Scripture Stories
Isahluko 46: UYesu Krestu uFundisa Aze Athandaze namaNifayithi


Isahluko 46

UYesu Krestu uFundisa Aze Athandaze namaNifayithi

Umfanekiso
Abantu bayahamba ebusuku

AmaNifayithi abona uYesu Krestu exelela abahlobo bawo ukuba yena wayeza kubuya ngosuku olulandelayo. Abantu abaninzi basebenza kanzima kakhulu ukuze bafike apho uYesu wayeza kuba khona.

Umfanekiso
Abantu bayathandaza

Kusuku olulandelayo uNifayi kunye nabanye abafundi bafundisa iqela elalihlangene. Abafundi baza bathandazela ukuba babenokufumana uMoya oyiNgcwele.

Umfanekiso
Abafundi bayabhaptizwa

UNifayi wangena emanzini kwaye wabhaptizwa. Waza wabhaptiza abanye abafundi.

Umfanekiso
Iingelosi ziyeza zisuka ezulwini

Emva kokuba bebhaptiziwe, abafundi bafumana uMoya oyiNgcwele. Umlilo wakhangeleka ubarhangqile, kwaye zehla iingelosi zisuka ezulwini zabafundisa.

Umfanekiso
UYesu kunye neengelosi

Ngethuba iingelosi zazikunye nabafundi, uYesu weza waza wema phakathi kwabo.

Umfanekiso
AmaNifayithi ayathandaza

UKrestu waxelela onke amaNifayithi ukuba aguqe phantsi. Waxelela abafundi bakhe ukuba bathandaze.

Umfanekiso
UYesu uyathandaza

Ngethuba bethandaza, uYesu wahamba umganyana ukusuka ebantwini kwaye waguqa phantsi waza wathandaza kuBawo oseZulwini.

Umfanekiso
UYesu uyathandaza

UYesu wabulela uBawo oseZulwini ngokunika abafundi bakhe uMoya oyiNgcwele. Waza wacela uMoya oyiNgcwele ukuba unikwe nabani na okholelwayo kumazwi wabafundi.

Umfanekiso
UYesu usikelela abafundi

UYesu wasikelela abafundi bakhe ngethuba bethandaza. Wabancumela, baza bona babamhlophe okobuso bakhe kwanesinxibo sakhe.

Umfanekiso
UYesu uthandaza nabafundi

UYesu wabathandazela kwakhona abafundi bakhe. Wayevuyiswa lukholo lwabo olukhulu.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabantu

UYesu waxelela abantu ukuba bayeke ukuthandaza kodwa bahlale bethandaze ezintliziyweni zabo. Waza wabanika umthendeleko.

Umfanekiso
UYesu usikelela isonka

Kwakungekho mntu owayeze nesonka okanye iwayini, kodwa uMsindisi wayenza ngendlela engummangaliso.

Umfanekiso
UJoseph Smith ubambe izibhalo

UYesu Krestu waxelela amaNifayithi ukuba ivangeli yayiza kubuyiselwa emhlabeni ngemihla yokugqibela.

Umfanekiso
UKrestu uthetha noNifayi

Wabaxelela ukuba bafunde izibhalo, kwaye wenza uNifayi ukuba abhale kwiimbali ukufezekiswa kwazo zonke iziprofetho zikaSamuweli umLeymenayithi.

Umfanekiso
UYesu ufundisa ngokuphuma kwizibhalo

Waza uYesu wafundisa abantu okuphuma kwizibhalo. Wabaxelela ukuba bafundisane izinto awabafundisa zona.

Umfanekiso
UNifayi uyabhaptiza

UYesu wahamba wabuyela phezulu ezulwini, baza abafundi bakhe bafundisa abanye. Abo bakholelwayo babhaptizwa kwaye bafumana uMoya oyiNgcwele.

Umfanekiso
AmaNifayithi aphethe amathanga

AmaNifayithi aqalisa ukuthobela yonke imithetho.