Izibhalo
3 Nifayi 11


UYesu Krestu waye wazibonakalisa kubo abantu bakaNifayi, njengokuba isihlwele sasihlanganisene kunye kulo ilizwe iNdyebo, kwaye waye wafundisa kuso; kwaye ngale ndlela waye wazibonakalisa kuso.

Iquka izahluko 11 ukuya ku 26.

Isahluko 11

UBawo ungqina ngoNyana Wakhe oyiNtanda—UKrestu uyabonakala kwaye avakalise ngeNtlawulelo Yakhe—Abantu beva iimpawu zamanxeba ezandleni Zakhe neenyawo necala—Badanduluka Hosana—Ubeka phambili indlela nohlobo lobhaptizo—Umoya wembambano ungowomtyholi—Imfundiso kaKrestu yeyokuba abantu bamele bakholwe kwaye babhaptizwe kwaye bamkele uMoya oyiNgcwele. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba kubekho isihlwele esikhulu sihlanganisane kunye, sabantu bakaNifayi, macala onke etempile eyaye ikulo ilizwe iNdyebo; kwaye babemangele kwaye bemangalisiwe omnye nomnye, kwaye bebonisana omnye nomnye autshintso olukhulu nolumangalisayo olwenzekileyo.

2 Kwaye babencokola kanjalo ngalo Yesu Krestu, ekwakunikwe aumqondiso ngaye malunga nokufa kwakhe.

3 Kwaye kwenzekile okokuba ngeli lixa babencokola njalo omnye nomnye, beva aizwi ngokungathi laliphuma emazulwini; baza baphosa amehlo abo macala onke, kuba babengaliqondi izwi elo ababeliva; kwaye yayingelozwi lirhabaxa, ingelilo nezwi elikhulu; nangona kunjalo, laye bililizwi elincinane elaye labahlaba abo baye baliva embindini, kangangokuba kwakungekho lungu lomzimba wabo elalingazange lingenzeki ukuba lingcangcazele; ewe, laye labahlaba kanye emphefumlweni, kwaye laye lazibangela iintliziyo zabo ukuba zitshise.

4 Kwaye kwenzekile okokuba kwakhona baliva izwi, baza abaliqonda.

5 Kwaye kwakhona ilixa lesithathu baye baliva izwi, kwaye baye bazivula iindlebe zabo ukuba balive; kwaye amehlo abo ayejolise ngakuso isandi salo; kwaye baye bakhangela ngokuthe ntshongasezulwini, apho isandi sasivela ngakhona.

6 Kwaye qaphelani, okwesithathu baye baliqonda izwi abalivayo; laza lathi kubo:

7 Mboneni auNyana wam oyiNtanda, bendikholiweyo nguye, endilizukisileyo ngaye igama lam—mveni yena.

8 Kwaye kwenzekile, bakube beliqonda bawaphosa amehlo abo phezulu kwakhona ngasezulwini; kwaye qaphelani, ababona iNdoda isehla iphuma ezulwini; kwaye yayinxibe isambatho esimhlophe; yaze yehlela ezantsi yaza yema embindini wabo; aza amehlo aso sonke isihlwele aguqukela kuyo, kwaye babengekhe balinge ukuyivula imilomo yabo, kwanomnye komnye, kwaye bengazi ukuba yayithetha ntoni na, kuba babecinga ukuba yayiyingelosi leyo yayibonakala kubo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba yasolula isandla sayo yaza yabhekisa kubo abantu, isithi:

10 Qaphelani, Mna ndinguYesu Krestu, lowo abaprofeti bangqinayo uya kuza ehlabathini.

11 Kwaye qaphelani, mna andikukukhanya nobomi behlabathi; kwaye ndisele kuloo bndebe ikrakra awathi uBawo wandinika yona, kwaye ndamzukisa uBawo cngokuthabathela kum izono zehlabathi, endithe ngayo ndathobela dintando kaBawo kuzo zonke izinto ukususela ekuqalekeni.

12 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi isihlwele sonke siphela sawela emhlabeni; kuba sakhumbula okokuba akwakuprofethiwe phakathi kwaso okokuba uKrestu kumele azibonakalise kubo emva kokunyukela kwakhe ezulwini.

13 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathetha kubo isithi:

14 Phakamani nize nisondele kum, ukuze nibe anokufaka izandla zenu ecaleni lam, kananjalo nokuba nibe bnokuweva amanxeba ezikhonkwane ezandleni zam kwaye nasezinyaweni zam, ukuze nazi okokuba mna cndinguThixo kaSirayeli, noThixo wawo wonke dumhlaba, kwaye ndabulawa ngenxa yezono zehlabathi.

15 Kwaye kwenzekile okokuba isihlwele sabheka phambili, saza sazifaka izandla zaso ecaleni lakhe, baza baweva amanxeba ezikhonkwane ezandleni zakhe nasezinyaweni zakhe; kwaye oku baye bakwenza, bebheka phambili ngabanye ngabanye bade bonke babe babheke phambili, kwaye baye babona ngamehlo abo kwaye baye beva ngezandla zabo, kwaye bazi ngokuqinisekileyo kwaye baye banika ubungqina, bokokuba ayayinguye, lowo kwakubhaliwe ngaye ngabaprofeti, oya kuza.

16 Kwaye bakuba bonke bebheke phambili kwaye bezingqinele ngokwabo, baye badanduluka ngamxhelo mnye, besithi:

17 Hosana! Malibongwe igama loThixo oseNyangweni! Kwaye baye bawela phantsi ezinyaweni zikaYesu, kwaye baye abamnqula.

18 Kwaye kwenzekile okokuba wabhekisa akuNifayi (kuba uNifayi wayephakathi kwesihlwele) waza wamyalela okokuba makeze ngaphambili.

