Scripture Stories
Isahluko 45: UYesu Krestu Ufundisa Ngomthendeleko Kunye Nomthandazo


Isahluko 45

UYesu Krestu Ufundisa Ngomthendeleko Kunye Nomthandazo

Umfanekiso
Iqela lamadoda liyahamba

UYesu Krestu wathumela abafundi bakhe ukuba bayokufuna isonka kunye newayini. Waxelela amaNifayithi ukuba ahlale phantsi.

Umfanekiso
UYesu ugqithisa isonka

Bakube abafundi bebuyile, uMsindisi waqhekeza isonka sangamaqhekeza kwaye wasisikelela. Wanikezela ngesinye kubafundi bakhe kwaye wenza ukuba banikezele esinye saso ebantwini.

Umfanekiso
UYesu uyathetha

UYesu watsho ukuba abantu abathabatha umthendeleko bathembisa ukusoloko bemkhumbula kunye nedini lakhe. Baye bafumane uMoya wakhe.

Umfanekiso
Abantu bagqithisa iwayini

UYesu Krestu wasikelela iwayini kwaye wanikezela ngenye kubafundi bakhe. Abafundi banikezela ngenye iwayini ebantwini.

Umfanekiso
UYesu uyafundisa

UYesu wathi abo bathabatha umthendeleko bathembisa ukugcina imithetho yakhe.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabafundi

UYesu kwakhona waxelela abafundi bakhe ukuba wonke umntu othabatha umthendeleko kwaye esoloko emkhumbula uyakuba noMoya wakhe.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabantu

Waxelela abafundi bakhe ukuba babeza kusikelelwa ukuba babeyigcina imithetho yakhe.

Umfanekiso
UYesu uthetha nabafundi

Wabaxelela ukuba bathandaze rhoqo kwaye bathandaze njengoko babembone ethandaza.

Umfanekiso
UMsindisi uthetha nabantu bonke

UMsindisi waxelela onke amaNifayithi ukuba athandaze kuBawo oseZulwini ngegama lakhe. Wayekwawayalele ukuba athandaze neentsapho zawo.

Umfanekiso
Abantu bamamele kuKrestu

Wathi abantu kufuneka bahlangane bonke rhoqo. Kwakumele bamkele abanye kwimihlangano yabo, babathandazele, kwaye babengumzekelo olungileyo kubo.

Umfanekiso
UYesu uya phezulu eZulwini

UMsindisi wanika abafundi bakhe amandla okunikezela ngoMoya oyiNgcwele. Kwaza ilifu lagubungela abantu kangangokuba ngabafundi kuphela ababona uYesu Krestu esiya phezulu ezulwini.