Isahluko 10
UYakobi noSheremi
UNifayi waxelela uYakobi ukuba kumele abhale izinto ezaziyakunceda abantu ukuba bakholelwe kuYesu Krestu.
UNifayi waye wanika uYakobi amandla okuba ngumbingeleli eBandleni nokufundisa amaNifayithi ilizwi likaThixo.
Emva kokuba uNifayi eswelekile uninzi lwamaNifayithi lwenza ububi. UYakobi wayebafundisa abantu kwaye wabaxelela ukuba baguquke kwizinto ezimbi ababezenza.
Indoda eyayikhohlakele eyayibizwa ngokuba nguSheremi yaya phakathi kwamaNifayithi, ibafundisa ukuba angakholelwa kuYesu Krestu.
USheremi waye waxelela abantu ukuba akuyi kubakho Krestu. Abantu abaninzi baye bamkholelwa uSheremi.
UYakobi waye wabafundisa abantu ukuba bakholelwe kuKrestu. USheremi wayefuna ukuxambulisana noYakobi kwaye amphembelele kwelokuba kwakungayi kubakho Krestu.
Ukholo lukaYakobi kuYesu Krestu lwalungena kugungqiswa. Yena wayethe wabona iingelosi kwaye wayeve nelizwi leNkosi. Wayesazi ukuba uYesu wayeza kuza.
UMoya oyiNgcwele wawunaye uYakobi njengoko wayebelana ngobungqina bakhe bukaYesu Krestu kuSheremi.
USheremi waye wacela ukubona umqondiso. Wayefuna ukubona ukuba uThixo ukhona. Wayefuna ukubona ummangaliso.
UYakobi akazange acele uThixo ukuba amnike umqondiso. Wathi uSheremi wayesele esazi ukuba into uYakobi awayeyifundisa yayi yinyaniso.
UYakobi wathi ukuba uThixo wayenokubetha uSheremi, oko kwakuya kuba ngumqondiso wamandla kaThixo.
USheremi waye wawa phantsi ngokukhawuleza. Wayenga kwazi ukuphakama kangangeentsuku ezininzi.
USheremi wayebuthathaka kwaye wayesazi ukuba wayezakufa. Waye wabiza abantu ndawo nye.
Wabaxelela ukuba wayebaxokisa. Waze wathi kwakumele ukuba bakholelwe kuYesu Krestu.
Emva kokuba uSheremi egqibile ukuthetha nabantu, waye wasweleka. Abantu baweva amandla kaThixo, baze bawela emhlabeni.
Abantu baye baqalisa ukuguquka kwaye bafunda nezibhalo ezingcwele. Baye bahlala ngoxolo nangothando. UYakobi waye wanovuyo kwaye wayesazi ukuba uThixo wayeyiphendulile imithandazo yakhe.