Izibhalo
Hilamani 10


Isahluko 10

INkosi inika uNifayi igunya lokutywina—Unikwa amandla okubopha nokukhulula emhlabeni nasezulwini—Uyalela abantu ukuba baguquke okanye batshabalale—UMoya umthwala ukusuka kwisihlwele ukuya kwisihlwele. Malunga 21–20 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba kwavuka ukwahlukana phakathi kwabantu, kangangokuba bohlukana ngapha nangapha baza bahamba iindlela zabo, bemshiya uNifayi yedwa, njengokuba wayemi embindini wabo.

2 Kwaye kwenzekile okokuba uNifayi wahamba indlela yakhe ebheka ngakweyakhe indlu, aecingisisa ngezinto ethe iNkosi yazibonisa kuye.

3 Kwaye kwenzekile njengokuba wayecingisisa njalo—edakumbile kakhulu ngenxa yenkohlakalo yabantu bamaNifayithi, imisebenzi yabo efihlakeleyo yobumnyama, nokubulala kwabo, nokurhwaphiliza kwabo, nalo lonke uhlobo lobugwenxa—kwaye kwenzekile njengokuba wayecingisisa njalo entliziyweni yakhe, qaphelani, ilizwi lafika kuye lisithi:

4 Usikelelekile wena, Nifayi, ngezo zinto othe wazenza; kuba ndikuqaphele indlela othe angokungadinwa walivakalisa ilizwi, endithe ndakunika lona, kubo aba bantu. Kwaye akuboyikanga, kwaye akufunanga kulondoloza bobakho ubomi, kodwa ufune cintando yam, nokugcina imiyalelo yam.

5 Kwaye ngoku, ngenxa yokokuba ukwenzile oku ngokungadinwa okungaka, qaphela, ndiya kukusikelela ngonaphakade; kwaye ndiya kukwenza ube namandlakazi ngokuthetha nangezenzo, elukholweni nangemisebenzi; ewe, kwanokokuba azonke izinto ziya kwenzeka kuwe bngokwamazwi akho, kuba cakuyi kucela oko kuphikisana nentando yam.

6 Qaphela, wena unguNifayi kwaye mna ndinguThixo. Qaphela, ndiyibhengeza kuwe kubukho beengelosi zam, okokuba uya kuba namandla phezu kwaba bantu, kwaye uya kuwubetha umhlaba angendlala, nangesifo esosulelayo esibulalayo, nentshabalalo, ngokwenkohlakalo yabo aba bantu.

7 Qaphela, ndikunika amandla okokuba nantonina oya kuyitywina emhlabeni iya akutywinwa ezulwini; kwaye nantoni na oya kuyikhulula emhlabeni iya kukhululwa nasezulwini; kwaye njalo uya kuba namandla phakathi kwaba bantu.

8 Kwaye njalo, ukuba uya kuthi kuyo le tempile iya kuqhekeka kubini, kuya kwenzeka.

9 Kwaye ukuba uya kuthi kule antaba, Khahleleka phantsi uze ugude, kuya kwenzeka.

10 Kwaye qaphela, ukuba uya kuthi uThixo uya kubabetha aba bantu, kuya kwenzeka.

11 Kwaye ngoku qaphela, ndiya kuyalela, okokuba uya kuhamba uze uvakalise kwaba bantu, okokuba itsho njalo iNkosi uThixo, onguSomandla: Ngaphandle kokuba niya guquka niya kubethwa, kwanokokude kuye aentshabalalweni.

12 Kwaye qaphelani, ngoku kwenzekile okokuba yakuba iNkosi iwathethile la mazwi kuye uNifayi, waye wema kwaye akaya kweyakhe indlu, kodwa waye wabuyela kuso isihlwele esasisasazeke ngapha nangapha phezu kobuso belizwe, waza waqalisa ukulivakalisa kuso ilizwi leNkosi elalithethiwe kuye, malunga nentshabalalo yabo ukuba babengaguquki.

13 Ngoku qaphelani, nangona babenaloo mmangaliso mkhulu awayethe wawenza uNifayi ngokubaxelela malunga nokufa komgwebi oyintloko, baye baziqaqadekisa iintliziyo zabo kwaye abawaphulaphula amazwi eNkosi.

14 Ke ngoko uNifayi waye walivakalisa kubo ilizwi leNkosi, esithi: Ngaphandle kokuba niguquke, itsho njalo iNkosi, niya kubethwa kude kuse entshabalalweni.

15 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uNifayi elivakalisile kubo ilizwi, qaphelani, baye bathi gqolo ukuziqaqadekisa iintliziyo zabo kwaye bengafuni ukuwaphulaphula amazwi akhe; ke ngoko baye bamnyelisa, kwaye bafuna ukuzibeka izandla zabo phezu kwakhe ukuze babe nokumphosa entolongweni.

16 Kodwa qaphelani, amandla kaThixo ayekunye naye, kwaye babengakwazi ukumthabatha ukuba bamphose entolongweni, kuba wayethatyathwe ngoMoya waza wakhatshelwa kude waphuma phakathi kwabo.

17 Kwaye kwenzekile okokuba njalo waye wabheka phambili eseMoyeni, ukusuka kwisihlwele ukuya kwisihlwele, evakalisa ilizwi likaThixo, kwanokude abe ulivakalise kubo bonke, okanye ulithumele phambili phakathi kwabo bonke abantu.

18 Kwaye kwenzekile okokuba abafunanga ukuwaphulaphula amazwi akhe; kwaye kwaqalisa ukubakho kweembambano, kangangokuba babohlukene bechasene bodwa baza baqalisa ukubulalana ngekrele.

19 Waza njalo waphela owamashumi asixhenxe ananye unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi.