Scripture Stories
Isahluko 41: Iimpawu Zokuzalwa kukaKrestu


Isahluko 41

Iimpawu Zokuzalwa kukaKrestu

Umfanekiso
UNifayi unikezela ngeembali kunyana wakhe

UNifayi, unyana kaHilamani, wazinikezela iimbali ezingcwele kunye nezibhalo kunyana wakhe omdala, uNifayi.

Umfanekiso
Abantu bayathetha

AmaNifayithi azibona iimpawu ezinkulu abathi abaprofethi zaziza kwenzeka phambi kokuzalwa kukaYesu Krestu.

Umfanekiso
Amadoda ancumile

Kodwa amanye amaNifayithi athi ixesha lokuzalwa kukaYesu lalisele ligqithile. Bona bahlekisa ngabo babesa kholelwa kwiziprofetho zikaSamuweli umLeymenayithi.

Umfanekiso
Amadoda amamele indoda endala

Abantu ababekholelwa kuYesu Krestu nakubaprofethi babekhathazekile bakucinga ukuba kungakho into enokwenza iziprofetho zingazaliseki.

Umfanekiso
Usapho lujonge phezulu

Abantu balindela ngokunyaniseka ubusuku obungena bumnyama, obabuluphawu lokuba uYesu Krestu wayeza kuzalwa.

Umfanekiso
Amadoda enza iyelenqe

Abo babenga kholelwa kuYesu Krestu bakhetha usuku lokubulala abakholwayo ukuba uphawu lungazalisekanga.

Umfanekiso
UNifayi

UNifayi wayekhathazekile ngenxa yenkohlakalo yabo babengakholelwa kuMsindisi.

Umfanekiso
UNifayi uyathandaza

UNifayi wathandaza usuku lonke ngenxa yabantu ababeza kubulawa .

Umfanekiso
UNifayi

INkosi yamthuthuzela uNifayi kwaye yamxelela ukuba kwakungazokuba mnyama ngobobusuku. UYesu wayeza kuzalwa kusuku olulandelayo eBhetelehem.

Umfanekiso
Usapho lulindele ukutshona kwelanga

Ngobobusuku ilanga latshona, kodwa akuzange kubemnyama. Uphawu lokuzalwa kukaYesu Krestu lwalufikile. Abantu babekhwankqisekile.

Umfanekiso
Amadoda akhohlakeleyo aphantsi

Abo babecwangcise ukubulala amakholwa bawa phantsi kwaye bakhangeleka ngokungathi bafile.

Umfanekiso
Amadoda amabini

Babesoyika ngenxa yokuba babekhohlakele. Babesazi ngoku ukuba uMsindisi wayeza kuzalwa kunye nokuba abaprofethi babenyanisile.

Umfanekiso
Amajoni ebaleni

Kwakhanya ubusuku bonke. Lathi ilanga xa liphuma kwintsasa elandelayo, abantu bakwazi ukuba uYesu Krestu wayeza kuzalwa ngolwasuku. Iziprofetho zazizalisekisiwe.

Umfanekiso
Amadoda abona inkwenkwezi entsha

Inkwenkwezi entsha yavela esibhakabhakeni, kanye ngoluhlobo abaprofethi babethe yayizakwenzeka ngalo.

Umfanekiso
Umfazi nendoda bajonge phezulu.

USathana wayesazama ukwenza abantu bangazikholelwa iimpawu ababezibonile, kodwa uninzi lwakholelwa.

Umfanekiso
UNifayi ubhaptiza indoda

UNifayi kunye nezinye iinkokheli zebandla babhaptiza bonke abo babekholelwa kwaye baguquka.

Umfanekiso
Abantu edolophini

Kwakukho iindaba ezilungileyo elizweni ngenxa yokufezekiswa kwamazwi abaprofethi. UYesu Krestu wayezelwe.