Scripture Stories
Isahluko 48: UXolo eMelika


Isahluko 48

UXolo eMelika

Umfanekiso
Abafundi bayafundisa

Emva kokuba uYesu ebuyele ezulwini, abafundi bakhe baseka iBandla lakhe kulo lonke ilizwe.

Umfanekiso
Indoda iyabhaptizwa

Abantu ababeguqukile kwizono zabo babhaptizwa kwaye bafumana uMoya oyiNgcwele.

Umfanekiso
Abantu bonwabile

Kungekudala onke amaNifayithi namaLeymenayithi aguquka. Ayengaxambulisani kwaye wonke umntu wayenyanisekile.

Umfanekiso
Abantu bahleli

Kwakungekho mntu osisityebi okanye olihlwempu. Abantu babesahlulelana ngento yonke, kwaye bonke babenako konke ababekuswele.

Umfanekiso
Indoda iyasikelelwa

Abafundi benza imimangaliso emininzi ngegama likaYesu Krestu. Baphilisa abagulayo kwaye babuyisela abafileyo ebomini.

Umfanekiso
Abantu bayakha

Abantu bakha izixeko ezintsha apho ezinye zazitshatyalaliswe khona.

Umfanekiso
Amadoda ayathetha

Babethobela imithetho kaThixo. Babezila kwaye bethandaza baze bahlangane rhoqo ukwenzela ukuva ilizwi likaThixo.

Umfanekiso
Amakhwenkwe ayadlala

Abantu babonwabile.

Umfanekiso
amadoda ayathetha

Kwakungekho baphangi, kungekho maxoki, kungekho babulali. Abantu babe ngasahlulwanga ngokwamaNifayithi kunye namaLeymenayithi kodwa bonke babebanye, abantwana bakaKrestu.

Umfanekiso
Uyise nonyana

INkosi yayibasikelela abantu kuko konke ababekwenza.

Umfanekiso
Abantu basebenza entsimini

Bahlala ngoxolo iminyaka engama-200. Abantu babezizityebi kakhulu.