Scripture Stories
Isahluko 21: Ama-Amlisayithi


Isahluko 21

Ama-Amlisayithi

Umfanekiso
U-Amlisayi nabalandeli bakhe

U-Amlisayi wayeyindoda ekrele-krele, eyayingumenzi wobubi eyayifuna ukuba yikumkani yamaNifayithi. Wayenabalandeli abaninzi.

Umfanekiso
abantu bajonge u-Amlisayi

AmaNifayithi anobulungisa ayengafuni u-Amlisayi abeyikumkani yawo. Ayesazi ukuba ufuna ukutshabalalisa iBandla likaThixo.

Umfanekiso
AmaNifayithi ayathetha

AmaNifayithi adibana engamaqela ahlukeneyo athatha isigqibo sokuba u-Amlisayi angaba yikumkani yabo kusini na. Uninzi lwabantu lonyula ngokuchasene no-Amlisayi kwaye akabanga yikumkani.

Umfanekiso
U-Amlisayi nabalandeli bakhe

U-Amlisayi kunye nabalandeli bakhe babanomsindo. Bawashiya amaNifayithi, benza u-Amlisayi ikumkani yabo, kwaye bazibiza bona ama-Amlisayithi. U-Amlisayi wabayalela ukuba balwe namaNifayithi.

Umfanekiso
AmaNifayithi enza amatolo

AmaNifayithi anobulungisa alungiselela ukuzikhusela ngezaphetha nangeentolo, amakrele kunye nezinye izixhobo.

Umfanekiso
AmaNifayithi awohlula Ama-Amlisayithi

Ama-Amlisayithi ehlasela, wona amaNifayithi, awayekhokelwa ngu-Alma omelezwa yiNkosi, abulala abaninzi bawo. Amanye Ama-Amlisayithi aye abaleka.

Umfanekiso
iintlola zika-Alma zijonge Ama-Amlisayithi

U-Alma wathumela iintlola ukuba zijonge ama-Amlisayithi. Iintlola zawabona ezimanya nomkhosi omkhulu wamaLeymenayithi ehlasela amaNifayithi awayehlala kufuphi neZarahemla.

Umfanekiso
AmaNifayithi esilwa nomkhosi wamaLeyimenayithi-Amlisayithi

AmaNifayithi athandaza, uThixo wawanceda kwakhona. Awabulala amajoni amaninzi omkhosi wamaLeymenayithi-Amlisayithi.

Umfanekiso
U-Alma ebulala u-Amlisayi

U-Alma no-Amlisayi balwa bobabini ngamakrele. U-Alma wathandazela ukuba ubomi bakhe bugcinwe, waya uThixo wamnika amandla okubulala u-Amlisayi.

Umfanekiso
umlo

AmaNifayithi awaleqa amaLeymenayithi nama- Amlisayithi ukuya entlango. Uninzi lwabenzakeleyo lwaswelekela apho lwaza lwatyiwa zizilwanyana zasendle.

Umfanekiso
Ama-Amlisayi aphawula amabunzi awo

Njengama Leymenayithi, ama-Amlisayithi azinika uphawu olubomvu, oko kwazalisekisa isiprofetho. Ama-Amlisayithi ayethe azikhwebula kwiintsikelelo zevangeli.