Isahluko 48
UXolo eMelika
Abantu ababeguqukile kwizono zabo babhaptizwa kwaye bafumana uMoya oyiNgcwele.
Kungekudala onke amaNifayithi namaLeymenayithi aguquka. Ayengaxambulisani kwaye wonke umntu wayenyanisekile.
Kwakungekho mntu osisityebi okanye olihlwempu. Abantu babesahlulelana ngento yonke, kwaye bonke babenako konke ababekuswele.
Abafundi benza imimangaliso emininzi ngegama likaYesu Krestu. Baphilisa abagulayo kwaye babuyisela abafileyo ebomini.
Abantu bakha izixeko ezintsha apho ezinye zazitshatyalaliswe khona.
Babethobela imithetho kaThixo. Babezila kwaye bethandaza baze bahlangane rhoqo ukwenzela ukuva ilizwi likaThixo.
Abantu babonwabile.
Kwakungekho baphangi, kungekho maxoki, kungekho babulali. Abantu babe ngasahlulwanga ngokwamaNifayithi kunye namaLeymenayithi kodwa bonke babebanye, abantwana bakaKrestu.
INkosi yayibasikelela abantu kuko konke ababekwenza.
Bahlala ngoxolo iminyaka engama-200. Abantu babezizityebi kakhulu.