Scripture Stories
Isahluko 49: UMormoni neeMfundiso Zakhe


Isahluko 49

UMormoni neeMfundiso Zakhe

Umfanekiso
amaqela amabini amadoda

Kwiminyaka emininzi emveni kokuba uYesu Krestu wayetyelele amaNifayithi, iqelana labantu lalishiya ibandla lazibiza amaLeymenayithi.

Umfanekiso
iqela liyathetha

Ekugqibeleni phantse bonke abantu baba ngaboni, amaNifayithi namaLeymenayithi.

Umfanekiso
U-Amaroni efihla iimbali ezingcwele

Indoda enobulungisa, u-Amaroni, waye neembali ezingcwele. UMoya Oyingcwele wamxelela ukuba makazifihle ukuze zikhuseleke.

Umfanekiso
U-Amaroni uthetha noMormoni omncinci.

U-Amaroni waxelela uMormoni, inkwenkwe eneminyaka elishumi, ukuba iimbali ezingcwele zazifihlwe phi. U-Amaroni wayeyazi ukuba angamthemba uMormon.

Umfanekiso
U-Amaroni noMormoni

Xa enama-24, uMormon wayemele ukuba ayokuthabatha amacwecwe kaNifayi aze abhale kuwo ngabantu bakhe.

Umfanekiso
AmaNifayithi namaLeymenayithi esilwa

Xa uMormoni wayeneminyaka eli-11, kwaqala imfazwe phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi. AmaNifayithi aphumelela kwakho uxolo kwakhona.

Umfanekiso
Abantu abaselayo

Kodwa amaNifayithi ayesona yade iNkosi yathatha abafundi bayo abathathu, kwaze kwaphela imimangaliso nokuphilisa. UMoya Oyingcwele waze wayeka ukukhokela abantu.

Umfanekiso
Mormoni

Xa uMormoni wayene-15, watyelelwa nguYesu Krestu. UMormoni wafunda okuninzi ngoMsindisi nokulunga kwakhe.

Umfanekiso
UMormoni ebukele amadoda amabini

UMormoni wayefuna ukushumayela ebantwini, kodwa uYesu akazange ayivume loo nto ngoba abantu babekhohlakele kakhulu. Iintliziyo zabo zazichasene noThixo.

Umfanekiso
UMormoni njengenkokheli yomkhosi

Kungekudala yaqala enye imfazwe. UMormoni wayemkhulu kwaye omelele, kwaye amaNifayithi akhetha yena ukuba makakhokele umkhosi wawo.

Umfanekiso
UMormoni ethetha nomkhosi

AmaNifayithi alwa namaLeymenayithi iminyaka emininzi. UMormoni wazama ukukhuthaza abantu bakhe ukuba balwele iintsapho namakhaya abo.

Umfanekiso
idabi

AmaNifayithi ayekhohlakele kangangokuba iNkosi yayingabancedisi.

Umfanekiso
UMormoni ethetha namadoda

UMormoni waxelela amaNifayithi ayezakusinda kuphela xa ayenokuguquka kwaye abhaptizwe. Kodwa abantu abavuma.

Umfanekiso
UMormoni ejonge umkhosi

Baqhayisa ngamandla abo, besithi bangawabulala onke amaLeymenayithi. Ngenxa yenkohlakalo yamaNifayithi, uMormon wala ukuwakhokela.

Umfanekiso
UMormoni eme nomkhosi

AmaLeymenayithi aqalisa ukoyisa amaNifayithi kuyo yonke imilo. UMormoni wenza isigqibo sokukhokela umkhosi wamaNifayithi kwakhona.

Umfanekiso
UMormoni uhleli

Wayeyazi ukuba amaNifayithi akhohlakeleyo akasoze ayiphumelele imfazwe. Akazange aguquke okanye athandazele uncedo awayeluswele.

Umfanekiso
UMormoni etyhila amacwecwe

UMormoni wawathatha onke amacwecwe kwinduli apho u-Amaroni wayewafihle khona waze wabhalela abantu ababezakuthi ngenye imini bazifunde ezi mbali.

Umfanekiso
UMormoni neembali ezingcwele

Wayefuna wonke umntu, kuquka namaYuda, ukuba azi ngoYesu Krestu, aguquke kwaye abhaptizwe, kwaye aphile ivangeli kwaye asikelelwe.

Umfanekiso
UMormoni ubhala kwiimbali ezingcwele

UMoya Oyingcwele waphembelela uMormoni ukuba afake amacwecwe amancini kaNifayi, awayequlathe iziprofetho malunga nokuza kukaKrestu, kunye namacwecwe kaMormoni.

Umfanekiso
Umkhosi kaMormoni

UMormoni wawakhokela amaNifayithi ukuya kumhlaba waseKhumora, apho azilungiselela ukulwa namaLeymenayithi kwakhona.

Umfanekiso
Mormoni ebambe amacwecwe

UMormoni wayesaluphala. Wayeyazi ukuba le yayiyimfazwe yokugqibela. Wayengafuni ukuba amaLeymenayithi azifumane iimbali ezingcwele azitshabalalise.

Umfanekiso
UMormoni unika uMoronayi amacwecwe

Wanikeza ngamacwecwe kaMormoni kunyana wakhe, uMoronayi, wafihla amanye amacwecwe kwinduli yaseKhumora.

Umfanekiso
AmaNifayithi esifa

AmaLeymenayithi ahlasela kwaye abalula onke amaNifayithi ngaphandle kwangama-24. UMormoni wayenzakele.

Umfanekiso
UMormoni owonzakeleyo

UMormoni wayekhathazekile ngenxa yokuba amaNifayithi amaninzi ayeswelekile, kodwa wayeyazi ukuba ayeswelekile ngenxa yokwala uYesu.

Umfanekiso
UYesu Krestu

UMormoni wayezamile ukufundisa amaNifayithi inyaniso. Wayewaxelele ukuba kubaluleke kangakanani na ukuba nokholo kuYesu Krestu.

Umfanekiso
UMormoni efundisa

Wayezamile ukubafundisa ukuba babenethemba ngenxa yeNtlawulelo kaYesu Krestu babe nothando lokwenene, olo iluthando olumsulwa lukaKrestu.

Umfanekiso
UMormoni ebhala iincwadi

Kwaye uMormoni wayebhale iincwadi eziya kunyana wakhe, uMoronayi, owayefundise amaNifayithi ivangeli.

Umfanekiso
UMoronayi efunda incwadi

UMormoni wabhala ngenkohlakalo egqithiseleyo yamaNifayithi. Waxelela uMoronayi ukuba ahlale ethembekile kuYesu Krestu.

Umfanekiso
UMormoni ubulewe

AmaLeymenayithi ambulala uMormoni kunye nawo onke amaNifayithi ngaphandle koMoronayi, owagqibezela iimbali.