Scripture Stories
Isahluko 39: UNifayi uFumana Amandla Amakhulu


Isahluko 39

UNifayi uFumana Amandla Amakhulu

Umfanekiso
UNifayi uyacinga

UNifayi wahamba ngokusingise kumzi wakhe, ecinga ngoko iNkosi yayimbonise kona kunye nenkohlakalo yamaNifayithi. Yena wayekhathazekile ngenxa yenkohlakalo yawo.

Umfanekiso
UNifayi uyathandaza

INkosi yathetha noNifayi kwaye yambulela ngokuba ethobekile kwaye esebenza ngokuzinikela ekufundiseni ivangeli.

Umfanekiso
UNifayi

UNifayi wanikwa amandla okwenza nantoni na. INkosi yayisazi ukuba yena wayeya kuwasebenzisa ngobulungisa la mandla.

Umfanekiso
UNifayi uyahamba

INkosi yaxelela uNifayi ukuba alumkise amaNifayithi okokuba ukuba ayengaguquki, ayeya kutshatyalaliswa. UNifayi wahamba ngoko-nangoko esiya kulumkisa abantu.

Umfanekiso
AmaNifayithi ahlasela uNifayi

AmaNifayithi ayengamkholelwa uNifayi. Azama ukumphosela entolongweni, kodwa amandla kaThixo amkhusela.

Umfanekiso
UNifayi uyahamba

UNifayi washumayela ilizwi likaThixo kuwo onke amaNifayithi.

Umfanekiso
Abantu bayalwa

Kodwa abantu bakhohlakala ngakumbi kwaye baqalisa ukulwisana.

Umfanekiso
UNifayi uyathandaza

UNifayi wathandazela imbalela, enethemba lokuba ukunqaba kokutya kungawathoba amaNifayithi kwaye kuwancede aguquke.

Umfanekiso
Amadoda kumhlaba owomileyo

Imbalela yafika. Kwakungekho mvula, umhlaba wawomile kwaye imbewu yayingakwazi ukuntshula. Abantu bayeka ukulwa.

Umfanekiso
usapho luyathandaza

AmaNifayithi ayelambile, kwaye uninzi lwawo lwafa. Abo babephila baqalisa ukukhumbula iNkosi kunye neemfundiso zikaNifayi.

Umfanekiso
Abantu bathetha nabagwebi

Abantu baguquka kwizono zabo baze babongoza abagwebi babo ukuba bacele uNifayi aphelise imbalaela. Abagwebi baya kuNifayi.

Umfanekiso
UNifayi uyathandaza

Akubona uNifayi ukuba abantu babeye bazithoba kwaye beguquka, wacela iNkosi ukuba iphelise imbalela.

Umfanekiso
Abantu emvuleni

INkosi yawuphendula umthandazo kaNifayi, kwaye kwaqalisa ukunetha. Kungekudala imbewu yantshula kwakhona. Abantu bazukisa uThixo kwaye bayazi ukuba uNifayi wayengumprofethi omkhulu.

Umfanekiso
AmaNifayithi ayasebenza

Uninzi lwamaNifayithi lwazimanya neBandla. Aye abazizityebi, kwaye nezixeko zawo zakhula. Kwabakho uxolo elizweni.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ahlasela amaNifayithi

Aze amaNifayithi ayethe azimanya namaLeymenayithi ngaphambili ahlasela amaNifayithi.

Umfanekiso
amajoni

AmaNifayithi azama ukoyisa iintshaba zawo, ezaziye zaba ngabaphangi bakaGadiyantoni, kodwa ayengenako ngenxa yokuba wona buqu ayeye akhohlakala kwakhona.

Umfanekiso
AmaNifayithi aphethe iminyazi

Xa amaNifayithi ayenobulungisa, iNkosi yayiwasikelela wona. Xa ayenekratshi kwaye eyilibele iNkosi, yawanika iingxaki ukwenzela ukuwanceda ukuba ayikhumbule.