Isahluko 39
UNifayi uFumana Amandla Amakhulu
INkosi yathetha noNifayi kwaye yambulela ngokuba ethobekile kwaye esebenza ngokuzinikela ekufundiseni ivangeli.
UNifayi wanikwa amandla okwenza nantoni na. INkosi yayisazi ukuba yena wayeya kuwasebenzisa ngobulungisa la mandla.
INkosi yaxelela uNifayi ukuba alumkise amaNifayithi okokuba ukuba ayengaguquki, ayeya kutshatyalaliswa. UNifayi wahamba ngoko-nangoko esiya kulumkisa abantu.
AmaNifayithi ayengamkholelwa uNifayi. Azama ukumphosela entolongweni, kodwa amandla kaThixo amkhusela.
UNifayi washumayela ilizwi likaThixo kuwo onke amaNifayithi.
Kodwa abantu bakhohlakala ngakumbi kwaye baqalisa ukulwisana.
UNifayi wathandazela imbalela, enethemba lokuba ukunqaba kokutya kungawathoba amaNifayithi kwaye kuwancede aguquke.
Imbalela yafika. Kwakungekho mvula, umhlaba wawomile kwaye imbewu yayingakwazi ukuntshula. Abantu bayeka ukulwa.
AmaNifayithi ayelambile, kwaye uninzi lwawo lwafa. Abo babephila baqalisa ukukhumbula iNkosi kunye neemfundiso zikaNifayi.
Abantu baguquka kwizono zabo baze babongoza abagwebi babo ukuba bacele uNifayi aphelise imbalaela. Abagwebi baya kuNifayi.
Akubona uNifayi ukuba abantu babeye bazithoba kwaye beguquka, wacela iNkosi ukuba iphelise imbalela.
INkosi yawuphendula umthandazo kaNifayi, kwaye kwaqalisa ukunetha. Kungekudala imbewu yantshula kwakhona. Abantu bazukisa uThixo kwaye bayazi ukuba uNifayi wayengumprofethi omkhulu.
Uninzi lwamaNifayithi lwazimanya neBandla. Aye abazizityebi, kwaye nezixeko zawo zakhula. Kwabakho uxolo elizweni.
Aze amaNifayithi ayethe azimanya namaLeymenayithi ngaphambili ahlasela amaNifayithi.
AmaNifayithi azama ukoyisa iintshaba zawo, ezaziye zaba ngabaphangi bakaGadiyantoni, kodwa ayengenako ngenxa yokuba wona buqu ayeye akhohlakala kwakhona.
Xa amaNifayithi ayenobulungisa, iNkosi yayiwasikelela wona. Xa ayenekratshi kwaye eyilibele iNkosi, yawanika iingxaki ukwenzela ukuwanceda ukuba ayikhumbule.