Isahluko 23
U-Amon: Isicaka Esikhulu
U-Amon waya kwilizwe lika-Ishmayeli. Njengoko wayengena kwisixeko, amaLeymenayithi ambophelela aze amsa kwikumkani yabo, uLamonayi.
U-Amon waxelela uKumkani uLamonayi ukuba wayefuna ukuhlala namaLeymenayithi. ULamonayi wayivuyela loo nto waza wenza amadoda akhe ukuba amkhulule u-Amon.
U-Amon wathi uzakuba ngesinye sezicaka zekumkani. Ikumkani yamthumela ukuba ayokujonga imfuyo yakhe.
Minazana ithile u-Amon kwakunye nezinye izicaka babesisa imfuyo emanzini, izihange zamaLeymenayithi zayidunga imfuyo zizama nokuyiba.
Izicaka ezazino Amon zoyika. Ngaphambili uKumkani uLamonayi wayezibulala ezinye zezicaka ezaphulukana nemfuyo yakhe kwezi zihange.
U-Amon wayesazi ukuba eli yayilithuba lakhe lokusebenzisa amandla kaThixo ukuzuza iintliziyo zamaLeymenayithi. Bayakuthi baphulaphule iimfundiso zakhe.
U-Amon waxelela izicaka ukuba ziqokelela imfuyo eyayidunga-dungiwe, ikumkani yayingazu kubabulala
U-Amon nezinye izicaka ngokukhawuleza bayifumana imfuyo bayiqhubela emva endaweni yamanzi.
Izihange zamaLeymenayithi zaphinda zabuya. U-Amon waxelela ezinye izicaka ukuba zijongane nomhlambi ngelilixa wayelwisa izihange.
Izihange zamaLeymenayithi zazingamoyiki u-Amon. Zazicinga ukuba zazingambulala lula.
Amandla kaThixo ayenaye u-Amon. Waxuluba ngamatye waza wabulala ezinye zezihange, loo nto yenza eziseleyo izihange zicaphuke kakhulu.
Zazama ukumbulala u-Amon ngamagqudu azo, kodwa qho xa isihange ngasinye siphakamisa igqudu sifuna ukubetha u-Amon, wasinqumla ingalo. Ngoloyiko, izihange zabaleka.
Izicaka zathatha iingalo ezo zazishunquliwe zazizisa kuKumkani uLamonayi kwaye zamxelela oko u-Amon athe wakwenza.
UKumkani wamangaliswa ngamandla amakhulu ka-Amon. Wayefuna ukubona u-Amon kodwa wayesoyika kuba wayecinga u-Amon unguMoya Onamandla.
Xa u-Amon wangena eyokumbona, uKumkani uLamonayi wayengayazi into amakayithethe. Akazange athethe kangange yure.
UMoya Oyingcwele wanceda u-Amon ukuba ayazi ukuba ukumkani ucinga ntoni. U-Amon wacacisa ukuba wayengenguye Umoya Onamandla. Waye ngumntu.
Ukumkani wathi uyakumnika nantoni na u-Amon awayeyifuna ukuba wayengamxelela ngamandla waphi athe wawasebenzisa ukweyisa izihange nawenze azi iingcinga zekumkani.
U-Amon wathi inye into ewayeyifuna yeyokukuba ukumkani uLamonayi akholelwe kwinto ayakuthi ayithethe. Ukumkani wathi uyakukholelwa yonke into u-Amon ayakumxelela yona.
U-Amon wabuza uKumkani uLamonayi ukuba uyakholelwa kuThixo. Ukumkani wathi ukholelwa kuMoya Onamandla.
U-Amon wathi uMoya Onamandla nguThixo, ngokuba wadala into yonke esezulwini kwanesemhlabeni, kwaye uyazazi iingcinga zabantu.
U-Amon wathi abantu badalwe ngokomfanekiselo kaThixo. Waye wathi ukuba uThixo umbizile ukuba afundise ivangeli kuLamonayi nabantu bakhe.
Esebenzisa izibhalo, u-Amon wafundisa uKumkani uLamonayi ngeNdalo, ngo-Adam, nangoYesu Krestu.
UKumkani uLamonayi wamkholelwa u-Amon waza wathandazela ukuxolelwa kwezono zakhe. Wandula wawela phantsi wabonakala ngathi ufile.
Izicaka zayithwala ikumkani ukuya kumkayo zaza zamlalisa ebhedini. Emva kweentsuku ezimbini izicaka zazicinga ukuba ufile zaze zagqiba kwelokuba zimngcwabe.
Ikumkanikazi yayingakholelwa ukuba umyeni wayo ufile. Yakuba ivile ngamandla amakhulu ka-Amon, yamcela ancede ukumkani.
U-Amon wayesazi ukuba uLamonayi wayephantsi kwamandla kaThixo. Wayixelela ikumkanikazi ukuba uLamonayi wayeyakuvuka ngosuku olulandelayo.
Wahlala ecaleni kukaLamonayi ubusuku bonke. Kusuku olulandelayo uLamonayi waphakama wathi umbonile uYesu Krestu. Ukumkani nokumkanikazi babezele nguMoya Oyingcwele.
ULamonayi wafundisa abantu bakhe ngoThixo nangoYesu Krestu. Abo bathe bakholwa baye baguquka baza babhapatizwa.