Scripture Stories
Isahluko 8: Ukuwela uLwandle


Isahluko 8

Ukuwela uLwandle

Umfanekiso
usapho luyapakisha

INkosi yaxelela uLihayi ukuba athathe usapho lwakhe alungenise kwinqanawe leyo babeyakhile. Bakhwelisa iziqhamo, inyama, nobusi kunye neembewu zokutyala kwilizwe ledinga.

Umfanekiso
inqanawe iyahamba

lmimoya enamandla yaphephetha inqanawe ukusinga kwilizwe ledinga.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli babopha uNifayi

ULeymeni, noLemuweli, kunye nabanye babantu baqalisa ukwenza ububi. Xa uNifayi wayebaxelela ukuba bayeke, baye babanomsindo baze bambophelela ngeentambo.

Umfanekiso
inqanawe kwisaqhwithi

Ngenxa yenkohlakalo yabo, iLiyahona yayeka ukusebenza. Babengazi ukuba bayiqhubele kweliphi icala inqanawe leyo. Inkqwithelo eyoyikekayo yabuyisela emva inqanawe kangangeentsuku ezintathu.

Umfanekiso
ULihayi noSaraya

ULihayi waxelela uLeymeni noLemuweli ukuba bamkhulule uNifayi, kodwa abazange bamamele. ULihayi noSaraya babekhathazekile kangangokuba bade bagula.

Umfanekiso
abantu bayaxambulisana

Inkosikazi kaNifayi nabantwana bakhe bakhala. Bacenga uLeymeni noLemuweli ukuba bakhulule uNifayi, kodwa bala.

Umfanekiso
inqanawe iphantse izike

Ngosuku lwesine inkqwithelo yabandlongo-ndlongo. Inqanawe yaphantse yazika.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli

ULeymeni noLemuweli baye bazi ukuba nguThixo owayeluthumele uqhwithelo. Babesoyika ukuba babezaku tshona elwandle.

Umfanekiso
UNifayi kunye nosapho

Ekugqibeleni uLeymeni noLemuweli baguquka kwaye bamkhulula uNifayi. Nangona izihlahla namaqatha akhe ayedumbile kwaye ebuhlungu zezoontambo, uNifayi wayengazange akhalaze.

Umfanekiso
UNifaye ubamba iLiyahona

UNifayi waze waphakamisa iLiyahona, kwaye yasebenza kwakhona. UNifayi wathandaza, waza umoya wapheza. Ulwandle lwaze lwazola.

Umfanekiso
UNifayi uqhuba inqanawe

UNifayi wayiqhuba inqanawe, yahamba yasingisela kwilizwe ledinga.