Scripture Stories
Intshayelelo


Intshayelelo

Kumfundi

La mabali eNcwadi kaMormoni uwabhalelwe ngokukhethekileyo. Amabali athathwe kwincwadi engcwele kuba ivela kuBawo Osezulwini. Njengoko ufunda la mabali, khumbula ukuba amalunga nabantu benene ababephila kwelaseMelika kudala.

Emveni kokuba ufunda amabali kule ncwadi, uya kufuna futhi ukuwafunda kwiNcwadi kaMormoni. Phantsi komfanekiso ngamnye uya kubona apho ungafumana elo bali kwiNcwadi kaMormoni. Cela utata wakho, umama, umfundisi-ntsapho, okanye umhlobo ukuba akuncede.

Ukuba awuyazi intsingiselo yegama, yijonge kwicandelo i- “Amagama Ekumele Uwazi” ngasemva kule ncwadi. Inkcukacha malunga nabantu kunye neendawo ezibandakanywe kwiNcwadi kaMormoni iqukiwe nayo ngasemva encwadini.

Kubazali kunye Nabafundisi-ntsapho

Le ncwadi iya kukunceda ekufundiseni izibhalo ezingcwele. Yabelana ngobungqina bakho beNcwadi kaMormoni, kwaye ukhuthaze abo ubafundisayo ekufuneni ubungqina babo. Ukuqonda kwabo kuya kukhula njengoko ubafundela imiqolo epheleleyo yamabali wabo abawathandayo kwiNcwadi kaMormoni buqu bayo.