Scripture Stories
Isahluko 30: U-Alma Ucebisa Oonyana Bakhe


Isahluko 30

U-Alma Ucebisa Oonyana Bakhe

Umfanekiso
U-Alma uthetha noonyana bakhe

U-Alma wayengonwabanga ngenxa yokungendawo athe amaNifayithi abakubo. Waye wathetha konyana bakhe ngamnye ngokuphila ngobulungisa.

Umfanekiso
ingelosi kunye no-Alma noonyana bakaMozaya

U-Alma waxelela uHilamani, unyana wakhe omdala, ukuba athembele kuThixo. Wamxelela ngengelosi uThixo awathi wayithumela ukuba ixelele u-Alma ukuba ayeke ukutshabalalisa iBandla.

Umfanekiso
U-Alma ebandezeleka ebhedini

Kangangeentsuku ezintathu u-Alma waye wabakwimbandezelo ngenxa yesazela sakhe. Waza wakhumbula iimfundiso zikayise wakhe ezimalunga noYesu, kwaye wayazi ukuba unokuxolelwa izono zakhe.

Umfanekiso
U-Alma

U-Alma wathandazela ukuba axolelwe, kwaye waba novuyo endaweni yentlungu emphefumlweni wakhe. Waxolelwa kuba wayenokholo kuYesu Krestu kwaye wayeguqukile.

Umfanekiso
U-Alma efundisa

Ukususela ngoko u-Alma waya wafundisa abanye ivangeli ukuze babenokufumana uvuyo aluvileyo. UThixo wayemsikelele u-Alma ngenxa yokuthembela kwakhe kuThixo.

Umfanekiso
U-Alma enikezela uHilamani amacwecwe

U-Alma wanika uHilamani amacwecwe angcwele kwaye wamxelela ukuba aqhubeke ukubhala imbali yabantu babo.

Umfanekiso
U-Alma ethetha noHilamani

U-Alma wamyalela ukuba wayenokugcina imithetho, uThixo wayeyakumsikelela kwaye amncede akhusele amacwecwe.

Umfanekiso
U-Alma noHilamani

U-Alma waxelela uHilamani kwakhona ukuba athandaze rhoqo ekuseni nasebusuku kwaye athethe noThixo ngayo yonke into awayeyenza ukwenzela uThixo azokumnceda amkhokele.

Umfanekiso
UShiblani

U-Alma wayonwabile ngonyana wakhe uShiblani, owayengumvangeli okhaliphileyo kumaZoramayithi. UShiblani wayehleli ethembekile ngelixa babemxulutya ngamatye.

Umfanekiso
U-Alma noShiblani

U-Alma wakhumbuza uShiblani ukuba inye indlela qha yokusindiswa ikuYesu Krestu. U-Alma waye wamkhuthaza unyana wakhe ukuba aqhubeke efundisa ivangeli.

Umfanekiso
UKoreyantan

Unyana ka-Alma uKoreyantan wayengayigcini imithetho. Wayengenguye umvangeli onyanisekileyo ngelixa wayefundisa amaZoramayithi.

Umfanekiso
U-Alma

Ngenxa yento uKoreyantan awayethe wayenza, amaZoramayithi akabanga nokuzikholelwa iimfundiso zika-Alma.

Umfanekiso
U-Alma noKoreyantan

U-Alma waxelela uKoreyantan ukuba abantu abanakho ukufihla izono zabo kuThixo kwaye uKoreyantan kwakufuneka aguquke.

Umfanekiso
U-Alma

U-Alma wafundisa unyana wakhe ukuba wonke umntu uyakuthi avuke kodwa ngamalungisa kuphela ayakuthi aphile noThixo.

Umfanekiso
U-Alma noKoreyantan

Obu bomi lixesha lokuba abantu baguquke baze basebenzele uThixo, watsho u-Alma.

Umfanekiso
U-Alma enika uKoreyantan izibhalo

Ekhumbuza uKoreyantan ukuba ubizwe abe ngumvangeli, u-Alma wamxelela ukuba abuyele kumaZoramayithi kwaye afundise abantu ukuba baguquke.

Umfanekiso
U-Alma noonyana bakhe befundisa

U-Alma noonyana bakhe baqhubeka nokufundisa ivangeli. Bafundisa ngamandla obubingeleli.