Scripture Stories
Isahluko 17: U-Alma kunye Nabantu Bakhe Bayaqhwesha


Isahluko 17

U-Alma kunye Nabantu Bakhe Bayaqhwesha

Umfanekiso
abantu besebenza emadlelweni

Ngenye imini ngexa abantu baka-Alma babesebenza emadlelweni abo, umkhosi wamaLeymenayithi wanqumla umda wangena ezweni labo.

Umfanekiso
U-Alma ethetha nabantu

AmaNifayithi ayesoyika kwaye abalekela esixekweni elukhuselweni. U-Alma wawaxelela ukuba amkhumbule uThixo kwaye uyakuwanceda. AmaNifayithi aqalisa ukuthandaza.

Umfanekiso
U-Alma ethetha namaLeyimenayithi

INkosi yazithambisa iintliziyo zamaLeymenayithi, kwaye akazange awonzakalise amaNifayithi. AmaLeymenayithi ayelahlekile ngelilixa ayezama ukufumana abantu bakaKumkani uLimhayi.

Umfanekiso
U-Alma ebonisa AmaLeyimenayithi indlela yokugoduka

AmaLeymenayithi athembisa u-Alma ukuba akazoku bahlupha abantu bakhe ukuba angawaxelela ukuba angabuyela njani ezweni lawo. U-Alma wawabonisa indlela.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ekhusele abantu baka-Alma

Kodwa amaLeymenayithi awabanga nakusigcina isithembiso sawo. Abekaabagadi alirhangqa ilizwe, u-Alma nabantu bakhe bebengasakhululekanga.

Umfanekiso
U-Amyulon ethetha nomlindi womLeymenayithi

Ikumkani yamaLeymenayithi yenza u-Amyuloni umlawuli phezu kwabantu baka-Alma. U-Amyuloni waye ngumNifayithi kwaye engumenzi wobubi wababingeleli bakaKumkani uNowa.

Umfanekiso
U-Amyuloni ebukele abantu besebenza

U-Amyuloni wenza abantu baka-Alma basebenze nzima kakhulu. Bathandazela uncedo, kodwa u-Amyuloni wathi nabanina obanjwe ethandaza uyakuthi abulawe. Abantu baqhubekeka bethandaza ezintliziyweni zabo.

Umfanekiso
inkwenkwana iphethe ibhasikethi

UThixo wayiva imithandazo yabo waza wabomeleza abantu ukuze imithwalo yabo ibonakale ilula. Abantu baba nochulumanco nomonde.

Umfanekiso
U-Thixo ethetha no-Alma

UThixo wavuya kuba abantu babenyanisekile. Waxelela u-Alma ukuba uyakuba nceda baqhweshe kumaLeymenayithi.

Umfanekiso
abantu baka-Alma beqhwesha

Ngexesha lasebusuku abantu baqokelela ukutya nemfuyo yabo. Ngentsasa elandelayo uThixo wawagcina amaLeymenayithi elele ngexa u-Alma nabantu bakhe besishiya isixeko.

Umfanekiso
ukumkani uMozaya esamkela u-Alma

Emveni kokuhamba iintsuku ezi -12, abantu bafika eZarahemla, apho uKumkani uMozaya nabantu bakhe babamkelayo.