Scripture Stories
Isahluko 10: UYakobi noSheremi


Isahluko 10

UYakobi noSheremi

Umfanekiso
UNifayi unika uYakobi amacwecwe

Ngaphambi kokuba uNifayi asweleke waye wanikela amacwecwe awayewabhalile kumninawa wakhe uYakobi. UYakobi wayelungile.

Umfanekiso
UYakobi uyabhala kumacwecwe

UNifayi waxelela uYakobi ukuba kumele abhale izinto ezaziyakunceda abantu ukuba bakholelwe kuYesu Krestu.

Umfanekiso
UNifayi usikelela uYakobi

UNifayi waye wanika uYakobi amandla okuba ngumbingeleli eBandleni nokufundisa amaNifayithi ilizwi likaThixo.

Umfanekiso
UYakobi ufundisa abantu

Emva kokuba uNifayi eswelekile uninzi lwamaNifayithi lwenza ububi. UYakobi wayebafundisa abantu kwaye wabaxelela ukuba baguquke kwizinto ezimbi ababezenza.

Umfanekiso
USheremi uyafundisa

Indoda eyayikhohlakele eyayibizwa ngokuba nguSheremi yaya phakathi kwamaNifayithi, ibafundisa ukuba angakholelwa kuYesu Krestu.

Umfanekiso
USheremi

USheremi waye waxelela abantu ukuba akuyi kubakho Krestu. Abantu abaninzi baye bamkholelwa uSheremi.

Umfanekiso
USheremi uxambulisana noYakobi

UYakobi waye wabafundisa abantu ukuba bakholelwe kuKrestu. USheremi wayefuna ukuxambulisana noYakobi kwaye amphembelele kwelokuba kwakungayi kubakho Krestu.

Umfanekiso
UYakobi noSheremi

Ukholo lukaYakobi kuYesu Krestu lwalungena kugungqiswa. Yena wayethe wabona iingelosi kwaye wayeve nelizwi leNkosi. Wayesazi ukuba uYesu wayeza kuza.

Umfanekiso
UYakobi unika ubungqina kuSheremi

UMoya oyiNgcwele wawunaye uYakobi njengoko wayebelana ngobungqina bakhe bukaYesu Krestu kuSheremi.

Umfanekiso
USheremi ucela umqondiso

USheremi waye wacela ukubona umqondiso. Wayefuna ukubona ukuba uThixo ukhona. Wayefuna ukubona ummangaliso.

Umfanekiso
UYakobi

UYakobi akazange acele uThixo ukuba amnike umqondiso. Wathi uSheremi wayesele esazi ukuba into uYakobi awayeyifundisa yayi yinyaniso.

Umfanekiso
UYakobi noSheremi

UYakobi wathi ukuba uThixo wayenokubetha uSheremi, oko kwakuya kuba ngumqondiso wamandla kaThixo.

Umfanekiso
USheremi uwela phantsi

USheremi waye wawa phantsi ngokukhawuleza. Wayenga kwazi ukuphakama kangangeentsuku ezininzi.

Umfanekiso
USheremi

USheremi wayebuthathaka kwaye wayesazi ukuba wayezakufa. Waye wabiza abantu ndawo nye.

Umfanekiso
USheremi uthetha nabantu

Wabaxelela ukuba wayebaxokisa. Waze wathi kwakumele ukuba bakholelwe kuYesu Krestu.

Umfanekiso
USheremi

Emva kokuba uSheremi egqibile ukuthetha nabantu, waye wasweleka. Abantu baweva amandla kaThixo, baze bawela emhlabeni.

Umfanekiso
UYakobi kunye nabanye abantu

Abantu baye baqalisa ukuguquka kwaye bafunda nezibhalo ezingcwele. Baye bahlala ngoxolo nangothando. UYakobi waye wanovuyo kwaye wayesazi ukuba uThixo wayeyiphendulile imithandazo yakhe.