Izibhalo
2 Nifayi 5


Isahluko 5

AmaNifayithi ayazahlula kumaLeymenayithi, bagcina umthetho kaMoses, kwaye akha itempile—Ngenxa yokungakholwa kwawo, amaLeymenayithi asikelwa ngaphandle kobuso beNkosi, ayaqalekiswa, kwaye aba sisibetho kumaNifayithi. Malunga 588–559 P.K.

1 Qaphelani, kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndakhala kakhulu kuyo iNkosi uThixo wam, ngenxa ayomsindo wabantakwethu.

2 Kodwa qaphelani, umsindo wabo waye wakhula ngokuchasene nam, kangangokuba baye bafuna ukuthabatha ubomi bam.

3 Ewe, baye bambombozela ngokuchasene nam, besithi: Umninawa wethu ucinga ukuba uza akulawula phezu kwethu; kwaye sifumene iimbandezelo ezininzi ngenxa yakhe; ngako oko, ngoku kufuneka simbulale, ukuze singabandezeleki ngakumbi ngenxa yamazwi akhe. Kuba qaphela, asimfuni ukuba abe ngumlawuli wethu; kuba kulilungelo lethu, bakhuluwa bakhe, ukulawula phezu kwaba bantu.

4 Ngoku andiwabhali phezu kwala macwecwe onke amazwi ababembombozela ngawo ngokuchasene nam. Kodwa kundanele ukuba ndithi, babefuna ukuthabatha ubomi bam.

5 Kwaye kwenzekile ukuba iNkosi aindilumkise, ukuba mna, bNifayi, kufanele ndimke kubo kwaye ndisabele entlango, kunye nabo bonke abanako ukuhamba nam.

6 Ngako oko, kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndithabathe usapho lwam, kanjalo anoZorami nosapho lwakhe, noSem, umkhuluwa wam kunye nosapho lwakhe, noYakobi noYosefu, abaninawa bam, kwakunye noodadewethu, kwaye nabo bonke abo babenakho ukuhamba nam. Kwaye bonke abo babenakho ukuhamba nam babengabo babekholelwa bkwizilumkiso nezityhilelo zikaThixo; ngako oko, bawaphulaphula amazwi am.

7 Kwaye sazithabatha iintente zethu nazo naziphina izinto esasinako ukuba sizithabathe, kwaye sahamba entlango kangangesithuba seentsuku ezininzi. Kwaye emva kokuba sihambe kangangesithuba seentsuku ezininzi saye sazigxumeka iintente zethu.

8 Kwaye abantu bam banqwenela ukuba igama lendawo leyo siyibize aNifayi; ngako oko, saye sayibiza Nifayi.

9 Kwaye bonke abo babenam bagqiba ekubeni bazibize ngokuba angabantu bakaNifayi.

10 Kwaye sathi saqwalasela ukuzigcina izigwebo, nemithetho, nemiyalelo yeNkosi kuzo zonke izinto, angokomthetho kaMoses.

11 Kwaye iNkosi yayinathi; kwaye sathi saphumelela ngokugqithisileyo; kuba saye satyala imbewu, kwaye saye savuna kwakhona ngobuninzi. Kwaye saqalisa ukufuya impahla emfutshane, nemihlambi yeenkomo, neentlobo zonke zezilwanyana.

12 Kwaye mna, Nifayi, ndandithabathe nembali kanjalo eyayikrolwe phezu akwamacwecwe obhedu; bkwanebhola, okanye cisalathambombo, esasilungiselelwe ubawo ngesandla seNkosi, ngokwakoko kubhaliweyo.

13 Kwaye kwenzekile okokuba saye saqalisa ukuphumelela ngokugqithisileyo, kwaye sanda elizweni.

14 Kwaye mna, Nifayi, ndaye ndalithabatha aikrele likaLabhan, ngokohlobo lwalo ndaye ndenza amakrele amaninzi, hleze nangayiphina indlela abantu ngoku ababebizwa bamaLeymenayithi baze basihlasele kwaye basitshabalalise; kuba ndandiyazi intiyo yabo kum nabantwana bam nabo babebizwa abantu bam.

15 Kwaye ndaye ndabafundisa abantu bam ukwakha izakhiwo, nokusebenza ngazo zonke iindidi zemithi, anezesinyithi, nezekopolo, nezobhedu, nezentsimbi eyomeleleyo, nezegolide, nezesilivere, kwaye nezentsimbi ekrwada exabisekileyo, ezazifumaneka ngobuninzi.

