Scripture Stories
Malunga neNcwadi KaMormoni


“Malunga neNcwadi kaMormoni,” Amabali eNcwadi kaMormoni (2023)

Malunga neNcwadi KaMormoni

UYesu Krestu naBantu baKhe kumaMelika

Umfanekiso
UYesu ekukhanyeni kwasezulwini

INcwadi kaMormoni sisibhalo. Isifundisa ngeNkosi uYesu Krestu nokutyelelo lwaKhe kumaMelika kudala. KwiNcwadi kaMormoni, sinokufunda ngevangeli likaYesu. Isifundisa indlela yokuba noxolo ngoku nendlela esinokuphila ngayo noThixo noYesu ngenye imini.

IGama lePhepha leNcwadi kaMormoni; intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; 3 Nifayi 11

Umfanekiso
umprofeti nomama nabantwana

INcwadi kaMormoni yabhalwa ngabaprofeti bakaThixo. Babhala kumaphepha entsimbi abizwa ngokuba ngamacwecwe. Aamabali nobungqina babo businceda sibe nokholo kuYesu. Babhala ngamaqela amaninzi abantu ababehlala kumaMelika kudala.

IGama lePhepha leNcwadi kaMormoni; intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni

Umfanekiso
UNifayi nosapho enqanaweni

Iqela elinye lalivela eYerusalem lisiya kumaMelika malunga neminyaka engama-600 ngaphambi kokuba uYesu azalwe. Baba zizizwe ezibini ezibizwa ngokuba ngamaLeymenayithi namaNifayithi.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; 1 Nifayi 1:4

Umfanekiso
AmaYeredayithi eshiya inqaba

Ngaphambili kakhulu, elinye iqela lalivela kwiNqaba yeBhabheli ukuya kumaMelika. Babebizwa ngokuba ngamaYeredayithi.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; Etere 1:33–43

Umfanekiso
USamuweli ufundisa ngokuzalwa kukaYesu

Abaprofeti bakaThixo babafundisa abantu. Xa abantu baphulaphula kwaye bagcina imithetho kaThixo, Yena wabanceda bona. Abaprofeti bafundisa ngoYesu baza bathi Yena wayeza kuzalwa eYerusalem. AmaNifayithi namaLeymanayithi afunda ukuba uYesu uya kubatyelela emva kokufa kwaKhe.

2 Nifayi 1:20; 25:12–14; 26:1, 3, 9; Mozaya 3:5–11; Alma 7:9–13; Hilamani 3

Umfanekiso
uYesu ovuke ekufeni nabantwana

UYesu weza kanye njengoko babetshilo abaprofeti. Emva kokuba uYesu efile waza wavuswa ekufeni, Yena wabatyelela abantu. Yena wavumela ukuba umntu ngamnye aweve amanxeba ezikhonkwane ezandleni nasezinyaweni zaKhe. Babesazi ukuba uYesu wayeNyana kaThixo. Yena wafundisa ivangeli yaKhe, kwaye abantu bayibhala phantsi. Bathetha ngotyelelo lukaYesu ngeminyaka emininzi.

3 Nifayi 11:7–15, 31–41; 16:4; 4 Nifayi 1:1–6, 13–22

Umfanekiso
UMormoni namacwecwe egolide

UMormoni wayengumprofeti owaphila amakhulu ambalwa eminyaka emva kokuba uYesu etyelele. Ngexesha lobomi bukaMormoni, abantu bayeka ukulandela iNkosi. UMormoni wayenemibhalo yabaprofeti ababephila ngaphambi kwakhe. Wabeka uninzi lwemibhalo yabo kwiseti enye yamacwecwe. La macwecwe aba yiNcwadi kaMormoni.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; Amazwi kaMormoni 1:2–9; Mormoni 1:2–4, 13–17

Umfanekiso
UMoronayi engcwaba amacwecwe egolide

Phambi kokuba uMormoni afe, wanika unyana wakhe uMoronayi amacwecwe. Ngexesha lobomi bukaMoronayi, abantu babesenza izinto ezimbi kakhulu. Babefuna ukubulala bonke abantu ababekholelwa kuYesu. UMoronayi wayefuna ukunceda abantu kwixesha elizayo, ke ngoko wabhala ngakumbi emacwecweni waza wawangcwaba ukuwagcina ekhuselekile.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; Amazwi kaMormoni 1:1–2; Mormoni 8:1–4, 14–16; Moronayi 1

Umfanekiso
ingelosi uMoronayi ezibonakalisa kuJoseph Smith

Emva kweminyaka emininzi, ngowe-1823, uMoronayi weza njengengelosi kuMprofeti uJoseph Smith. UMoronayi waxelela uJoseph ukuba angawafumana phi na amacwecwe. Ngoncedo lukaThixo, uJoseph waguqulela oko kwakubhalwe emacwecweni.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; iMbali—kaJoseph Smith 1

Umfanekiso
udade nomzalwana befunda izibhalo

UThixo uthumela uMoya oyiNgcwele ukuba ukuncede wazi xa into ethile iyinyani. Xa ufunda iNcwadi kaMormoni, ungathandaza kwaye ubuze uThixo ukuba yinyani na. Ngendlela efanyo, ungazazela ukuba uYesu unguMsindisi wakho kwaye Yena uyakuthanda.

Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni; Moronayi 10: 3–5