Scripture Stories
Isahluko 43: UYesu Krestu Uzibonakalisa kumaNifayithi


Isahluko 43

UYesu Krestu Uzibonakalisa kumaNifayithi

Umfanekiso
AmaNifayithi ayaqokelelana

AmaNifayithi amaninzi ayeqokelelene etempileni eseNdyebo. Wona ayemangalisiwe lutshintsho olukhulu elizweni.

Umfanekiso
Abantu bayathetha

Abantu babethetha malunga noYesu Krestu kunye nophawu lokufa kwakhe.

Umfanekiso
Abantu beva elizwi elizolileyo

Bathi besathetha, beva ilizwi elizolileyo elisuka ezulwini. Lenza iintliziyo zabo zitshise.

Umfanekiso
Indoda ibambe umfazi

Ekuqaleni babengaliqondi ilizwi, kodwa emveni kwesihlandlo sesithathu, baliqonda.

Umfanekiso
Abantu bamamele

Ilizwi lalilelika Bawo oseZulwini. Lalisazisa uYesu Krestu laxelela abantu ukuba bammamele.

Umfanekiso
UYesu phakathi kwabantu

UYesu Krestu wabonakala esihla esuka ezulwini waza wema phakathi kwabantu. Babesoyika ukuthetha ngenxa yokuba babengaqondi ukuba kwakusenzeka ntoni. Babecinga ukuba uYesu wayeyingelosi.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabantu

Yena wabaxelela ukuba unguYesu Krestu, lo abaprofethi babethe uyakuza.

Umfanekiso
UYesu nabantu

UYesu waxelela abantu ukuba beze kuye ukuze bave amanxeba ecaleni lakhe, ezandleni zakhe kunye nasezinyaweni, apho wayebethelelwe khona emnqamlezweni.

Umfanekiso
UYesu uhleli nabantwana

UYesu wayefuna abantu bamazi ukuba wayenguThixo wabo kwaye yena wayefele izono zabo.

Umfanekiso
UKrestu namaNifayithi

Ngamnye ngamnye abantu beva amanxeba ecaleni likaYesu, ezandleni, nasezinyaweni. Abantu babesazi ukuba wayenguMsindisi.

Umfanekiso
Abantu banqula uYesu

Baza abantu badumisa uYesu kwaye bawa ezinyaweni zakhe kwaye bamnqula.

Umfanekiso
UYesu unika amadoda ububingeleli

UYesu wabizela kuye uNifayi kunye ne-11 lamanye amadoda. Wabanika amandla obubingeleli kwaye wabafundisa indlela elungileyo yokubhaptiza.

Umfanekiso
UYesu ufundisa abantu

Wawaxelela amaNifayithi ukuba akholelwe kuye, aguquke, kwaye agcine imithetho. Ukuba ayengenzi oko, wona ayengenako ukungena kubukumkani bakhe.

Umfanekiso
UYesu ufundisa abantu

Wafundisa amaNifayithi ukuba kuthandazwa njani kuBawo oseZulwini. Wabafundisa ngokuzila waza wathi babeza kuxolelwa ukuba babexolelana.

Umfanekiso
UYesu ufundisa abantu

Emva kokufundisa abantu izinto ezininzi, uYesu wabaxelela ukuba bagoduke kwaye bayokucinga baze bathandaze malunga nento awayeyithethile.

Umfanekiso
AmaNifayithi ayalila

AmaNifayithi aqalisa ukulila. Ayengafuni ukuba uYesu ahambe.

Umfanekiso
UYesu ufundisa abantu

UYesu wayewathanda amaNifayithi. Wawaxelela ukuba azise abantu ababegula okanye ababonzakele khon’ ukuze abaphilise.

Umfanekiso
UYesu uphilisa umntwana

UYesu wabanyanga aba bantu. Umntu wonke waguqa phantsi kuye kwaye wamnqula.