Isahluko 41
Iimpawu Zokuzalwa kukaKrestu
AmaNifayithi azibona iimpawu ezinkulu abathi abaprofethi zaziza kwenzeka phambi kokuzalwa kukaYesu Krestu.
Kodwa amanye amaNifayithi athi ixesha lokuzalwa kukaYesu lalisele ligqithile. Bona bahlekisa ngabo babesa kholelwa kwiziprofetho zikaSamuweli umLeymenayithi.
Abantu ababekholelwa kuYesu Krestu nakubaprofethi babekhathazekile bakucinga ukuba kungakho into enokwenza iziprofetho zingazaliseki.
Abantu balindela ngokunyaniseka ubusuku obungena bumnyama, obabuluphawu lokuba uYesu Krestu wayeza kuzalwa.
Abo babenga kholelwa kuYesu Krestu bakhetha usuku lokubulala abakholwayo ukuba uphawu lungazalisekanga.
UNifayi wayekhathazekile ngenxa yenkohlakalo yabo babengakholelwa kuMsindisi.
UNifayi wathandaza usuku lonke ngenxa yabantu ababeza kubulawa .
INkosi yamthuthuzela uNifayi kwaye yamxelela ukuba kwakungazokuba mnyama ngobobusuku. UYesu wayeza kuzalwa kusuku olulandelayo eBhetelehem.
Ngobobusuku ilanga latshona, kodwa akuzange kubemnyama. Uphawu lokuzalwa kukaYesu Krestu lwalufikile. Abantu babekhwankqisekile.
Abo babecwangcise ukubulala amakholwa bawa phantsi kwaye bakhangeleka ngokungathi bafile.
Babesoyika ngenxa yokuba babekhohlakele. Babesazi ngoku ukuba uMsindisi wayeza kuzalwa kunye nokuba abaprofethi babenyanisile.
Kwakhanya ubusuku bonke. Lathi ilanga xa liphuma kwintsasa elandelayo, abantu bakwazi ukuba uYesu Krestu wayeza kuzalwa ngolwasuku. Iziprofetho zazizalisekisiwe.
Inkwenkwezi entsha yavela esibhakabhakeni, kanye ngoluhlobo abaprofethi babethe yayizakwenzeka ngalo.
USathana wayesazama ukwenza abantu bangazikholelwa iimpawu ababezibonile, kodwa uninzi lwakholelwa.
UNifayi kunye nezinye iinkokheli zebandla babhaptiza bonke abo babekholelwa kwaye baguquka.
Kwakukho iindaba ezilungileyo elizweni ngenxa yokufezekiswa kwamazwi abaprofethi. UYesu Krestu wayezelwe.