Scripture Stories
Isahluko 54: Isithembiso seNcwadi kaMormoni


Isahluko 54

Isithembiso seNcwadi kaMormoni

Umfanekiso
UMoronayi ubhala kumacwecwe

Phambi kokuba uMoronayi angcwabe amacwecwe okokugqibela, wabhala isithembiso kumaLeymenayithi nakuye wonke umntu oyakuthi awafunde amacwecwe.

Umfanekiso
umfana omncinci efunda izibhalo ezingcwele

Waxelela abantu ukuba mabazifunde iimbali ezingcwele, bazicingisise ngokwenene, kwaye babuze uBawo Osezulwini ukuba ziyinyani kusini na.

Umfanekiso
umfana omncinci ethandaza

UMoronayi wathembisa ngelithi ukuba abantu banokuthandaza ngokuzithoba, ngokholo kuKrestu, uMoya oyiNgcwele ungabancedisa ukuyazi ukuba amacwecwe ayinyani.

Umfanekiso
UMoronayi ubhala kumacwecwe

UMoronayi wabhala esithi ukuba abantu banokuguquka, balandele uYesu Krestu, kwaye bathande uBawo Osezulwini, banganako ukugqibelela.

Umfanekiso
UMoronayi ufihla amacwecwe egolide

Xa uMoronayi wayegqibile ukubhala kumacwecwe egolide, wawafihla kwibhokisi yelitye kwiNduli yaseKhumora waze wayigquma ibhokisi ngelitye elikhulu. Umsebenzi wakhe wasemhlabeni wawugqityiwe.