19 Waza uNifayi waphakama waza wabheka phambili, waza waqubuda phambi kwayo iNkosi kwaye waye wazanga iinyawo zayo.

20 Yaza iNkosi yamyalela okokuba makaphakame. Waza waphakama waza wema phambi kwayo.

21 Yaza iNkosi yathi kuye: Ndikunika aigunya lokokuba uya bkubabhaptiza aba bantu xa ndiya kube kwakhona ndinyukele ezulwini.

22 Yaza kwakhona iNkosi yabiza aabanye, yaza yathetha kubo ngokunjalo; yaza yabanika igunya lokubhaptiza. Kwaye yathi kubo: Ngolu hlobo niya kubhaptiza; kwaye bakuyi kubakho zimpikiswano phakathi kwenu.

23 Inene ndithi kuni, ukuthi nabanina oguqukayo ezonweni zakhe ngenxa ayamazwi enu, kwaye banqwenele ukubhaptizwa egameni lam, ngale ndlela niya kubabhaptiza—Qaphelani, niya kwehlela ezantsi cnize nime emanzini, kwaye egameni lam niya kubabhaptiza.

24 Kwaye ngoku qaphelani, la ngamazwi eniya kuwathetha, nibabiza ngegama, niya kuthi:

25 aNdinegunya endilinikiweyo nguYesu Krestu, ndiya kubhaptiza egameni bloYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele. Amen.

26 Kwaye ngoko niya akubantywilisela emanzini, nize niphume kwakhona emanzini.

27 Kwaye ngolu hlobo niya kubabhaptiza egameni lam; kuba qaphelani, inene ndithi kuni, ukuthi uYise, noNyana, noMoya oyiNgcwele abanye, kwaye mna ndikuye uBawo, kwaye noBawo ukum, kwaye uBawo kunye nam sibanye.

28 Kwaye ngokohlobo endiniyalele ngalo njalo niya kubhaptiza. Kwaye akusayi kubakho azimpikiswano phakathi kwenu, njengokuba kude kube ngoku bekunjalo; kungayi kubakho zimpikiswano phakathi kwenu malunga namanqaku emfundiso yam, njengokuba kude kwaba ngoku bekunjalo.

29 Kuba inene, inene ndithi kuni, lowo aunomoya bwembambano akanguye owam, kodwa ungowakhe umtyholi, onguyise wembambano, kwaye uyazivuselela iintliziyo zabantwana babantu ukuba balwe ngomsindo, omnye nomnye.

30 Qaphelani, le asiyiyo imfundiso yam, ukuvuselela iintliziyo zabantu ngomsindo, omnye ngokuchasene nomnye; kodwa le yiyo imfundiso yam, yokokuba izinto ezinjalo kumele zipheliswe.

31 Qaphelani, inene, inene, ndithi kuni, ndiya kuyivakalisa kuni aimfundiso yam.

32 Kwaye le yiyo aimfundiso yam, kwaye iyiyo imfundiso awathi uBawo wandinika yona; kwaye ndinika bubungqina ngoBawo, noBawo unika ubungqina ngam, cnoMoya oyiNgcwele unika ubungqina ngoBawo nangam; kwaye ndinika ubungqina bokokuba uBawo uyalela bonke abantu, endaweni zonke, ukuba baguquke kwaye bakholelwe kum.

33 Kwaye nobani abakholelwayo kum, baze ababhaptizwe, kwabona abo baya bkusindiswa; kwaye bangabo baya ckubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

34 Kwaye nabani na ongakholelwayo kum, aze angabhaptizwa, uya kugwetywa.

35 Inene, inene, ndithi kuni, ukuthi le yimfundiso yam, kwaye ndinika ubungqina ngayo ivela kuBawo; kwaye nabani na aokholelwayo kum uyakholelwa nakuBawo kanjalo; kwaye kulowo uBawo uya kunika ubungqina ngam, kuba uya kumvelela bngomlilo nangawo cuMoya oyiNgcwele.

36 Kwaye njalo uBawo uya kunika ubungqina ngam, kwaye uMoya oyiNgcwele uya kunika ubungqina kulowo ngoBawo nangam; kuba uBawo, nam, noMoya oyiNgcwele sibanye.

37 Kwaye ndithi kwakhona kuni, kufuneka niguquke, nize nibhaptizwe egameni lam, anibe njengabantwana abancinane, nize egameni, okanye aninako nangayiphina indlela ukuzifumana ezi zinto.

38 Kwaye kwakhona ndithi kuni, kufuneka niguquke, kwaye nibhaptizwe egameni lam, kwaye nibe njengomntwana omncinane, okanye aninako nangayiphina indlela ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

39 Inene, inene, ndithi kuni, ukuthi le yiyo imfundiso yam, kwaye nabani na aowakhela phezu kwale wakhela phezu kolwalwa lwam, kwaye bamasango esihogo awayi koyisa ngokuchasene nabo.

40 Kwaye nabani na oya kuvakalisa ngaphezulu okanye ngaphantsi kunoku, aze ayimisele njengemfundiso yam, yena lowo uvela kongendawo, kwaye akakhelwanga phezu kolwalwa lwam; kodwa wakhelwe phezu akwesiseko sentlabathi, kwaye amasango esihogo ahleli evulekile ukuba amamkele onjalo zakuba zifikile izikhukula kwaye nemimoya ibethe phezu kwakhe.

41 Ke ngoko, bhekani phambili kubo aba bantu, nize niwavakalise amazwi lawo endiwathethileyo, kuzo zonke iziphelo zomhlaba.