Isahluko 43
UYesu Krestu Uzibonakalisa kumaNifayithi
Abantu babethetha malunga noYesu Krestu kunye nophawu lokufa kwakhe.
Bathi besathetha, beva ilizwi elizolileyo elisuka ezulwini. Lenza iintliziyo zabo zitshise.
Ekuqaleni babengaliqondi ilizwi, kodwa emveni kwesihlandlo sesithathu, baliqonda.
Ilizwi lalilelika Bawo oseZulwini. Lalisazisa uYesu Krestu laxelela abantu ukuba bammamele.
UYesu Krestu wabonakala esihla esuka ezulwini waza wema phakathi kwabantu. Babesoyika ukuthetha ngenxa yokuba babengaqondi ukuba kwakusenzeka ntoni. Babecinga ukuba uYesu wayeyingelosi.
Yena wabaxelela ukuba unguYesu Krestu, lo abaprofethi babethe uyakuza.
UYesu waxelela abantu ukuba beze kuye ukuze bave amanxeba ecaleni lakhe, ezandleni zakhe kunye nasezinyaweni, apho wayebethelelwe khona emnqamlezweni.
UYesu wayefuna abantu bamazi ukuba wayenguThixo wabo kwaye yena wayefele izono zabo.
Ngamnye ngamnye abantu beva amanxeba ecaleni likaYesu, ezandleni, nasezinyaweni. Abantu babesazi ukuba wayenguMsindisi.
Baza abantu badumisa uYesu kwaye bawa ezinyaweni zakhe kwaye bamnqula.
UYesu wabizela kuye uNifayi kunye ne-11 lamanye amadoda. Wabanika amandla obubingeleli kwaye wabafundisa indlela elungileyo yokubhaptiza.
Wawaxelela amaNifayithi ukuba akholelwe kuye, aguquke, kwaye agcine imithetho. Ukuba ayengenzi oko, wona ayengenako ukungena kubukumkani bakhe.
Wafundisa amaNifayithi ukuba kuthandazwa njani kuBawo oseZulwini. Wabafundisa ngokuzila waza wathi babeza kuxolelwa ukuba babexolelana.
Emva kokufundisa abantu izinto ezininzi, uYesu wabaxelela ukuba bagoduke kwaye bayokucinga baze bathandaze malunga nento awayeyithethile.
AmaNifayithi aqalisa ukulila. Ayengafuni ukuba uYesu ahambe.
UYesu wayewathanda amaNifayithi. Wawaxelela ukuba azise abantu ababegula okanye ababonzakele khon’ ukuze abaphilise.
UYesu wabanyanga aba bantu. Umntu wonke waguqa phantsi kuye kwaye wamnqula.