Scripture Stories
Isahluko 29: U-Alma Ufundisa Ngokholo kwakunye Nangelizwi likaThixo


Isahluko 29

U-Alma Ufundisa Ngokholo kwakunye Nangelizwi likaThixo

Umfanekiso
U-Alma Ufundisa AmaZoramayithi

U-Alma wafundisa amaZoramayithi ngokholo. Wathi abo bantu bathi bacele ukubona uphawu ngaphambi kokuba bakholwe abanalo ukholo.

Umfanekiso
U-Alma eshumayela

U-Alma wathi ukholo kukukholelwa ukuba into iyinyani ngaphandle kokuba uyibone.

Umfanekiso
isandla sityala imbewu

Wacacisa ukuba ukholo luyakhula njengoko umntu efuna ukukholelwa kwaye amamele ilizwi likaThixo. Ilizwi liye lityalwe entliziyweni yomntu, kwaye njenge mbewu liye liqalise ukukhula.

Umfanekiso
isibini sijonge umthi

Njengoko umntu efunda ngakumbi ngevangeli, imbewu iyantshula kwaye iqhubeke ikhula. Ngakho oku umntu uya kukuyazi ukuba imbewu ilungile, kwaye ukholo lwakhe lukhula lusomelela.

Umfanekiso
indoda nenkosikazi besikha isiqhamo

U-Alma wathi njengokuba imbewu elungileyo ivelisa isiqhamo esilungileyo, ilizwi likaThixo lizisa iintsikelelo kubantu abanokholo.