Scripture Stories
Isahluko 23: U-Amon: Isicaka Esikhulu


Isahluko 23

U-Amon: Isicaka Esikhulu

Umfanekiso
Oonyana bakaMozaya behamba

Oonyana abane bakaMozaya bashiya iZarahemla ukuya kufundisa amaLeymenayithi ivangeli. Omnye ngamnye waya kwisixeko esahlukileyo.

Umfanekiso
U-Amon ebanjwa

U-Amon waya kwilizwe lika-Ishmayeli. Njengoko wayengena kwisixeko, amaLeymenayithi ambophelela aze amsa kwikumkani yabo, uLamonayi.

Umfanekiso
ULamoniyi no-Amon

U-Amon waxelela uKumkani uLamonayi ukuba wayefuna ukuhlala namaLeymenayithi. ULamonayi wayivuyela loo nto waza wenza amadoda akhe ukuba amkhulule u-Amon.

Umfanekiso
U-Amon elinda imfuyo

U-Amon wathi uzakuba ngesinye sezicaka zekumkani. Ikumkani yamthumela ukuba ayokujonga imfuyo yakhe.

Umfanekiso
AmaLeyimenathi esasaza imfuyo

Minazana ithile u-Amon kwakunye nezinye izicaka babesisa imfuyo emanzini, izihange zamaLeymenayithi zayidunga imfuyo zizama nokuyiba.

Umfanekiso
Izicaka no-Amon

Izicaka ezazino Amon zoyika. Ngaphambili uKumkani uLamonayi wayezibulala ezinye zezicaka ezaphulukana nemfuyo yakhe kwezi zihange.

Umfanekiso
U-Amon

U-Amon wayesazi ukuba eli yayilithuba lakhe lokusebenzisa amandla kaThixo ukuzuza iintliziyo zamaLeymenayithi. Bayakuthi baphulaphule iimfundiso zakhe.

Umfanekiso
U-Amon uthetha nezicaka

U-Amon waxelela izicaka ukuba ziqokelela imfuyo eyayidunga-dungiwe, ikumkani yayingazu kubabulala

Umfanekiso
U-Amon eqokelela imfuyo

U-Amon nezinye izicaka ngokukhawuleza bayifumana imfuyo bayiqhubela emva endaweni yamanzi.

Umfanekiso
U-Amon uthetha nezicaka

Izihange zamaLeymenayithi zaphinda zabuya. U-Amon waxelela ezinye izicaka ukuba zijongane nomhlambi ngelilixa wayelwisa izihange.

Umfanekiso
izihange

Izihange zamaLeymenayithi zazingamoyiki u-Amon. Zazicinga ukuba zazingambulala lula.

Umfanekiso
U-Amon ebulala izihange

Amandla kaThixo ayenaye u-Amon. Waxuluba ngamatye waza wabulala ezinye zezihange, loo nto yenza eziseleyo izihange zicaphuke kakhulu.

Umfanekiso
U-Amon esilwa nezihange

Zazama ukumbulala u-Amon ngamagqudu azo, kodwa qho xa isihange ngasinye siphakamisa igqudu sifuna ukubetha u-Amon, wasinqumla ingalo. Ngoloyiko, izihange zabaleka.

Umfanekiso
izicaka zithetha nekumkani

Izicaka zathatha iingalo ezo zazishunquliwe zazizisa kuKumkani uLamonayi kwaye zamxelela oko u-Amon athe wakwenza.

Umfanekiso
Ukumkani uLamonayi

UKumkani wamangaliswa ngamandla amakhulu ka-Amon. Wayefuna ukubona u-Amon kodwa wayesoyika kuba wayecinga u-Amon unguMoya Onamandla.

Umfanekiso
ukumkani uyacingisisa

Xa u-Amon wangena eyokumbona, uKumkani uLamonayi wayengayazi into amakayithethe. Akazange athethe kangange yure.

Umfanekiso
U-Amon eshumayela

UMoya Oyingcwele wanceda u-Amon ukuba ayazi ukuba ukumkani ucinga ntoni. U-Amon wacacisa ukuba wayengenguye Umoya Onamandla. Waye ngumntu.

Umfanekiso
Ukumkani uLamonayi ethetha no-Amon

Ukumkani wathi uyakumnika nantoni na u-Amon awayeyifuna ukuba wayengamxelela ngamandla waphi athe wawasebenzisa ukweyisa izihange nawenze azi iingcinga zekumkani.

Umfanekiso
Ukumkani uLamonayi ethetha no-Amon

U-Amon wathi inye into ewayeyifuna yeyokukuba ukumkani uLamonayi akholelwe kwinto ayakuthi ayithethe. Ukumkani wathi uyakukholelwa yonke into u-Amon ayakumxelela yona.

Umfanekiso
Ukumkani uLamonayi ethetha no-Amon

U-Amon wabuza uKumkani uLamonayi ukuba uyakholelwa kuThixo. Ukumkani wathi ukholelwa kuMoya Onamandla.

Umfanekiso
U-Amon efundisa uLamonayi

U-Amon wathi uMoya Onamandla nguThixo, ngokuba wadala into yonke esezulwini kwanesemhlabeni, kwaye uyazazi iingcinga zabantu.

Umfanekiso
U-Amon efundisa uLamonayi

U-Amon wathi abantu badalwe ngokomfanekiselo kaThixo. Waye wathi ukuba uThixo umbizile ukuba afundise ivangeli kuLamonayi nabantu bakhe.

Umfanekiso
U-Amon efundisa ngezibhalo

Esebenzisa izibhalo, u-Amon wafundisa uKumkani uLamonayi ngeNdalo, ngo-Adam, nangoYesu Krestu.

Umfanekiso
ULamonayi ethandaza

UKumkani uLamonayi wamkholelwa u-Amon waza wathandazela ukuxolelwa kwezono zakhe. Wandula wawela phantsi wabonakala ngathi ufile.

Umfanekiso
izicaka zenkosi

Izicaka zayithwala ikumkani ukuya kumkayo zaza zamlalisa ebhedini. Emva kweentsuku ezimbini izicaka zazicinga ukuba ufile zaze zagqiba kwelokuba zimngcwabe.

Umfanekiso
ikumkanikazi ithetha no-Amon

Ikumkanikazi yayingakholelwa ukuba umyeni wayo ufile. Yakuba ivile ngamandla amakhulu ka-Amon, yamcela ancede ukumkani.

Umfanekiso
U-Amon ethetha nekumkanikazi

U-Amon wayesazi ukuba uLamonayi wayephantsi kwamandla kaThixo. Wayixelela ikumkanikazi ukuba uLamonayi wayeyakuvuka ngosuku olulandelayo.

Umfanekiso
ULamonayi evuka

Wahlala ecaleni kukaLamonayi ubusuku bonke. Kusuku olulandelayo uLamonayi waphakama wathi umbonile uYesu Krestu. Ukumkani nokumkanikazi babezele nguMoya Oyingcwele.

Umfanekiso
ULamonayi ebhapatizwa

ULamonayi wafundisa abantu bakhe ngoThixo nangoYesu Krestu. Abo bathe bakholwa baye baguquka baza babhapatizwa.