Scripture Stories
Isahluko 16: UKumkani uLimhayi kunye Nabantu Bakhe Bayaqhwesha


Isahluko 16

UKumkani uLimhayi kunye Nabantu Bakhe Bayaqhwesha

Umfanekiso
AmaLeyimenathi ejonge abantu emadlelweni

AmaLeymenayithi athimba uninzi lwamaNifayithi olwalungaqhweshanga noKumkani uNowa. AmaLeymenayithi abathatha aze abanika umhlaba kodwa abenza ukuba ahlawule iirhafu ezinzima.

Umfanekiso
UKumkani uLimhayi

AmaNifayithi amenza uLimhayi ikumkani yawo entsha. ULimhayi wayengunyana kaKumkani uNowa, kodwa wayengengo menzi wobubi njengoyise wakhe. Wayeyi ndoda elungileyo.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi esohlwaya AmaNifayithi

UKumkani uLimhayi wazama ukwenza uxolo kunye namaLeymenayithi, kodwa aqhubeka nokukhusela amaNifayithi kwaye ayewakhohlakalele.

Umfanekiso
AmaNifayithi ebanjwa

Ngolunye usuku uKumkani uLimhayi wabona abantu ababengaqhelekanga ngaphandle kwesixeko. Wenza ukuba bafakwe entolongweni. Ababantu babengaqhelekanga yayingamaNifayithi asuka eZarahemla.

Umfanekiso
U-Amon ethetha noLimhayi

Inkokheli yabo yayibizwa ngokuba ngu-Amon. UKumkani uLimhayi wavuya akumbona. Wayesazi ukuba u-Amon wayezakukwazi ukunceda abantu bakhe baqhweshe kumaLeymenayithi.

Umfanekiso
UKumkani uLimhayi ethetha nabantu bakhe

UKumkani uLimhayi wabiza abantu bakhe ndawonye. Wabakhumbuza ukuba ubungendawo babo yayisisizathu sokubanjwa ngamaLeymenayithi.

Umfanekiso
ULimhayi ethetha

Waxelela abantu bakhe ukuba baguquke, bathembele kuThixo, kwaye bathobele imithetho. Andule uThixo ukwazi ukubanceda baqhweshe.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi ethetha

AmaNifayithi afunda ukuba amaLeymenayithi ayegade isixeko aqhele ukunxila ngobusuku.

Umfanekiso
AmaNifayithi ethatha iwayini eyisa kubalindi

Ngobabusuku uKumkani uLimhayi wathumela engakumbi iwayini kubagadi njengesipho.

Umfanekiso
ULimhayi nabantu bakhe beqhwesha

UKumkani uLimhayi kunye nabantu bakhe bakwazi ukuhamba badlula kubagadi abanxilileyo kwaye baqhwesha.

Umfanekiso
abantu besamkelwa eZarahemla

U-Amon wakhokelela uKumkani uLimhayi kunye nabantu bakhe entlango ukuya eZarahemla, apho bamkeleka khona.