Isahluko 21
Ama-Amlisayithi
AmaNifayithi anobulungisa ayengafuni u-Amlisayi abeyikumkani yawo. Ayesazi ukuba ufuna ukutshabalalisa iBandla likaThixo.
AmaNifayithi adibana engamaqela ahlukeneyo athatha isigqibo sokuba u-Amlisayi angaba yikumkani yabo kusini na. Uninzi lwabantu lonyula ngokuchasene no-Amlisayi kwaye akabanga yikumkani.
U-Amlisayi kunye nabalandeli bakhe babanomsindo. Bawashiya amaNifayithi, benza u-Amlisayi ikumkani yabo, kwaye bazibiza bona ama-Amlisayithi. U-Amlisayi wabayalela ukuba balwe namaNifayithi.
AmaNifayithi anobulungisa alungiselela ukuzikhusela ngezaphetha nangeentolo, amakrele kunye nezinye izixhobo.
Ama-Amlisayithi ehlasela, wona amaNifayithi, awayekhokelwa ngu-Alma omelezwa yiNkosi, abulala abaninzi bawo. Amanye Ama-Amlisayithi aye abaleka.
U-Alma wathumela iintlola ukuba zijonge ama-Amlisayithi. Iintlola zawabona ezimanya nomkhosi omkhulu wamaLeymenayithi ehlasela amaNifayithi awayehlala kufuphi neZarahemla.
AmaNifayithi athandaza, uThixo wawanceda kwakhona. Awabulala amajoni amaninzi omkhosi wamaLeymenayithi-Amlisayithi.
U-Alma no-Amlisayi balwa bobabini ngamakrele. U-Alma wathandazela ukuba ubomi bakhe bugcinwe, waya uThixo wamnika amandla okubulala u-Amlisayi.
AmaNifayithi awaleqa amaLeymenayithi nama- Amlisayithi ukuya entlango. Uninzi lwabenzakeleyo lwaswelekela apho lwaza lwatyiwa zizilwanyana zasendle.
Njengama Leymenayithi, ama-Amlisayithi azinika uphawu olubomvu, oko kwazalisekisa isiprofetho. Ama-Amlisayithi ayethe azikhwebula kwiintsikelelo zevangeli.