Scripture Stories
Isahluko 25: U-Aron Ufundisa Utata kaKumkani uLamonayi


Isahluko 25

U-Aron Ufundisa Utata kaKumkani uLamonayi

Umfanekiso
U-Aron namaqabane akhe behamba

UMoya waye wakhokelela u-Aron namaqabane akhe kwilizwe likaNifayi ukuya kufundisa uyise kaLamonayi, ukumkani phezu kwawo onke amaLeymenayithi.

Umfanekiso
U-Aron ethetha nekumkani

U-Aron waxelela ukumkani ukuba ungumntakwabo Amon. Ukumkani wayecinga ngobubele buka-Amon kwanangento u-Amon awayeyitshilo kuye.

Umfanekiso
U-Aron ethetha nekumkani

U-Aron wambuza ukumkani ukuba uyakholelwa na kuThixo. Ukumkani wathi wayengaqinisekanga kodwa wathi uyakholelwa ukuba u-Aron wayethe uThixo uyaphila. U-Aron waqinisekisa ukumkani ukuba uThixo uyaphila

Umfanekiso
U-Aron efundela ikumkani izibhalo

U-Aron wafundela ukumkani izibhalo . Wamfundisa ngokudalwa komhlaba, ngokuwa kuka-Adam kwanomsebenzi kaYesu Krestu.

Umfanekiso
ikumkani ithhetha no-Aron

Ukumkani wabuza ukuba kwakufuneke enze ntoni ukuba abenoMoya Oyingcwele kwaye azilungiselele ukuphila noThixo. Ukumkani wayelungele ukwenza nantoni na, nkqu nokunikezela nangobukumkani bakhe.

Umfanekiso
U-Aron ethetha nekumkani

U-Aron wamxelela ukumkani ukuba kwakufuneka aguquke ngokupheleleyo kwizono zakhe. Kwakufuneka ukuba athandaze kwaye abenokholo kuThixo.

Umfanekiso
ikumkani ithandaza

Ukumkani wathandazela ukwazi ukuba ngokwenyani uThixo ukhona. Wathi uzakushiya zonke izono zakhe.

Umfanekiso
ikumkani iphantsi

Ukumkani wawa phantsi wabonakala ngokungathi ufile. Yathi yakumbona ikumkanikazi yacinga ukuba u-Aron namaqabane baye bambulala.

Umfanekiso
ukumkanikazi iyalela izicaka

Ikumkanikazi yayalela izicaka zayo ukuba zibulale u-Aron namaqabane akhe, kodwa izicaka zoyika ukwenza oko. Wazithuma ukuba ziyokukhangela abanye abantu ababenokukwazi ukwenza oko.

Umfanekiso
U-Aron eyalela ikumkani ivuke

Phambi kokuba isihlwele esikhulu sihlangane kwaye sibange inkathazo, u-Aron wabamba isandla sekumkani wamyalela ukuba apahakame. Ukumkani wema.

Umfanekiso
ikumkani ithomalalisa umkayo

Ukumkani wathomalalisa umkayo owoyikayo nezicaka zakhe waze wabafundisa ivangeli. Bonke bakholelwa kuYesu Krestu.