16 Kwaye mna, Nifayi, ndaye ndakha aitempile; ndaze ndayakha ngokohlobo blwetempile kaSolomon ngaphandle nje kokuba yayingakhiwanga ngezinto ezininzi kangako cezixabisekileyo; kuba zazingenakho ukufumaneka elizweni, ngako oko, yayingenakho ukwakhiwa njengayo itempile kaSolomon. Kodwa uhlobo lokwakhiwa kwayo lwalwufana netempile kaSolomon; kwaye uhlobo lokwenziwa kwayo lwalucwenge ngokugqithisileyo.

17 Kwaye kwenzekile ukuba, mna, Nifayi, ndababangela abantu bam ukuba abakhuthale, kwaye basebenze ngezandla zabo.

18 Kwaye kwenzeka ukuba banqwenela ukuba ndibe angukumkani wabo. Kodwa mna, Nifayi, ndandinqwenela ukuba bangabinayo ikumkani; nangona kunjalo, ndabenzela kangangoko kwakusemandleni am.

19 Kwaye qaphela, amazwi eNkosi aye ezalisekisiwe kubantakwethu, eyathi yawathetha ngokunxulumene nabo, ukuba ndibe angumlawuli kwakunye bnotitshala wabo. Ngako oko, bendingumlawuli kwakunye notitshala wabo, malunga nemiyalelo yeNkosi, kwade kwaba lelo lixa abathi bafuna ukuthabatha ubomi bam.

20 Ngako oko, ilizwi leNkosi lazalisekiswa awalithetha kum, ethetha oku: Kangangokuba abengayi kuwaphulaphula amazwi akho baya kusikelwa ngaphandle ebusweni beNkosi. Kwaye qaphela, baye bbasikelwa ngaphandle ebusweni bayo.

21 Kwaye yenza ukuba aisiqalekiso size phezu kwabo, ewe, kwasona isiqalekiso esibuhlungu, ngenxa yobugwenxa babo. Kuba qaphela, baye bazenza likhuni iintliziyo zabo ngokuchasene nayo, zaza zanjengenyengane; ngako oko, njengokuba babemhlophe, kwaye bebahle ngokugqithisileyo kwaye bbebukeka, khona ukuze bangabi namtsalane kubantu bam iNkosi uThixo yathi yabenza ukuba babe cnolusu olumnyama.

22 Kwaye itsho njalo iNkosi uThixo: Ndiya kubenza ukuba abacekiseke kubo abantu bakho, ngaphandle kokuba baya kuthi baguquke kubugwenxa babo.

23 Kwaye iya kuqalekiswa imbewu yalowo uthe awazivanga nembewu yabo; kuba nabo baya kuqalekiswa kwangeso siqalekiso. Kwaye iNkosi yakuthetha, kwaze kwenzeka.

24 Kwaye ngenxa yesiqalekiso sabo esasiphezu kwabo baye ababangabantu abangamavila, bezele yintlonti kwanenkohliso, kwaye babezingela izilo ezingamaxhoba entlango.

25 Kwaye iNkosi uThixo yathi kum: Baya kuba sisibetho kwimbewu yakho, ukubavuselela ekubeni bandikhumbule; kwaye kangangokuba bengayi kundikhumbula, kwaye bawaphulaphule amazwi am, baya kubacinezela bade babatshabalalise.

26 Kwaye kwenzeka okokuba mna, Nifayi, andimisele uYakobi noYosefu, ukuze babe ngababingeleli neetitshala kulo lonke ilizwe labantu bam.

27 Kwaye kwenzeka okokuba sihlale ngohlobo lolonwabo.

28 Kwaye iminyaka engamashumi amathathu idlule ukusuka kwilixa lokushiya kwethu iYerusalem.

29 Kwaye mna, Nifayi, andiyekanga ukubhala imbali phezu kwamacwecwe, endathi ndayenza yabantu bam kude kube ngoku.

30 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi uThixo yathi kum: Yenza aamanye amacwecwe; kwaye uya kukrola izinto ezininzi ezilungileyo emehlweni am, ukunceda abantu bakho.

31 Ngako oko, mna, Nifayi, ukuze ndithobele imiyalelo yeNkosi, ndahamba ndaza ndenza ala macwecwe endithe ndakrola phezu kwawo ezi zinto.

32 Kwaye ndakrola oko kukholekileyo kuThixo. Kwaye ukuba abantu bam bayakholiseka zizinto zikaThixo baya kukholiseka yimikrolo yam ephezu kwala macwecwe.

33 Kwaye ukuba abantu bam banqwenela ukwazi inxenye ethile engakumbi yembali yabantu bam mabaphengulule kwamanye amacwecwe am.

34 Kwaye kuyandanelisa ukuba ndithi amashumi amane eminyaka agqithile, kwaye sele sineemfazwe neembambano nabantakwethu.