Isahluko 16
UKumkani uLimhayi kunye Nabantu Bakhe Bayaqhwesha
AmaNifayithi amenza uLimhayi ikumkani yawo entsha. ULimhayi wayengunyana kaKumkani uNowa, kodwa wayengengo menzi wobubi njengoyise wakhe. Wayeyi ndoda elungileyo.
UKumkani uLimhayi wazama ukwenza uxolo kunye namaLeymenayithi, kodwa aqhubeka nokukhusela amaNifayithi kwaye ayewakhohlakalele.
Ngolunye usuku uKumkani uLimhayi wabona abantu ababengaqhelekanga ngaphandle kwesixeko. Wenza ukuba bafakwe entolongweni. Ababantu babengaqhelekanga yayingamaNifayithi asuka eZarahemla.
Inkokheli yabo yayibizwa ngokuba ngu-Amon. UKumkani uLimhayi wavuya akumbona. Wayesazi ukuba u-Amon wayezakukwazi ukunceda abantu bakhe baqhweshe kumaLeymenayithi.
UKumkani uLimhayi wabiza abantu bakhe ndawonye. Wabakhumbuza ukuba ubungendawo babo yayisisizathu sokubanjwa ngamaLeymenayithi.
Waxelela abantu bakhe ukuba baguquke, bathembele kuThixo, kwaye bathobele imithetho. Andule uThixo ukwazi ukubanceda baqhweshe.
AmaNifayithi afunda ukuba amaLeymenayithi ayegade isixeko aqhele ukunxila ngobusuku.
Ngobabusuku uKumkani uLimhayi wathumela engakumbi iwayini kubagadi njengesipho.
UKumkani uLimhayi kunye nabantu bakhe bakwazi ukuhamba badlula kubagadi abanxilileyo kwaye baqhwesha.
U-Amon wakhokelela uKumkani uLimhayi kunye nabantu bakhe entlango ukuya eZarahemla, apho bamkeleka khona.