Isahluko 8
Ukuwela uLwandle
lmimoya enamandla yaphephetha inqanawe ukusinga kwilizwe ledinga.
ULeymeni, noLemuweli, kunye nabanye babantu baqalisa ukwenza ububi. Xa uNifayi wayebaxelela ukuba bayeke, baye babanomsindo baze bambophelela ngeentambo.
Ngenxa yenkohlakalo yabo, iLiyahona yayeka ukusebenza. Babengazi ukuba bayiqhubele kweliphi icala inqanawe leyo. Inkqwithelo eyoyikekayo yabuyisela emva inqanawe kangangeentsuku ezintathu.
ULihayi waxelela uLeymeni noLemuweli ukuba bamkhulule uNifayi, kodwa abazange bamamele. ULihayi noSaraya babekhathazekile kangangokuba bade bagula.
Inkosikazi kaNifayi nabantwana bakhe bakhala. Bacenga uLeymeni noLemuweli ukuba bakhulule uNifayi, kodwa bala.
Ngosuku lwesine inkqwithelo yabandlongo-ndlongo. Inqanawe yaphantse yazika.
ULeymeni noLemuweli baye bazi ukuba nguThixo owayeluthumele uqhwithelo. Babesoyika ukuba babezaku tshona elwandle.
Ekugqibeleni uLeymeni noLemuweli baguquka kwaye bamkhulula uNifayi. Nangona izihlahla namaqatha akhe ayedumbile kwaye ebuhlungu zezoontambo, uNifayi wayengazange akhalaze.
UNifayi waze waphakamisa iLiyahona, kwaye yasebenza kwakhona. UNifayi wathandaza, waza umoya wapheza. Ulwandle lwaze lwazola.
UNifayi wayiqhuba inqanawe, yahamba yasingisela kwilizwe ledinga.