Isahluko 4
Amacwecwe Obhedu
Amacwecwe obhedu yayizimbali ezazibalulekileyo. Zona zazichaza ngookhokho bakaLihayi kwaye zaziqulathe amazwi kaThixo awayetyhilwe kubaprofethi.
ULeymeni noLemuweli babengafuni ukubuyela bayokulanda amacwecwe obhedu. Bathi kwakuya kubanzima kakhulu ukwenza oko. Babengenalo ukholo eNkosini.
UNifayi wayefuna ukuthobela iNkosi. Yena wayesazi ukuba iNkosi iya kumnceda nabantakwabo ukuba bafumane amacwecwe obhedu kuLabhan.
ULeymeni, noLemuweli, noSem, kunye noNifayi bahamba babuyela eYerusalem bayokulanda amacwecwe obhedu.
ULeymeni waya kuLabhan kwaye wamcela ukuba amnike amacwecwe.
ULabhan wabanomsindo kwaye akazange anike uLeymeni amacwecwe obhedu. ULabhan wayefuna ukubulala uLeymeni, kodwa uLeymeni waqhwesha.
ULeymeni waxelela abantakwabo into eyenzekileyo. Wayesoyika kwaye wayefuna ukunikezela kwaye babuyele emva kutata wabo entlango.
UNifayi wathi babengenakukwazi ukubuyela ngaphandle kwamacwecwe obhedu. Waxelela abantakwabo ukuba babenokholo eNkosini babezokwazi ukuwafumana amacwecwe obhedu.
UNifayi kunye nabantakwabo baya kwikhaya labo lakudala eYerusalem baqokelela igolide nesilivere ukuze bazitshintshise ngamacwecwe.
Babonisa uLabhan ubutyebi babo kwaye banikela ngabo ngeenzame zokutshintshiselelana ngamacwecwe. Wathi uLabhan akubona igolide nesilivere yabo, wayeyifunela kuye waza wabagxothela ngaphandle.
ULabhan wayalela amadoda akhe ukuba abulale oonyana bakaLihayi. UNifayi nabantakwabo babaleka kwaye bazifihla emqolombeni. ULabhan wayigcina igolide nesilevere yabo.
ULeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi. Babetha uNifayi noSem ngentonga.
Ingelosi yavela yaze yaxelela uLeymeni noLemuweli ukuba bayeke. Yathi iNkosi iya kubancedisa ukuba bafumane amacwecwe. Yatsho futhi ukuba uNifayi uya kuba yinkokheli phezu kubantakwabo.
UNifayi waxelela abantakwabo ukuba babenokholo eNkosini kwaye bangamoyiki uLabhan namadoda akhe. UNifayi wakhuthaza abantakwabo ukuba babuyele eYerusalem.
Ngobo busuku abantakwabo uNifayi bazimela ngaphandle kweendonga zesixeko xeshikweni uNifayi wayechwechwela ngaphakathi. Wahamba waya ngasendlwini kaLabhan.
Njengoko uNifayi wayesondela endlwini kaLabhan, waye wabona indoda enxilileyo iqungqulizile phantsi. Yayingu Labhan.
UNifayi wabona ikrele likaLabhan waze waliphakamisa. UMoya oyiNgcwele waxelela uNifayi ukuba abulale uLabhan, kodwa uNifayi wayengafuni kumbulala.
UMoya oyiNgcwele waphinda waxelela uNifayi ukuba abulale uLabhan khon’ukuze uNifayi akwazi ukufumana amacwecwe obhedu. Usapho lukaLihayi lwaluwaswele amacwecwe khon’ukuze lufunde ivangeli.
UNifayi wathobela uMoya oyiNgcwele wambulala uLabhan. UNifayi wanxiba izambatho zikaLabhan kunye nesikrweqe.
UNifayi waya kwindlu kaLabhan wadibana noZorami, isicaka sikaLabhan. UNifayi wayekhangeleka kwaye evakala njengo Labhan nqwa.
Waxelela uZorami ukuba alande amacwecwe obhedu. UZorami wayecinga ukuba uNifayi wayenguLabhan, ngoko ke wamnika amacwecwe. UNifayi waxelela uZorami ukuba amlandele.
ULeymeni, noLemuweli, kunye noSem bathi bakubona uNifayi esiza boyika; babecinga ukuba wayenguLabhan. Baqalisa ukubaleka kodwa bema xa uNifayi ebabiza.
Wathi ke uZorami akubona ukuba uNifayi wayengengoLabhan, wazama ukubaleka. UNifayi wambamba uZorami kwaye wathembisa ukuba akazo kumenzakalisa ukuba wayenokuhamba naye uNifayi asinge entlango.
UZorami wavuma. UNifayi nabantakwabo bathatha uZorami kunye namacwecwe obhedu babuyela kuLihayi noSaraya.
Banika uLihayi amacwecwe obhedu. Yena noSaraya bavuya kuba oonyana babo babuya bekhuselekile. Bonke bagcoba kwaye babulela kuThixo.
ULihayi wawafunda amacwecwe obhedu. Ayechaza ngo-Adam no-Efa kunye nokudalwa kwehlabathi. Ayequlathe amazwi abaprofethi abaninzi.
ULihayi noNifayi baba novuyo kuba bethobele iNkosi bakwazi ukuba bafumane amacwecwe obhedu.
Usapho lukaLihayi lwathatha amacwecwe obhedu lwahamba nawo khon’ukuze lukwazi ukufundisa abantwana balo imithetho eyayibhalwe emacwecweni.