Isahluko 30
U-Alma Ucebisa Oonyana Bakhe
U-Alma waxelela uHilamani, unyana wakhe omdala, ukuba athembele kuThixo. Wamxelela ngengelosi uThixo awathi wayithumela ukuba ixelele u-Alma ukuba ayeke ukutshabalalisa iBandla.
Kangangeentsuku ezintathu u-Alma waye wabakwimbandezelo ngenxa yesazela sakhe. Waza wakhumbula iimfundiso zikayise wakhe ezimalunga noYesu, kwaye wayazi ukuba unokuxolelwa izono zakhe.
U-Alma wathandazela ukuba axolelwe, kwaye waba novuyo endaweni yentlungu emphefumlweni wakhe. Waxolelwa kuba wayenokholo kuYesu Krestu kwaye wayeguqukile.
Ukususela ngoko u-Alma waya wafundisa abanye ivangeli ukuze babenokufumana uvuyo aluvileyo. UThixo wayemsikelele u-Alma ngenxa yokuthembela kwakhe kuThixo.
U-Alma wanika uHilamani amacwecwe angcwele kwaye wamxelela ukuba aqhubeke ukubhala imbali yabantu babo.
U-Alma wamyalela ukuba wayenokugcina imithetho, uThixo wayeyakumsikelela kwaye amncede akhusele amacwecwe.
U-Alma waxelela uHilamani kwakhona ukuba athandaze rhoqo ekuseni nasebusuku kwaye athethe noThixo ngayo yonke into awayeyenza ukwenzela uThixo azokumnceda amkhokele.
U-Alma wayonwabile ngonyana wakhe uShiblani, owayengumvangeli okhaliphileyo kumaZoramayithi. UShiblani wayehleli ethembekile ngelixa babemxulutya ngamatye.
U-Alma wakhumbuza uShiblani ukuba inye indlela qha yokusindiswa ikuYesu Krestu. U-Alma waye wamkhuthaza unyana wakhe ukuba aqhubeke efundisa ivangeli.
Unyana ka-Alma uKoreyantan wayengayigcini imithetho. Wayengenguye umvangeli onyanisekileyo ngelixa wayefundisa amaZoramayithi.
Ngenxa yento uKoreyantan awayethe wayenza, amaZoramayithi akabanga nokuzikholelwa iimfundiso zika-Alma.
U-Alma waxelela uKoreyantan ukuba abantu abanakho ukufihla izono zabo kuThixo kwaye uKoreyantan kwakufuneka aguquke.
U-Alma wafundisa unyana wakhe ukuba wonke umntu uyakuthi avuke kodwa ngamalungisa kuphela ayakuthi aphile noThixo.
Obu bomi lixesha lokuba abantu baguquke baze basebenzele uThixo, watsho u-Alma.
Ekhumbuza uKoreyantan ukuba ubizwe abe ngumvangeli, u-Alma wamxelela ukuba abuyele kumaZoramayithi kwaye afundise abantu ukuba baguquke.
U-Alma noonyana bakhe baqhubeka nokufundisa ivangeli. Bafundisa ngamandla obubingeleli.