Isahluko 46
UYesu Krestu uFundisa Aze Athandaze namaNifayithi
Kusuku olulandelayo uNifayi kunye nabanye abafundi bafundisa iqela elalihlangene. Abafundi baza bathandazela ukuba babenokufumana uMoya oyiNgcwele.
UNifayi wangena emanzini kwaye wabhaptizwa. Waza wabhaptiza abanye abafundi.
Emva kokuba bebhaptiziwe, abafundi bafumana uMoya oyiNgcwele. Umlilo wakhangeleka ubarhangqile, kwaye zehla iingelosi zisuka ezulwini zabafundisa.
Ngethuba iingelosi zazikunye nabafundi, uYesu weza waza wema phakathi kwabo.
UKrestu waxelela onke amaNifayithi ukuba aguqe phantsi. Waxelela abafundi bakhe ukuba bathandaze.
Ngethuba bethandaza, uYesu wahamba umganyana ukusuka ebantwini kwaye waguqa phantsi waza wathandaza kuBawo oseZulwini.
UYesu wabulela uBawo oseZulwini ngokunika abafundi bakhe uMoya oyiNgcwele. Waza wacela uMoya oyiNgcwele ukuba unikwe nabani na okholelwayo kumazwi wabafundi.
UYesu wasikelela abafundi bakhe ngethuba bethandaza. Wabancumela, baza bona babamhlophe okobuso bakhe kwanesinxibo sakhe.
UYesu wabathandazela kwakhona abafundi bakhe. Wayevuyiswa lukholo lwabo olukhulu.
UYesu waxelela abantu ukuba bayeke ukuthandaza kodwa bahlale bethandaze ezintliziyweni zabo. Waza wabanika umthendeleko.
Kwakungekho mntu owayeze nesonka okanye iwayini, kodwa uMsindisi wayenza ngendlela engummangaliso.
UYesu Krestu waxelela amaNifayithi ukuba ivangeli yayiza kubuyiselwa emhlabeni ngemihla yokugqibela.
Wabaxelela ukuba bafunde izibhalo, kwaye wenza uNifayi ukuba abhale kwiimbali ukufezekiswa kwazo zonke iziprofetho zikaSamuweli umLeymenayithi.
Waza uYesu wafundisa abantu okuphuma kwizibhalo. Wabaxelela ukuba bafundisane izinto awabafundisa zona.
UYesu wahamba wabuyela phezulu ezulwini, baza abafundi bakhe bafundisa abanye. Abo bakholelwayo babhaptizwa kwaye bafumana uMoya oyiNgcwele.
AmaNifayithi aqalisa ukuthobela yonke imithetho.