiso
Abantu bamamele kuSamuweli

Waprofetha ukuba amaNifayithi ayeya kutshatyalaliswa kwiminyaka engama-400 ngaphandle kokuba angaguquka kwaye abe nokholo kuYesu Krestu.

Umfanekiso
USamuweli uyathetha

USamuweli waxelela amaNifayithi ukuba uYesu Krestu wayeza kuzalwa kwiminyaka emihlanu kwaye wayeya kusindisa bonke abo bakholelwa kuye.

Umfanekiso
Inkwenkwezi phezulu kweBhetelehem

USamuweli wabaxelela malunga neempawu zokuzalwa kukaYesu. Inkwenkwezi entsha yayiza kuvela, kwaye kubusuku obuphambi kokuzalwa kukaYesu babungazokubakho bumnyama.

Umfanekiso
Amadoda ahleli ebumnyameni

Waze uSamuweli wabaxelela ngeempawu zokufa kukaYesu. Kwakuza kubakho iintsuku ezintathu zobumnyama - ilanga, inyanga, neenkwenkwezi zazingazukukhanya.

Umfanekiso
Umbane ubetha izakhiwo

Kwakuza kubakho iindudumo nokubaneka kunye neenyikima. Iintaba zaziya kudilika, kwaye izixeko ezininzi zaziya kutshatyalaliswa.

Umfanekiso
AmaNifayithi athetha noNifayi

Amanye amaNifayithi amkholelwa uSamuweli kwaye aguquka ezonweni zawo. Asuka ayakukhangela uNifayi, umNifayithi onobulungisa owayeza kukwazi ukuwabhaptiza.

Umfanekiso
Abantu badubula iintolo kuSamuweli

Intsalela yamaNifayithi yayingamkholelwa uSamuweli. Yona yamgibisela ngamatye kwaye yamdubula ngeentolo. Kodwa iNkosi yayimkhusele, kwaye akukho nalinye kuloomatye okanye iintolo eyamchanayo.

Umfanekiso
AmaNifayithi adubula iintolo

Bakubona abantu ukuba yena wayenga chaneki, abanye abaninzi ngakumbi bamkholelwa kwaye baya kuNifayi ukuya kubhaptizwa.

Umfanekiso
UNifayi ubhaptiza indoda

UNifayi naye wabafundisa abantu ngoYesu. Wayefuna ukuba bakholelwe kuYesu, baguquke, kwaye babhaptizwe.

Umfanekiso
Amadoda ekhwela iileli

Uninzi lwamaNifayithi, lwalungamkholelwa uSamuweli. Azama ukumbamba.

Umfanekiso
USamuweli uyatsiba eludongeni

USamuweli watsiba eludongeni waze wabalekela kwilizwe lakhe.

Umfanekiso
USamuweli ufundisa amaLeymenayithi

USamuweli waqalisa ukufundisa amaLeymenayithi. Akuzange kuphinde kuviwe ngaye phakathi kwamaNifayithi.