Isahluko 25
U-Aron Ufundisa Utata kaKumkani uLamonayi
U-Aron waxelela ukumkani ukuba ungumntakwabo Amon. Ukumkani wayecinga ngobubele buka-Amon kwanangento u-Amon awayeyitshilo kuye.
U-Aron wambuza ukumkani ukuba uyakholelwa na kuThixo. Ukumkani wathi wayengaqinisekanga kodwa wathi uyakholelwa ukuba u-Aron wayethe uThixo uyaphila. U-Aron waqinisekisa ukumkani ukuba uThixo uyaphila
U-Aron wafundela ukumkani izibhalo . Wamfundisa ngokudalwa komhlaba, ngokuwa kuka-Adam kwanomsebenzi kaYesu Krestu.
Ukumkani wabuza ukuba kwakufuneke enze ntoni ukuba abenoMoya Oyingcwele kwaye azilungiselele ukuphila noThixo. Ukumkani wayelungele ukwenza nantoni na, nkqu nokunikezela nangobukumkani bakhe.
U-Aron wamxelela ukumkani ukuba kwakufuneka aguquke ngokupheleleyo kwizono zakhe. Kwakufuneka ukuba athandaze kwaye abenokholo kuThixo.
Ukumkani wathandazela ukwazi ukuba ngokwenyani uThixo ukhona. Wathi uzakushiya zonke izono zakhe.
Ukumkani wawa phantsi wabonakala ngokungathi ufile. Yathi yakumbona ikumkanikazi yacinga ukuba u-Aron namaqabane baye bambulala.
Ikumkanikazi yayalela izicaka zayo ukuba zibulale u-Aron namaqabane akhe, kodwa izicaka zoyika ukwenza oko. Wazithuma ukuba ziyokukhangela abanye abantu ababenokukwazi ukwenza oko.
Phambi kokuba isihlwele esikhulu sihlangane kwaye sibange inkathazo, u-Aron wabamba isandla sekumkani wamyalela ukuba apahakame. Ukumkani wema.
Ukumkani wathomalalisa umkayo owoyikayo nezicaka zakhe waze wabafundisa ivangeli. Bonke bakholelwa kuYesu Krestu.