Scripture Stories
Isahluko 4: Amacwecwe Obhedu


Isahluko 4

Amacwecwe Obhedu

Umfanekiso
ULihayi uthetha noNifayi

ULihayi waxelela uNifayi ukuba iNkosi yayifuna yena nabantakwabo babuyele eYerusalem. Kwakumele ukuba bayokulanda amacwecwe obhedu kwindoda eyayibizwa ngokuba nguLabhan.

Umfanekiso
amacwecwe obhedu

Amacwecwe obhedu yayizimbali ezazibalulekileyo. Zona zazichaza ngookhokho bakaLihayi kwaye zaziqulathe amazwi kaThixo awayetyhilwe kubaprofethi.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli

ULeymeni noLemuweli babengafuni ukubuyela bayokulanda amacwecwe obhedu. Bathi kwakuya kubanzima kakhulu ukwenza oko. Babengenalo ukholo eNkosini.

Umfanekiso
ULihayi uthetha noNifayi

UNifayi wayefuna ukuthobela iNkosi. Yena wayesazi ukuba iNkosi iya kumnceda nabantakwabo ukuba bafumane amacwecwe obhedu kuLabhan.

Umfanekiso
ULeymeni, noLemuweli, noSem, kunye noNifayi

ULeymeni, noLemuweli, noSem, kunye noNifayi bahamba babuyela eYerusalem bayokulanda amacwecwe obhedu.

Umfanekiso
ULeymeni uthetha noLabhan

ULeymeni waya kuLabhan kwaye wamcela ukuba amnike amacwecwe.

Umfanekiso
Uleymeni uyabaleka

ULabhan wabanomsindo kwaye akazange anike uLeymeni amacwecwe obhedu. ULabhan wayefuna ukubulala uLeymeni, kodwa uLeymeni waqhwesha.

Umfanekiso
ULeymeni uthetha nabantakwabo

ULeymeni waxelela abantakwabo into eyenzekileyo. Wayesoyika kwaye wayefuna ukunikezela kwaye babuyele emva kutata wabo entlango.

Umfanekiso
UNifayi uthetha nabantakwabo

UNifayi wathi babengenakukwazi ukubuyela ngaphandle kwamacwecwe obhedu. Waxelela abantakwabo ukuba babenokholo eNkosini babezokwazi ukuwafumana amacwecwe obhedu.

Umfanekiso
ukuqokelela igolide

UNifayi kunye nabantakwabo baya kwikhaya labo lakudala eYerusalem baqokelela igolide nesilivere ukuze bazitshintshise ngamacwecwe.

Umfanekiso
ukubonisa kwegolide kuLabhan

Babonisa uLabhan ubutyebi babo kwaye banikela ngabo ngeenzame zokutshintshiselelana ngamacwecwe. Wathi uLabhan akubona igolide nesilivere yabo, wayeyifunela kuye waza wabagxothela ngaphandle.

Umfanekiso
ULabhan uyalatha

ULabhan wayalela amadoda akhe ukuba abulale oonyana bakaLihayi. UNifayi nabantakwabo babaleka kwaye bazifihla emqolombeni. ULabhan wayigcina igolide nesilevere yabo.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli babetha uNifayi noSem

ULeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi. Babetha uNifayi noSem ngentonga.

Umfanekiso
ingelosi iyavela

Ingelosi yavela yaze yaxelela uLeymeni noLemuweli ukuba bayeke. Yathi iNkosi iya kubancedisa ukuba bafumane amacwecwe. Yatsho futhi ukuba uNifayi uya kuba yinkokheli phezu kubantakwabo.

Umfanekiso
UNifayi uthetha nabantakwabo

UNifayi waxelela abantakwabo ukuba babenokholo eNkosini kwaye bangamoyiki uLabhan namadoda akhe. UNifayi wakhuthaza abantakwabo ukuba babuyele eYerusalem.

Umfanekiso
UNifayi nabantakwabo bayazimela

Ngobo busuku abantakwabo uNifayi bazimela ngaphandle kweendonga zesixeko xeshikweni uNifayi wayechwechwela ngaphakathi. Wahamba waya ngasendlwini kaLabhan.

Umfanekiso
ULabhan enxilile

Njengoko uNifayi wayesondela endlwini kaLabhan, waye wabona indoda enxilileyo iqungqulizile phantsi. Yayingu Labhan.

Umfanekiso
UNifayi uthatha ikrele likaLabhan

UNifayi wabona ikrele likaLabhan waze waliphakamisa. UMoya oyiNgcwele waxelela uNifayi ukuba abulale uLabhan, kodwa uNifayi wayengafuni kumbulala.

Umfanekiso
UNifayi ubulala uLabhan

UMoya oyiNgcwele waphinda waxelela uNifayi ukuba abulale uLabhan khon’ukuze uNifayi akwazi ukufumana amacwecwe obhedu. Usapho lukaLihayi lwaluwaswele amacwecwe khon’ukuze lufunde ivangeli.

Umfanekiso
UNifayi ezimpahleni zikaLabhan

UNifayi wathobela uMoya oyiNgcwele wambulala uLabhan. UNifayi wanxiba izambatho zikaLabhan kunye nesikrweqe.

Umfanekiso
ULabhan uzenza uLabhan

UNifayi waya kwindlu kaLabhan wadibana noZorami, isicaka sikaLabhan. UNifayi wayekhangeleka kwaye evakala njengo Labhan nqwa.

Umfanekiso
UNifayi noZorami

Waxelela uZorami ukuba alande amacwecwe obhedu. UZorami wayecinga ukuba uNifayi wayenguLabhan, ngoko ke wamnika amacwecwe. UNifayi waxelela uZorami ukuba amlandele.

Umfanekiso
UNifayi noZorami

ULeymeni, noLemuweli, kunye noSem bathi bakubona uNifayi esiza boyika; babecinga ukuba wayenguLabhan. Baqalisa ukubaleka kodwa bema xa uNifayi ebabiza.

Umfanekiso
UNifayi noZorami

Wathi ke uZorami akubona ukuba uNifayi wayengengoLabhan, wazama ukubaleka. UNifayi wambamba uZorami kwaye wathembisa ukuba akazo kumenzakalisa ukuba wayenokuhamba naye uNifayi asinge entlango.

Umfanekiso
UZorami nobhuti

UZorami wavuma. UNifayi nabantakwabo bathatha uZorami kunye namacwecwe obhedu babuyela kuLihayi noSaraya.

Umfanekiso
ULihayi noSaraya bonwabile

Banika uLihayi amacwecwe obhedu. Yena noSaraya bavuya kuba oonyana babo babuya bekhuselekile. Bonke bagcoba kwaye babulela kuThixo.

Umfanekiso
ULihayi ufundela oonyana

ULihayi wawafunda amacwecwe obhedu. Ayechaza ngo-Adam no-Efa kunye nokudalwa kwehlabathi. Ayequlathe amazwi abaprofethi abaninzi.

Umfanekiso
ULihayi noNifayi

ULihayi noNifayi baba novuyo kuba bethobele iNkosi bakwazi ukuba bafumane amacwecwe obhedu.

Umfanekiso
ULihayi upakisha amacwecwe

Usapho lukaLihayi lwathatha amacwecwe obhedu lwahamba nawo khon’ukuze lukwazi ukufundisa abantwana balo imithetho eyayibhalwe emacwecweni.